xhosa.2892.tb
Unyango lwesifo sephepha
Isininzi sabantu beli loMzantsi Afrika banesifo sephepha (iTB) - kodwa singasilwa kuba amaxesha amaninzi siyakhawuleza ukunyangeka...
KWIIVEKI ezimbalwa ezidlulileyo imvumi yekwaito eyaziwayo uMawillies uphulukene nobomi bakhe eneminyaka engama-39 ngenxa yesigulo ekukrokrelwa ukuba yi-TB. Kwaye ngoku eKZN naseNtshona Koloni amanani athi ngumntu omnye kwabaliwaka onesifo i-TB.
Kodwa akufanelanga kubenje. Kunyaka ka-2007 banyangwa ngokupheleleyo bonke abaguli beklinikhi yaseMitchell's Plain. Into ebalulekileyo kukuba ikhawuleze ibonwe kuze kulandele unyango nolwazi oluphangaleleyo ngesi sifo.
Esi sifo sephepha sibizwa ngeTB sisifo esondelayo nesosulelayo. Sibangelwa yintsholongwane ekuthiwa yiMycobacterium tuberculosis - ihlasela imiphunga yomntu aze angakwazi ukuphefumla kakuhle.
Inwenwela nakwamanye amalungu omzimba, njengamathambo, ekudibaneni kwamathambo, elufeleni, kwinkovu, emathunjini, kumbhobho wokuchith' amanz' omzimba nakwimithambo-luvo.
Baninzi abanale ntsholongwane emzimbeni kodwa iyakhula ibeyingozi xa usitya ukutya okungekho sempilweni, unoxinzelelo lomzimba, xa waluphele okanye uneHIV.
Ziyintoni iimpawu zayo?
NgokweSebe lezeMpilo ezona ziqaphelekayo zezi: ukukhohlela okungapheliyo (okuthabatha ngaphezulu kwenyanga); kubenzima ukuphefumla; ungacaceli ukutya; ukuncipha emzimbeni; ukusoloko udiniwe, ukungadlamki nokutyhafa; ukubila ebusuku; uba nengqele nobushushu; ubuhlungu ekudibaneni kwamathambo; isifuba esibuhlungu; ukukhohlel' igazi.
Isulela kanjani?
I-TB isasazeka ngokukhohlela ikakhulu. Iintsolongwane ziphumela emoyeni xa umntu ekhohlela zize ziphefumlwe. Kanti xa uneHIV ungoyena usemngciphekweni wokosuleleka yiTB (ngenxa yobuthathaka bamajoni omzimba) okanye xa ungumsebenzi wasemigodini usoloko udibana nesilikha.
Ndifanele ndenze ntoni xa ndikrokra ukuba ndineTB?
Ukuze wazi ukuba unayo iTB abezempilo bavavanya isikhohlela sakho mhlawumbi bakwenze iX-reyi yesifuba.
Ngelishwa ke kuthatha ixesha elide ukubonwa kweTB nokuba unoluphi uhlobo.
I-TB sisifo esinyangekayo, nokuba uneHIV. Kwaye amathuba akho okuba unyangeke maninzi ukuba ikhawuleze yabonakala.
Luluphi unyango olukhoyo?
Ukuba unazo ezi mpawu sele zikhankanyiwe, ndwendwela ugqirha okufutshane kuwe, iklinikhi okanye isibhedlela ngoku.
Kukho "ifirst-line" kunye "nesecond-line" ekuzipilisi zokunyanga iTB, kodwa eyona nto ibalulekileyo kukukhumbula ukuba unyango lweTB luthabatha ixesha elide, phakathi kweenyanga ezi-6 ukuya kwezili-9, kwaye kubalulekile ukuligqiba eli thuba uzitya iipilisi.
"Okuqhelekileyo kukuba abantu bathi bakuziva bebhetele emva kweentsukwana besitya iipilisi bafune ukuziyeka emva kwenyanga, kuba beziva bephilile," utsho uHeidi Booyens ongumongikazi weTNS Clinic e-Amanzimtoti, eKZN.
Ukuba uyeke iipilisi phakathi, sisahleli isifo, nokuba uziva uphilile.
Kuba abantu bengaligqibi ixesha lokusela iipilisi elibekiweyo ngoku kuthe gqi uhlobo olutsha lweTB kwaye yanda ngokukhawuleza.
Le i-TB ayiva zipilisi, kuthiwa yiMDR-TB, yaye kunzima ukuyinyanga
Khumbula...
Uvavanyo nonyango lwe-TB aluhlawulelwa kwiSebe lezeMpilo.
I-TB neHIV?
Kutheni abantu abaneHIV ingabona basemngciphekweni?
Ngokwamanani asemthethweni eWorld Health Organization, kuqikelelwa ukuba bangama-33% abantu kwizigidi ezingama-40 abaphila neHIV/AIDS ehlabathini abakwanesifo iTB - kwabo bantu aba-6 okanye aba-7 ehlabathini abaneHIV, omnye kubo ukweli.
Isizathu soko kukuba kunzima ukuyibona nokuyinyanga iTB kwiziguli ezineHIV. Unyango lweTB luxhomekeke kakhulu ekuyiboneni nokuyinyanga ngokukhawuleza, kodwa xa ikwiziguli ezineHIV iTB ingangabonwa. I-TB iyakhawuleza ukunwenwa emntwini onamajoni omzimba abuthathaka.Xa inganyangwanga ingayingozi kumntu oneHIV.
Iqumrhu eliqulunqa iingxelo zezempilo ehlabathini iGlobal Health Reporting ithi ukuba abafumananga nyango lululo abantu abaneHIV/AIDS ama-90% abo asweleka ingaphelanga inyanga behlaselwe yi-TB.
Bathi i-antiretrovirals (iipilisi ezithomalalisa ulwamvila lukagawulayo) zaziwa zikuthintela ukusebenza kweepilisi zeTB kwaye kuyimfuneko ukuthetha nabezempilo ngomawukusebenzise.
Ukuba uneHIV kwaye sewuke wanyangelwa iTB ngaphambili, unyango olutsha lungayimfuneko kwaye kufuneka ujongwe ngeliso elibukhali kuba zingangasebenzi iipilisi ozinikiweyo.[x]
IBALI THANDI ZULU
INQAKULEZEMPILO
BONA XHOSA - May 2008
u
t
Ukukunceda woyise iTB...
ISebe lezeMpilo lisebenzisana nabantu abohlukeneyo ekuhlaleni, njengooNompilo ukuququzelela unyango lweTB olwaziwa ngokuba yiDirectly Observed Treatment, ukuziswa kweepilisi emakhayeni eziguli kunye nonyango apho iipilisi zingatyiwa xesha lide (iShort-course strategy).
Ndiyasulela kwaye ndihlala ekhaya - ndingazikhusela njani mna nosapho lwam?
I-TB inwenwa kwindawo ezincinane, ezivalekileyo, ngoko ke...
Zama ukungasondeli kwabanye.
Ulale kwigumbi lakho wedwa.
Uvule iifestile rhoqo.
Zihlambe izandla zakho xa ugqiba kuthimla, ukukhohlela nokuba isandla sakho sike sakufutshane nobuso okanye impumlo yakho.
Yogquma umlomo wakho ngephepha lokufinya xa ukhohlela, uthimla okanye uhleka uze uwalahle eplastikini uyibophe.
BONA XHOSA - May 2008
Kubaluleke kakhulu ukugqiba ixesha olibekelweyo lokutya iipilisi
Xa ufuna ulwazi
Qhagamshelana neSebe lezeMpilo:
Kwi-Ofisi eyintloko, ePitoli: 012-312-0089;
Mpuma Koloni: 040-609-3960;
Free State: 056-212-2271;
Gauteng: 011-355-3408;
KwaZulu-Natal: 033-395-2586;
Limpopo: 015-290-9126;
Mpumalanga: 013-712-5837;
Mntla Ntshona: 018-297-0962;
Mntla Koloni: 053-830-0697;
Ntshona Koloni: 021-483-5431.
