XHOSA.2825.yourlifeguide_heaven
UNCEDO LOMPHEFUMLO
UMfundisi George unika iingcebiso kwiingxaki zakho zomphefumlo
Ndiziphilisa kabuhlungu
Ndilibhinqa elingumKrestu elitshatileyo elithandana neny' indoda etshatileyo. Le ndoda ithi iyandithanda kwaye ifun' ukundenza umfazi wayo wesibini. Siyabonana nayo xa sinexesha. Ndiyaxoka kumyeni wam xa enento ayikrokrelayo.
Ndicel' uncedo kuba ndizibona ndisesihogweni kanti noYesu uza kubuya kungekudala, kwaye andithandi abuye ndikule meko.
Obhidekileyo nosengxakini, eSwazini.
Bhota Mfundi Obhidekileyo:
Umzimba wakho uyiTempile yoMoya oyiNgcwele. Ukuba nendibano yesondo nomntu ongatshatanga naye bubufebe (1 AbaseKorinte 3:16).
Ukuba batshatile njengokuba usitsho, oko kubizwa ngokrexezo olungachith' imizi, iintsapho nemitshato (Imizekeliso 6:32).
Kungaba yinto emnandi ekuqaleni, kodwa ethubeni kuya kuwonakalisa umphefumlo wakho. Njengomntu okholwayo awufanelanga wenze into oyithandayo, ufanele wenze okulungileyo!
Cela uThixo akuxolele yaye akwenze uthande umyeni wakho. UThixo akakakuncami yaye usakuthanda.
Uphelelwe lukholo
Umyeni wam uyeke ukuhamb' icawe emva kweminyaka eli-18 engumKrestu ozinikeleyo kwaye ngoku usel' utywala.
Uthi udiniwe kukuthandaza abe engazifumani iimpendulo. Uthi kudala eyihamb' icawe, kodwa uselihlwempu kodwa abahlobo bakhe bahamba ngeminyobo yeemoto kwaye banamashishini amakhulu babe bengakwazi nokutsho uBawo Wethu Osezulwini.
Uthi uzibona eyintlekisa kuba akananto ayifumeneyo ngokuzinikela kwakhe kuThixo.
nguNolitha Magagula
Bhota Nolitha: Ungamkhathazi okanye ulwe naye ngale ngxaki yakho kuba oko kuya kuyenza ibembi nangakumbi imeko.
Amabhinqa anamadoda angakholwayo anendlela yokushumayeza amadoda angakholwayo (1 Peter 3:1-2).
Isixhobo sakho esikhulu kufanele kube ngumthandazo nokholo olomeleleyo. Uvumele ukulukuhlwa ngumtyholi kwaye uThixo uza kumbonisa iimpazamo zezinto azenzayo.
Ungamncami xa engaguquki ngokukhawuleza. UThixo uthembisa ukusindisa usapho lwakho lonke (Izenzo 11:14). Yima elizwini Lakhe. Akoyiswa nto.
Kusisono ukwenza utyando lokuzilungisa?
Iindumasi ezininzi zenza utyando lokukhulisa amabele, olokunciphisa isisu, okanye zingatyi ukuze zinciphise imizimba yazo. Ezinye zenza umthambo okanye zisele iipilisi zokunciphisa imizimba yazo. Ingaba ezo zenzo zibonwa njengesono nguThixo?
nguCurious, eThekwini
Bhota Curious: UThixo akasidalelanga ukuba sigwebe abany' abantu kuba asinazo iinkcukacha ezaneleyo zokwenza oko (Matewu 7:7; 1 Cor 11:31).
Nangona kunjalo, phambi koThixo sinoxanduva lokukhathalela imizimba nempilo yethu. Akukho nto ingalunganga ngokulungis' umzimba wakho, kodwa akufanelanga kuchaphazele umphefumlo wakho.
Andikholwa ukuba utyando lokuzilungisa lusisono kodwa awunako ukujonga ukuxabiseka kwakho ngokwesiqu, ubunganani besisu, njalo-njalo. [x]
BAFANELE BATSHATE ABEFUNDISI?
Umhlobo wam ohamba icawe ugxekwa ziinkokeli zebandla namanye amarhamente ngokungatshati kwakhe. Unaso isiphiwo sokuba ngumfundisi, kodwa akanako ukuthanjiswa njengomfundisi kuba akatshatanga nentombi ancuma nayo. NgokweBhayibhile akukho nto ithi umfundisi kufuneka abe utshatile ukuze athanjiselwe ubufundisi?
nguJeffrey, eNewcastle
Bhota Jeffrey: IBhayibhile ikhuthaza ukuba umfundisi abenenkosikazi enye (1 Timoti 3:2), kufuneka azinze yaye abengumntu onegama eluntwini. Umntu angaba ngumfundisi nokuba akatshatanga, kodwa abafundisi abanjalo bahendeka lula yaye basoloko betyholwa.
Ngaphandle koko, nabantu bayamthemba yaye bathethe ngokukhululeka xa umfundisi etshatile.
UNYANGO LOMPHEFUMLO
Aluso-sono utyando lokuzi-lungisa
Bhalela uMfundisi George: Uncedo Lomphefumlo, Box 473014, Parklands, 2121
