xhosa.2851.yourfamily_pregnancy
Qiniseka ukuba
umntwana wakho usempilweni
Ukuqonda nokwazi ngezinto ezimel' ukuvavanywa xa ukhulelwe
INGCINGA ezilandelayo kubazali emva kokufumanisa ukuba bakhulelwe zezi: "Ingaba usana lwethu aluzukuba nengxaki?"
Ngoku sele kukho uvavanyo ekuthiwa "yi-antenatal", okuthetha ukuthi "phambi kokubeleka" - zizinto ezivavanywa ngexesha umntu ekhulelwe ukuze kujongwe impilo yosana.
Kukho izinto ozikhethela ngokwakho ukuba zivavanywe, okuthetha ukuba kukuwe ukuba uyafuna okanye awufuni. "Kodwa ukuba unexhala, okanye wawuke waneengxaki ngaphambili kuhle ukuba ulwenze uvavanyo ukuze uthobe ixhala," utsho uGqr. Molebatsi Molefe, esithethe naye ongugqirha wezifo zamabhinqa.
Sijonga iintlobo ezithile zovavanyo ezibalulekileyo:
Uvavanyo lomchamo
Kukho uhlobo oluthile lwesifo seswekile ongasifumana ngenxa yokukhulelwa, olu vavanyo lolokujonga sona. Kwakhona kujongwa izifo neentsholongwane ezikwisinyi ezingakhokelela ekubeni usana luzalwe phambi kwexesha.
Umchamo wakho uza kuphinda uvavanywe ukukhangela i-pre-eclampsia, imeko ethile eyingozi eyenza unyukelwe yihayihayi ngelixesha ukhulelweyo.
Uvavanyo lwegazi
Kwindibano yakho yokuqala nabezempilo, liza kuthathwa igazi lakho. Olu vavanyo lolokufumanisa uhlobo lwegazi onalo nokuba kuza kufuneka unyango kusini na ukuba igazi lakho alifani nolosana lwakho olungekazalwa.
Igazi lakho liza kujongwa ukuba libuthathaka kusini na (anaemic) okanye lunentsholongwane eyingozi mhlawumbi njenge-HIV.
Uxinzelelo lwegazi
Uxinzelelo lwegazi luza kuvavanywa de kuyokuba sekugqibeleni. Ixesha elininzi, amabhinqa akhulelweyo anoxinzelelo lwegazi oluphantsi kwaye ukuba uye wanehayihayi uza kuvavanywa ukuze kubonwe unobangela woko.
Ubunzima bomzimba
NgokukaGqr. Molefe, ubunzima obulindelekileyo nokutyeba okusempilweni ngexa ukhulelweyo koku:
Ukuba ungumntu ongenasiqu: 12,5kg ukuya kwi-18kg;
Xa unobunzima obamkelekileyo: 11,5kg ukuya kwi-16kg;
Xa unesiqu: 7kg ukuya kwi-11kg.
I-Ultrasound scan
Lo mtshini ubonisa ngaphakathi (ultrasound scan) oogqirha bawusebenzisa ukuhlola usana lwakho bajonge ukuba lungakanani kunye nesizamva (umkhaya) ukuba singakanani kwaye sihleli njani.
Ukukhula komntwana kubonwa ngokuthi ameteshwe nobukhulu bentloko yakhe ngokunjalo.
Xa sele ukhulelwe malunga neeveki ezili-12 usenokwenziwa i-ultrasound yakho yokumamela ukubetha kwentliziyo nokujonga ukuba ayikho na iDown syndrome.
I-anomaly scan
Igama elithi "anomaly" lithetha into engaqhelekanga, okanye into ebingafanelanga ibekho. Olu vavanyo lwenziwa kwiiveki ezili-18 ukuya kuma-20, lo mtshini ujonga ukuba usana lukhula kakuhle na nokuba yonke into ihamba njengesiqhelo. Iyazibona iingxaki, kodwa awunako ukuqiniseka ukuba ngenene usana lwakho alunangxaki.
Uyakwazi ukulubona usana unikwe nefoto oza kuhamba nayo. Ukuba zikho izinto ezingaqhe-lekanga, ugqirha uza kukucacisela
ngazo avavanye nezinye izinto.
Kwiiveki ezingama-36 kuza kuhlolwa ilungu lakho langasese kujongwe nobukhulu bamarhorho akho.
Umbhali: Kamogelo Sebola
Isuka: babiesonline.co.za
UKUKHULELWA KWAKHO
Ukwenza uva-vanyo kuza kuku-nceda wehlise ixhala
