xhosa.2877.Shwi
Bazimisele ngokucula
BONA XHOSA - February 2006
UShwi noMtekhala liqela lomculo kamaskhandi lamadod' amabini anomculo othengwa okwamagwiny' ashushu...
ABAZIBONI beziindwalutho uShwi noMtekhala abaliqela lomculo womaskhandi elihlokomise umzi ngomculo walo omnandi. "Asilindelanga ukuba abantu bancome iingoma zethu. Mabancome uThixo kuba Nguye osinika ubuchule bokuba sibadlalele zona," batsho.
Kungoku nje iCD yabo ethi Wangisiza Baba ithengisa iikopi ezingaphezulu kwama-25 000 ngenyanga kwaye idlalwa kakhulu kwizikhululo zoonomathotholo kulo lonke eli.
"Oku kubonisa ukuba abathengi bomculo bayavuthwa," utsho uDJ Linda Sibiya. UShwi noMtekhala bacula ngemiba echaphazel' uluntu. Ingoma yabo ethandwa kakhulu ethi Ngafa ithetha ngendoda eyosulelwe sisithandwa sayo ngentsholongwane yeHIV.
Ngoku le ndoda izimisele ukufumana indoda eyosulela isithandwa sayo ngeHIV ukuze iyinqande ukuba ingosuleli abanye abantu.
USibiya uthi ukuthandwa kweli qela ngabantu kubonisa ukuba abantu abazikhathazi ngezinto ezingenamsebenzi kuphela.
UShwi uneminyaka engama-32 ubudala kanti uMtekhala uneminyaka engama-35. Baqala ukucula kunye beselula eMsinga.
Baya kuhlala eJohannesburg kwiminyaka eli-17 eyadlulayo kungekho mntu bamaziyo ongabanceda ukuze bakwazi ukuziphilisa ngesiphiwo somculo wabo. Bafika bahlala eKatlehong kusagquba udushe lwepolitiki.
Isivumelwano sokushicilela icwecwe labo lokuqala basifumene emva kwethuba bephila ngokucula ezihostele nakwiindawo zentselo.
"Kwakunzima ngamany' amaxesha kodwa asizange sililahle ithemba. Sasizimisele ukuphumelela emculweni kwaye singaboni nto ingema endleleni yethu," utshilo uMtekhala.
Elona qela lomculo wesintu ebelinkqenkqeza phambili kwiminyaka engama-30 bekuyiSoul Brothers efake izandi ezimnandi zekeyboard kwiingoma zayo zombhaqanga. UShwi noMtekhala baliqela lokuqala elicula umculo wesintu elithengise amacwecwe amaninzi ngolu hlobo.
Umculo wabo usekelwe kwisandi sekatala uShwi akufunda ukuyikhalisa eselula, kodwa umculo wabo unayo nentwana yepop eyenza umculo wabo uthandwe ngabantu abadala nabatsha.
Umzekelo ingoma ethi Ngafa inesingqisho esiyelele kwingoma yemvumi yeR&B yaseMelika uMarvin Gaye eyayithandwa kakhulu ngo-1972 ethi Sexual Healing.
Nangona liphumelela eli qela kodwa lixakekile licula kwiminyhadala yomculo yaye libhala neengoma zecwecwe elitsha.
Izinto ziqale ukulihambela kakuhle eli qela ngo-2005. Ukucula kwalo kamnandi nokubhengezwa kakuhle komculo walo kuko okulinike impumelelo.
I-CD yalo yangaphambili ethi Dustbin yathengisa iikopi ezingama- 8 000 kuphela ekupheleni kuka-2003, kodwa yabanceda bafumana isivumelwano kwaBula Music. Kaloku umlawuli wale nkampani, uHarvey Roberts wayeyiprodyusa yeemvumi eziphambili njengoBrenda Fassie, uRingo noRebecca.
Kodwa ukunika uShwi noMtekhala isivumelwano kwakulucelo-mngeni olutsha. "Ndandingazi ukuba umculo wabo uza kuthengwa kanjani. Abantu babesithi bayaphela abantu abathenga umculo wesintu wesiZulu. Kodwa ke eli iqela licula kamnandi kwaye zimnandi iingoma ezikwicwecwe lalo elithi Wangisiza Baba," utshilo uHarvey.
"Ndandicinga ukuba liza kuthengisa amacwecwe angama-25 000. Sizame ukulibhengeza kangangoko sinako ukuze lithengwe ngabantu.
"Ngenene ke lithengiwe kwaye kuyazala nakwiminyhadala yomculo abacula kuyo," utshilo uHarvey.
Xa besincokola nabo kwii-ofisi zakwaBula Music ububona nje ukuba abaziboni beziindwalutho.
"Imali yethu asiyichithi ekuthengeni iimpahla ezintle neemoto. Ootata abasekho emhlabeni ngoko sithi esondla iintsapho zasekhaya," utshilo uMtekhala.
UShwi yena uthe: "Sesibhala iingoma zecwecwe lethu elizayo kwaye nalo sifuna lithandwe. Asiziboni singaphezulu kwabalandeli bethu. Sibanye kunye nabo, kwaye oko ngumvuzo wokusebenza nzima."[x]
"NguThixo osibhalela iingoma zethu," utsho uShwi noMtekhala.
kubhale uDOUG GORDON
Babonis' ukuba umculo wesintu uyathengwa
EKUNENE: Bafotwe bephethe iimbasa abazifumene ngokuthengisa amacwecwe angaphezulu kwama-200 000.
BONA XHOSA - February 2006
