xhosa.2902.beauty (2)
EZOBUHLE
ULUSU
OLUNGENASIPHAKO
INGABA asinqweneli sonke ukuba nolusu oluhle olunjengolweemodeli ezikwiintengiso? Nangona le mifanekiso ilungisiwe ngekhompyutha, sisazi nokuba alunakubakho ulusu olungenasiphako, kodwa sinako ukuwanciphisa amabala.
Ibala lolusu lwakho lwenziwa sisivelisi -bala ekuthiwa yimelanin - ngokuya ibaninzi imelanin eluswini ibala lakho liya ngokuba mnyama. Imelanin yiyo ekhusela ulusu elangeni nelugcina lubukeka lulutsha.
Iziphene zesivelisi-bala solusu zibangela ulusu olunezitshele, lulahlekelwe libala lukhanye okanye lubemnyama. Ngokuya usiba mdala, uza kuba namabala amnyama. La mabala aziwa njengamabala okwaluphala kwaye zezona mpawu ziqhelekileyo ezibonakalisa ukungasebenzi kakuhle kwesivelisi-bala.
Ngokutsho kweenzululwazi la mabala amnyama kuthiwa yihyperpigmentation, kwaye abangelwa zezi zinto zilandelayo.
Lilanga. Xa ulusu lwakho luhleli kakhulu elangeni luvelisa imelanin eninzi. Ukuba uchitha ixesha elinzini phandle kubalulekile ukusebenzisa iimveliso zexabiso (ezineSPF eninzi) zokukhusela ulusu lwakho elangeni.
Ukungatyi ukutya okunesondlo, iziqhamo nemifuno, okanye kukho iivithamini ongazifumaniyo.
Xa ulunywe sisinambuzane, unamaqhakuva okanye unenxeba.
Ziliqela iindlela zokunyanga la mabala nangona kubalulekile ukuya kugqirha wezifo zonke okanye ugqirha wolusu phambi kokwenza njalo.
Izithambiso zokukhanyisa ibala lolusu zezona zifikelelekayo kwizinto eziphelisa amabala kwaye azinabungozi. Ziyafumaneka ezivenkileni zamayeza (ezamabala amancinane), kodwa ezinye zifuna incwadi kagqirha.
Izithambiso ezininzi zokukhanyisa ibala ziqulethe izithinteli zemelanin kunye nesikhuhli (exfoliant) esisusa iiseli ezifileyo zolusu. Phambi kokusithambisa, lucoce ulusu ukuze ingene. Sisebenzise kabini, okanye ngokokutsho kukagqirha, ulinde ubuncinane imizuzu engama-20 phambi kokuthambisa enye imveliso eluswini lakho.
Sisengaqala ukusebenza emva kwenyanga - izithambiso azisebenzi ngokukhawuleza!
Nokuba sewufuna kangakanani ukuwasusa amabala ungaze usebenzise izithambiso ezinesteroids kuba olu hlobo lungamosha ulusu lwakho umphelo. Ungazisebenzisi nezinemercury, kuba yona inetyhefu.
Zikhona ezinye iindlela ezinganciphisa amabala amnyama, njengonyango olusebenzisa amaza ombane namachiza akuxobulayo. Ezi ndlela ziyakhawuleza, kodwa zixhomile ngexabiso mhlawumbi zingaba buhlungu nokuba buhlungu.
Imake-up yokulungisa ibala ikhawuleza iyawafihla amabala akho. Noxa ingawasusi kodwa iyawogquma kuba ifana nebala lakho lendalo kwaye kubalulekile ukuthetha nengcali yolungiso-buso ikuncede ukhethe ithinti eyiyo. Umzekelo, ithinti ephephli ingangahambelani notyheli. Yihlambe imake-up rhoqo phambi kokuba ulale ukuze ungalumoshi ulusu lwakho.
Bekufanele ukuba zonke iimveliso zolungiso buso zihypoallergenic, oku kuthetha ukuba izithako zazo azinakulugulisa ulusu lwakho.
Abantu abaziinkawu nabo banesifo esibangwa sisiphene sesivelisi-bala solusu nalapho isuke ingekho kwayona imelanin, emehlweni, esikhumbeni nasezinweleni, ibangelwa lufuzo kwaye ayifane yenzeke. Ulusu luba mhlophe lumbatshe, iinwele zibe mhlophe ukuya kutyheli, amehlo aluhlaza okanye abengwevu. Ukungabikho kwemelanin emehlweni naseluswini kwenza zingakhuseleki elangeni. Abantu abaziinkawu ababoni kakuhle kwaye basengozini yokuba nomhlaza wolusu.
Ngelishwa esi siphene seenkawu asinyangeki, kodwa kubalulekile ukukhusela amehlo akho elangeni nakwizibane ezibukhali. [x]
Umbhali: Charis Dawson
Musa ukusebenzisa izithambiso ezikhanyisa ibala ezinesteroids okanye imercury
Eziny' iingxaki zebala lolusu
Amabal' amnyama nolusu lwenkawu akuzizo kuphela iingxaki zebala lolusu. Nazi ezinye.
IVitilgo: Amachokoza amhlophe avela kulusu lwabantu abaphakathi kweminyaka eli-10 nengama-30 ukanti maxa wambi abakho xa umntu esikekile okanye enzakele.
IMalasma: Ibala elimnyama elogquma izidlele nombombo. Idla ngokuvela kwiinyanga zokugqibela xa ukhulelwe.
IMoles: Amabala amancinci amnyama afumaneka kwiindawo ezithile zomzimba. Azibi nabungozi kodwa ukuba zitshintsha umbala, ukumila nendlela ezivakala ngayo, okanye zophe, oko kungaba ziimpawu zokuqala zomhlaza wolusu.
IFishscale Disease (Lamellar Ichthyosis): Izitshele ezirhwexayo, ezomileyo eluswini, nekusisifo sofuzo.
ILitchen Simplex: Iyarhawuzelela kwaye igqibela isenza izitshele eziqinileyo kulusu lwakho.
Indlela zokufihla nokuphelisa amabala...
