xhosa.2840.Sex
Umbuzo OMKHULU
Ulenza phi, nini, nabani" Nokuba sithini na isigqibo sakho, kufuneka usenze ngengqiqo...
WAYENGAZI ukuba yintoni azifaka kuyo uKeratiloe one-17 leminyaka xa wayesabelana ngesondo. "Ndandifuna isithandwa sam sindithande kakhulu kodwa kamva ndaziva ndibhanxekile yaye kudlalwe ngam. Ngoku ndithi xa ndicinga ngaloo nto ndibone ukuba ndandingekakulungeli ukulala nendoda," utshilo.
"UKeratiloe ufana nolutsha oluninzi oluzibandakanya nesondo lungekakulungeli ngokwasengqondweni nasemzimbeni," utsho umcebisi wolutsha kwiPlanned Parenthood Association Of South Africa.
"Ulutsha luyathanda ukubona ukuba kungaba njani na xa lunokwenza isondo kodwa lungaqondi ukuba loo nto ingaluchaphazela njani na.
"Ngokuya ukhula uyakwazi ukwenza izigqibo zezothando eziza kubuphucul' ubomi bakho kunezo ziza kukufak' engxakini nabany' abantu.
"Uyazazi iziphumo zesondo, ukulungel' ukumelana nazo yaye ukulungele ukungena kubudlelwane obunentsingiselo nto leyo ibalulekileyo kuthi.
"Kungoko ulutsha lukhuthazwa ukuba lungazibandakanyi nesondo lulinde de luvuthwe."
Nantsi imibuzo eza kukunceda wazi ukuba ulilungele na isondo okanye hayi...
ULENZA kuba ufuna ngenene"
Nguwe kuphela owenza esi sigqibo. Nguwe owaziyo ukuba ungalenza nini na. Nguwe ozivayo ukuba ulilungele na yaye uza kukwazi ukumelana neziphumo zalo. Ungalenzi kuba kutsho abantu, lenze kuba kuthanda wena.
Ngaba ulenziswa luthando, inkanuko okanye uxinzelelo lweetshomi"
Ngexesha lokufikisa kulula ukubhidanisa iinkanuko nothando lokwenene. Kaloku ngeli xesha umntu omtsha uyaqala ukuziva ezi nkanuko yaye akazi ukuba azithini na. Xa efikelwa luxinzelelo lweetshomi nokungazithembi ke uba kwenkulu ingxaki. Into ebalulekileyo kukuba unyaniseke kuwe kuqala ngokuba kutheni ufuna uuzibandakanaya nesondo.
Uyalazi kakuhle iqabane lakho"
Xa usandul' ukwazana neqabane lakho ningabelani ngesondo. Ukwabelana ngesondo kukushiya ubuthathaka ngoko kubhetele wabelane nomntu owaziyo ukuba usaza kuqhubeka nokumbona. Uya kulonwabel' isondo xa usabelana nomntu omaziyo, okonwabelayo ukuba naye nomthandayo.
Ngaba uyakonwabela ukwabelana nesondo neqabane lakho"
Xa uqal' ukwabelana ngesondo uba neentloni yaye oko kuyindalo kuba kuyinto oyiqalayo ukwabelana ngesondo. Neqabane lakho liba neentloni. Xa usoyika ukulixelela iqabane lakho ukuba awuzange wabelana ngesondo ngaphambili, kubhetele ulinde de ukwazi ukulixelela.
Ngaba ulenza xa unxilile"
Xa ucinga ukuba kufuneka uqale usel' utywala ukuze ube nesibindi sokwenza isondo okanye ucinga ngokwenza isondo kuphela xa uphantsi kweempembelelo zotywala, loo nto ithetha ukuba awukalilungeli isondo.
Unolwazi olwaneleyo ngesondo"
Uyazi ukuba kwenzeka ntoni xa nisenza isondo" Uyazi ukuba lenziwa njani, uyazi ukuba ingakhulelwa njani xa kutheni intombi" Uyazi ngezifo ezosulela ngokwabelana ngesondo"
Ngaba xa sel' umdala uza kuyithand' into yokokuba wenza isondo uyile ntanga uyiyo ngoku"
Yiba nombono wakho kwiminyaka eli-10 ezayo. Ucinga ukuba yintoni oza kuyicinga ngoko ngokulahlekelwa bubuntombi bakho" Ngaba uza kuzisola" Kufuneka impendulo yakho ibe ngu"hayi" kungenjalo awukalilungeli.
Ngaba kulula ukuthetha neqabane lakho ngalo mba"
Xa ungakwazi ukuthetha ngesondo loo nto ixela ukuba awukakulungeli ukwabelana ngesondo. Kulula ngolo hlobo. Nyanisekani nobabini khon' ukuze nikhululeke.
Uyakwazi ukwabelana ngesondo ngokukhuselekileyo"
Ulutsha luzibandakanya nesondo lungekalilungeli luze lungazikhuseli. Kubalulekile ukuba ukwazi ukuba ungazikhusela njani kumitho nakwizifo ezosulela ngesondo. Yinto le ekufanele ukuba nithethane ngayo neqabane ngaphambi kokuba nizibandakanye ngesondo khon' ukuze nivumelane ukuba niza kusebenzisa ntoni na ukuzikhusela.
Le nto ibaluleke kakhulu xa niza kusebenzisa iikhondom kuba kufuneka niprekthize ukuzifaka nize nilonwabel' isondo nisebenzis' iikhondom - akuncedi ukubanazo ube ungakwazi ukuzisebenzisa - zezokusetyenziswa hayi ukugcinwa epokothweni!
Ngaba nobabini niyakufuna ukulenza"
Ungabon' ukuba wena ulilungele isondo kanti iqabane lakho lona alikalilungeli. Ukuze libe mnandi isondo kufuneka nobabini nilonwabele. Ungaze ufak' umntu uxinzelelo lokwabelana ngesondo.
Ukufak' uxinzelelo nokunyanzelis' umntu ukuba nabelane ngesondo kuphantse kufane - xa umfak' uxinzelelo olumandla, uyamnyanzelisa yaye oko kukudlwengula.
Uza kulonwabel' isondo xa ulinda, uyazi into oyifunayo, ungalenzi isondo kuba ufuna ukwamkeleka kwabanye okanye kuba ufuna ukuthandwa yaye uzikhusele. Andibi lonwatyelwa ngolo hlobo isondo" [x]
BONA XHOSA - February 2006
kubhale uPRIMROSE WILLIAMS
ifoto yeyakwaGREAT STOCK!
Ngaba ukulungele ukwenza isondo"
Ungalenzi xa ungalonwabeli...
AWUKALILUNGELI xa...
lUngalazi kakuhle iqabane lakho. (Awazi ukuba sele lilale nabantu abangaphi nokuba alinaso kusini na isifo esosulela ngesondo.)
lUngazi kwakuba yintoni na isifo esosulela ngesondo (njengeHIV, iHPV, igcushuwa, ubhobhozo).
lUfuna nje ukwanelis' inkanuko. (Ukwanelis' iinkanuko zakho kuphela xa usenz' isondo kubonis' ukuba awukalilungeli.)
lUngxamile. (Xa uzimisele ukwenza isondo zinik' ixesha ulenze kakuhle.)
lUngazi ukuba uza kuthini na xa iqabane lakho linokukhulelwa. (Okanye xa ningathethi ngalo mba neqabane lakho.)
lUcinga ukuba liza kukuthanda nangakumbi iqabane lakho. (Uthando aluqiniswa ngesondo.)
lUngasazi isizathu sokungasebenzisi isithambisi esine-oyile nekhondom (ingakumbi xa ungazi kwakuba siyintoni isithambisi esine-oyile okanye esinamanzi!).
ULILUNGELE xa...
lUneenyanga ezintandathu ubuncinane uthandana neqabane lakho (uza kube usazi ukuba anenzi izinto ngongxamo).
lUzimisel' ukonwabisa iqabane lakho njengoko nawe uzimisele ukulonwabela isondo. (Kubalulekile ukuba kube yinto emnandi isondo kwiqabane lakho xa liqala ukulenza.)
lWena neqabane lakho nithethile ngesondo, ukuval' inzala nezifo ezosulela ngesondo. (Loo nto ibonis' ukuba uzithathel' ingqalelo izinto yaye uzimisele ngobomi.)
lWena neqabane lakho niye ekliniki nahlolwa ukuba aninazo na izifo ezosulela ngesondo. (Loo nto ibonis' ukuba nikhulile yaye nivuthiwe.)
lNisazi ukuba niza kusebenzisa ntoni na ukuvala inzala kwanokuba niza kuzikhusela ngantoni na kwizifo ezosulela ngesondo.
lIsondo ulenza kuba UTHANDA inguwe olifunayo yaye uqinisekile ukuba ULILUNGELE, ungenzeli omny' umntu.
BONA XHOSA - February 2006
