XHOSA.2858.legalsep
BONA XHOSA - September 2006
Ityala elingaqhelekanga
Ndoda ithile egama linguSolomon Barends yayifuna ukuncuma nentombi endithandana nayo. UBarends wayeyifowunela le ntombi eflethini yam, eyithumelela neeleta, iintyatyambo nezipho. Ndathi kuye makohlukane nomntu wam wasuka waba nomsindo. Waya kundimangalela emapoliseni wathi ndinompu ongekho mthethweni.
Amapolisa afika azogqogqa iflethi yam, awufumana umpu, awuthatha aza nam andibamba ayondivalela.
Ndavalelwa iiveki ezintathu entolongweni ngaphambi kokuba ndifumane ibheyili. Etyaleni ndandimelwe ligqwetha elaveza iimpepha zompu wam zokuba ndinawo ngokusemthethweni. Ndafunyanwa ndingenatyala, ndakhululwa.
Xa kwakuxoxwa elo tyala, igqwetha lam lamvumisa uBarends ukuba ubexoka ngezityholo ayendityabeka zona.
Ndingakwazi ukufuna intlawulo kuBarends ngokundibambisa kwakhe"
nguEM, eJoburg
lUnako ukufuna intlawulo kumntu okubambisileyo ngamapolisa kanti uyaxoka.
Kuyacaca ke ukuba uBarends wayekuxokela yaye wayengafanelanga enze loo nto. Ngoko ukubanjwa kwakho ubekwe ityala kwakuthob' isidima kwakufaka nasezindlekweni.
Walihlawula igqwetha elalikuthelelela kwelo tyala, ngoko loo mali ifanele ibe yinxalenye yebango lakho lentlawulo kuBarends.
Kungenzeka ukuba walahlekelwa nangumvuzo wakho xa wawuvalelwe entolongweni nangeemini zetyala kuba wawungaphangeli. Naleyo imali ufanele uyifake kwibango lakho.
Okokugqibela, igama lakho nesidima sakho sangcoliseka ngokubanjwa, uvalelwe entolongweni, ubekwe netyala kwaye oko kwathoba isidima sakho.
Kodwa ke ukubala iintlawulo yokuthotyw' isidima nokungcoliswa kwegama lakho ayinakubalwa ngokufanayo nokulahlekelwa ngumvuzo kuba ungaphangeli.
Intlawulo yezo zinto ithelekelelwa ngokwenqanaba lakho, isikhundla okuso emsebenzini naseluntwini.
Igqwetha lakho lingakunceda ekubaleni ukuba ufanele ufune intlawulo engakanani ngezo zinto. Lelona lingakucebisa bhetele ngokuba ufanele ufune intlawulo engakanani.
Kusenokwenzeka uBarends angabinawo amandla okukuhlawula, ngoko kubhetele uqale uphande ngaye ukuba umi njani ngasezimalini.
Ingaba uyaphangela" Ingaba unayo indawo ahlala kuyo ngokusisigxina" Ingaba unayo impahla yexabiso njengemoto okanye ifenitshala"
Xa enazo ezi zinto, ungaqhubeka nokwenza ibango lentlawulo kuye.
Xa engenazo, uya kuba udlala nje ngexesha ngokummangalela kuba akukho siqinisekiso sokuba uya kukwazi ukukuhlawula ube ke wena sele uchithe enye imali kwelo bango. [x]
Niziphathelwe yiBONA nabeScorpion Legal Protection
Sizamile ukuqinisekisa ukuba iingcebiso esikunika zona zifanelekile. Kodwa ke imeko yengxaki nganye ifuna ukuphandisiswa. AbakwaScorpion Legal Protection (Pty) Ltd, amalungu eengcali ezicebisayo, iBONA nabashicileli bale magazini abanakubekwa tyala nguye nabani na osebenzisa ezi ngcebiso.
Iingxaki Zomthetho
Thumel' ingxaki yakho kule dilesi: BONA Legally Yours, Box 32083, Mobeni 4060. AbakwaScorpion baza kunika wonk' umntu ofake isikhalazo sakhe ivawutsha yemizuzu engama-30 yokuncokola negqwetha e-ofisini yabo naphi na kweli okanye ngomnxeba.
