xhosa.1215.yourbackpage_last
Ukugqibela kwam ukuya phesheya...
BekunguJulayi walo nyaka. Ndiye eMelika ukuya kubhiyozela usuku lokuzalwa lukaTat' uMandela nalapho ndiye ndacula nemvumi enguJosh Groban. Ndiphinde ndaya eLos Angeles ukuya kudibana noKeb Mol oyiprodyusa yecwecwe lam elilandelayo.
Ukugqibela kwam ukuhambela ulonwabo...
Eneneni andisakhumbuli. Ukusukela ngo-2003 bendihambela umculo, noxa ndikhe ndazama ukuya kwikhefu akwenzeki kuba ndixakekile. Kukho ixesha apho ndicule kwiikhonsathi ezingama-41 ngeentsuku ezingama-47 e-Yurophu naseMelika. Bendisandula kuba kwinkqubo ka-SABC2 ethi Who Do You Think You Are? kwaye apho ndifumene ithuba lokufumana ulwazi ngemvelaphi yam. Sele ndisuka eSwazini kulotata kwaye ndizimisele ukuya naseLusuthu. Andizange ndiye kwaye ndingavuya xa ndinokufumana imbali ngabantu bakulomama.
Ukugqibela kwam ukonwaba ndedwa...
BekungoJulayi eMelika. Ndihlale iveki yonke ecaleni kolwandle lwaseVenice eLA. Bendihleli ndedwa ndinexesha lokucinga nelokubhala, ndonwabile. Kodwa ukuba nosapho kundenze ndayindoda engazicingeli yodwa. Ndiyakuthanda ukuba nenkathalo kwaye ndizimisele ukuchitha ixesha nosapho lwam ekhaya. Akukho ndawo injengekhaya.
Into yokugqibela endenze ndazingca ngokuba ngoweli...
Ukubhiyozela uSuku lukaMandela eNew York. Ungumntu omkhulu, sisinyanya kuluntu luphela kwaye umele wonke umntu. Uyinkuthazo kubantu abaninzi, ungaphaya kokuba yindumasi kwaye usuka kwelam ilizwe. Ndiyazingca ngaloo nto!
Isidlo sokugqibela esimnandi...
Bendikunye nabahlobo eColorado eStates. Yayisisidlo sase-Ethiopia ndandiqala nokusitya, yho, banesithethe esinomdla kuba bakufunza ngokwabo. Ndaqala ndaziva njengosana kwaye wonke umntu wayefuna ukundifunza.
Into yokugqibela endenze ndafinga iintshiya...
Inqaku elalikwi-Daily Sun malunga nefani yam yokwenene, uZwane. Loo ntatheli yayikhona ukudibana kwam nodadewethu ku-Who Do You Think You Are? kwaye imel' ukuba yasiva sithetha. Yeva kakubi kwaye ndinqwenela ukuba ilungiswe loo nto. Ndifunde ukuwulawula umsindo wam kodwa loo nto yandicaphukisa.
Imvumi yokugqibela endingene eqongeni nayo...
NguHabib Koité waseMali kunye nemvumikazi yase-Afrika uDobet Gnahoré kwi-Oppikoppi Festival ngo-Agasti. Siyinxalenye yeprojekthi ekuthiwa yi-Acoustic Africa.
Into yokugqibela endichithe imali kuyo...
Yincwadi ebhalwe nguDon Mattera ethi They Passed This Way And Touched Our Lives. Icwecwe lam limel' ukuphuma kule nyanga izayo okanye ekuqaleni konyaka ozayo kwaye ndizimisele ukwenza ingoma ngenye yemibongo yakhe. Ngumbongo awubhalele umbhali uNadine Gordimer endicinga ukuba wadlala indima enkulu ngexesha lobandlululo.
Ifoto yam yokugqibela ...
Ndifote kunye noGloria Gaynor kwikhonsathi yeNelson Mandela Day. Ndafota nabantu abaninzi kuquka neprodyusa/nomculisi uQuincy Jones, abalinganisi uSamuel L Jackson no-Alfre Woodard, kodwa isikakhulu ndandifuna ukufota no-Aretha Franklin. Ndandiseliftini naye kodwa ejikelezwe ngoonogada, ndandingenako! [x]
Umqulunqi: Ntokozo Maseko
IKHASI LAKHO LOKUGQIBELA
Imvumi, umbhali weengoma, imbongi, umzabalazi nonozaku-zaku wephulo iMandela 46664 Foundation, uVusi Mahlasela utyelela kwiindawo ezininzi kakhulu kodwa uthi ayikho indawo efana nekhaya
