xhosa.1214.yourlifeguide_muthi
Igama lam lizisa UNXUNGUPHALO
Ingaba igama olithiya umntwana wakho lichaza ukuba uza kuba ngumntu onjani"
ABAZALI mabaqaphele xa bethiya abantwana babo. Xa unika umntwana igama "elibi" okanye "elingathandekiyo" uya kulilandela.
"Kutheni abazali bam bendithiye igama elinje"" ubuza atsho umfundi waseGauteng.
Akothusi ukuba athande igama lakhe lesiNgesi, kuba igama lakhe "lesintu" nguMolatlhiwa - igama lesiTswana elithetha "ikheswa."
Ngenxa yokukhathazwa ligama lakhe, uye waya egqirheni wacela ukuba liphose amathambo.
Likuphathele ntoni ingomso lakho"
"Ndaxelelwa ukuba ndiza kudibana nobunzima ebomini. Ndiza kuba namashwa neenkathazo. Konke oku ngenxa yegama lam!"
Lo mfundi ufanele ukuba nexhala - nomsindwana.
Ukuthiywa komntwana kubalulekile, kwaye abazali bacinga nzulu ngoku.
Uhlala njani ixesha elide ucinga nzulu ngegama lonyana wakho wakugqiba umthiye
ngo-"Molatlhiwa" - yhu!
Kodwa ke abazali abaninzi ababashwabuleli ngabom abantwana babo ngokubanika la magama "mabi."
Abazali babengamshwabuleli umfundi wethu ngokumthiya ngo-"Molatlhiwa."
UMolatlhiwa, uMatlakala, uMihloti, uDikeledi, uSello, uNyembezi - la ngamagama okomeleza.
Umntwana ozalwe emva kwabanye abangakhange balunge, angathiywa igama elithi Nyembezi ukuze kugxothwe iNgelosi yoKufa ebisoloko ihlupha usapho.
Ngoko ligama elinamandla.
Kwakule meko, inkwekwe isenokuthiywa ngegama lentombazana, "njengoMamokete",ukuba amakhwenkwe asweleka kakhulu kolo sapho.
Enye indlela yokubhidisa iNgelosi yoKufa kukuba abazali balalise usana oluyinkwenkwe egumbini lamantombazana linxibe iimphahla zawo de baqonde ukuba luphumile engozini. (Ukuba ngamantombazana atshabayo, intombazana ilaliswa ngeempahla zamakhwenkwe.)
Xa "unguDikeledi" okanye "uSello" akuthethi kuba uyakusoloko ulila. Kwaye ukuba umntwana "onguDikeledi" usoloko ekhala isenokuba ayinanto yakwenza negama lakhe - mhlwawumbi kufuneka uye eklinikhi.
Igama elingalunganga
Ukuba ucinga ukuba umntwana wakho unegama "elingalunganga" yiya egqirheni, kwelesibini, nakwelesithathu.
Ngoluhlobo uza kubona xa iimpendulo zawo zifana.
Bhalela kuForce Khashane: Muthi Talk, Box 473014, Parklands, 2121, e-mail: muthi@caxton.co.za
Xa igama lakho inguSello okanye uDikeledi akuthethi kuthi uza kusoloko ukhala
UNYANGO LWESINTU
EZAMAYEZA
UKUTSHINTSHA IGAMA LAKHO
Unako ukulitshintsha igama lakho ngokusemthethweni xa ungalifuni olinikwe ngabazali bakho. Kodwa ke ungakhohliswa ziimvumi nabalinganisi ababonakala ngathi bawatshintshile amagama abo. Amagama obazi ngawo "ngamagama eqonga". Amagama abo "enyani" - uya kuwafumana kumaphepha abo asemthethweni.
Ukutshintsha igama lakho ngokusemthethweni yinkqubo ende efuna umonde nemali. Xa ufuna ukwenza njalo qhagamshelana ne-ofisi ejongene neMicimbi yeKhaya.
Kungenjalo ke uzixelele ukuba ukusebenza nzima kuko okuzisa impumelelo, ayiziswa ligama owalinikwa kudala!
Kuze ke ukuba kukho imfuneko, umntwana athiywe ngokutsha.
Nanjengoko besele nditshilo abazali abanakufuna "ukushwabulela" umntwana ngegama "elibi."
Ngelishwa, zikho iziganeko apho umntwana enikwe igama "elibi" kuba ezalelwe ngaphandle komtshato.
Okanye xa indoda iphika umntwana. Umntwana abizwe ngoMatlakala (nkunkuma).
Apha umntwana lixhoba elimsulwa. Yiyo loo nto kungafanelanga uvumele igama lakho likutsalele umva.
Sukulivumela igama lakho libe yintshwabulo engendawo.
Nguwe onako ukuzimisela ngokuhle ungavumeli igama lakho likutshabalalise.
Khumbula ukuba usoloko ulindele ukuba abantu bakucaphukele kuza kubanjalo ngenene.[x]
