xhosa.2874.legaldec
INGXAKI: Ndichophela amatyala emsebenzini. Abaqeshi bam bangqwabalala kwaye bafuna ndithathe izigqibo ezingqwabalala. Ndicela icebiso ngemandikwenze ukumelana nale ngxaki ndikuyo.
ICEBISO LABAKWASCORPION:
Khumbula ukuba ezinye zezinto omelwe kukuzenza zezi:
Ukuqinisekisa ukuba umsebenzi wakho uwenza ngokuthembeka kumqeshi wakho maxa onke;
Ukusoloko ungumthetheleli wabaqeshwa benkampani.
Ezi zinto ziwenza ube nzima nangakumbi umsebenzi wakho.
Masenze umzekelo ngetyala lomqeshwa otyholwa ngokuziphatha kakubi emsebenzini. Inkampani iyamgweba umqeshwa okanye kuthethwe ityala aze agxothwe umqeshwa maxa wambi.
Ngaphambi kokwenza isigqibo kufuneka uzibuze le mibuzo ebalulekileyo elandelayo:
t Ingaba eli tyala liphandisisiwe kwaye ingaba zikho na iingxelo ezibhaliweyo zamangqina oku kungaziphathi kakuhle"
t Ingaba ezi ngxelo zibhaliweyo zifundiwe zaza zathelekiswa ukuze kucace ukuba ubungqina abuphikisani na"
t Ingaba zikho iingxelo ezibhalwe ngumqeshwa otyholwa ngokuziphatha kakubi ezichaza ngokuziphatha kwakhe" Ingaba zijongiwe kuqala iinkcukacha zakhe nokuziphatha kwakhe ngokubanzi"
t Ingaba kuhambisana nomthetho wenkampani ukumgxotha umqeshwa okanye angagwetywa ngandlela yimbi"
t Ingaba ufumene impembelelo yomqeshi ngesigqibo osithathileyo"
t Ingaba umqeshi uvumela iimvakalelo zidlale indima enkulu ukuze uthathe isigqibo esifunwa nguye"
Ungasithathi isigqibo ungaqalanga ngokuqwalasela le mibuzo. Ungoyiki ukufuna amacebiso kwigqwetha okanye umcebisi wezemisebenzi wenkampani. Mtsalele umnxeba kwaye uya kukunceda.
Kushicilelo oluzayo siza kubhala ngokuba kubhetele na ukusombulula ingxaki ngaphambi kokuba kuxoxwe ityala. [x]
ABAFOTIWEYO BAYABONISA NJE
BONA XHOSA - December 2007
iingxaki zomthetho
Ukuchophela amatyala emsebenzini (1)
Niziphathelwe yiBONA nabeScorpion Legal Protection
Sizamile ukuqinisekisa ukuba ufumana iingcebiso ezizizo. Kodwa ke ityala netyala lifuna ukuphandisiswa kwaye abeScorpion Legal Protection (Pty) Ltd, igqiza labacebisi neBONA nabashicileli bayo abanakubekwa tyala ngelahleko engafunyanwa ngumntu osebenzise iingcebiso zalo mhlathi.
Thumel' ingxaki yakho yomthetho kule dilesi BONA Legally Yours, Box 32083, Mobeni 4060 - uya kufumana ithuba lokuxoxa negqwetha imizuzu engama-30 kwii-ofisi zalo naphi na kweli okanye uthethe nalo ngomnxeba.
