xhosa.2896.health
Ukungavukelwa KAKUHLE
Kufuneka indoda ivukelwe ngokupheleleyo ukuze ikwazi ukuba nendibano yesondo - iqala apho ke inkathazo. Ukungavukelwa kakuhle kungancedakala...
UKUNGAVUKELWA ngokupheleleyo akuyongxaki ekhathaza amadoda amadala kuphela.
Injalonje le ngxaki ayinanto yakwenza "nobudoda" bakho. Yingxaki echaphazela isinye esithathwini samadoda ehlabathini jikelele.
Ama-70% abantu abanengxaki yokungavukelwa baneengxaki ezisemzimbeni - ukanti oko kungaba luphawu lweengxaki ezinkulu ezizayo ngokutsho kukaGqr. Shingai Mutambirwa waseSoweto onyanga amadoda amaninzi anale ngxaki naquka nakwiminyaka engama-20.
Umzekelo, amadod' amathathu kwamane anesifo seswekile anamaxesha okuba nengxaki yokungavukelwa, utsho.
Indoda ivukelwa xa igazi lizalisa ilungu lobudoda lize liqine. Kodwa ke kukho izinto eziliqela ezingenza oku kungenzeki.
UKUSELA KAKHULU UTYWALA
Oonobangela bale ngxaki baquka ukusela kakhulu utywala okungenza ungavukelwa ngokupheleleyo ngeziny' iimini (ekuyingxaki oyibangela ngokwakho), ukusebenzisa amayeza athile neziny' iingxaki zempilo.
Kungabangelwa nakukuba nekholesteroli eninzi okanye ihayi-hayi - ngxaki ezo zichaphazela ukuya kwegazi kwilungu lobudoda okukokona kubalulekileyo!
UXINZELELO LWENGQONDO (ISTRESI)
Uxinzelelo lwengqondo (istresi) lwenza kubenzima ukuvukelwa kungenjalo ungavukelwa kwaphela.
Yiloo nto iingcali ezinjengoNjing. Raymond Rosen ongumlawuli wenkqubo yezesondo e-US zisithi xa unengxaki yokungavukelwa ngokupheleleyo,
oko akuthethi kuthi awuseyiyo indoda.
Yinto eqhelekileyo ukuzifumana ukhathalele umsebenzi nosapho kakhulu, de iingxaki zazo zikwenze udakumbe. Oko ke kukwenza ubenoxinzelelo lwengqondo olumandla.
"Uyacaphuka, uzibone ungeyondoda yaye ungenamandla okwenza nto," utsho uRosen.
Ukusuka apho ugxeka iqabane lakho, okanye ufune iqabane elitsha, zinto ezo zingayi kukunceda. Endaweni yokuba zikuncede ziyenza mandundu ingxaki yakho.
UNGALUFUMANA UNCEDO
Ilungu lakho lobudoda liyakufuna ukukhathalelwa. Yinyaniso nokuba ukungavukelwa kakuhle yingxaki ongafanelanga ubeneentloni ngayo.
Ikwayenye yeengxaki ezinyangekayo kule mihla! Into eyifunayo nje indoda kukuba nesibindi sokuya kugqirha iye kucela uncedo xa inayo![x]
Umbhali: Patricia McCracken
Ukuze ufumane eziny' iinkcukacha, qhagamshelana neSA Sexual Health Association: ku: 0860-100-262; okanye uye
ku-www.sexualhealth.co.za
INQAKU LEMPILO
Ukusebenzisa amayeza angancediyo kungayenza mandundu le ngxaki
Ungayibethisi ngoyaba le ngxaki
Amaxesh' amaninzi amadoda anengxaki yokungavukelwa ngokupheleleyo akafuni ukuthetha ngengxaki yawo. "Kungayinceda indoda xa iqabane layo lithetha ngale ngxaki, liyincome xa yenze kakuhle nokuba liyivumele ibeyindoda," itsho ingcali yezesondo, uRaymond Rosen.
Ungazibek' ityala wena: Ukuzibeka wena ityala kuyenza mandundu ingxaki yakho.
Mncede afuman' uncedo: Amayeza engxaki yokungavukelwa ngokupheleleyo akayenzi indoda ithande isondo okanye ibesesichengeni sokusulelwa yiHIV, utsho uRosen. Obo bubuvuvu nje. Ukunyangwa kwayo kuyawusindisa umtshato wakho, ingakumbi xa nisebenzisana neqabane lakho ukulungisa le ngxaki.
Yiloo nto iyeza lokunyanga le ngxaki kusithiwa ngu-"vusumuzi".
OKUNGENZIWA NGAMABHINQA
