XHOSA.2817.formula
Kunganzima kuqala ukukheth' ubisi losana oluthengwayo, kodwa ungakhathazeki. Nazi iinkcukacha eziza kukunceda kubelula ukukhethela usana lwakho ubisi.
ABADLEZANA bayakhuthazwa ukuba bazincancise iintsana zabo kuba ubisi lwebele lunazo zonk' izithako ezifunwa ziintsana ukuze zikhule. Nangona kunjalo, abanye bangakhetha ukuzincancisa ibhotile iintsana ngenxa yezizathu ezahlukeneyo.
"Ungaziva unetyala ngenxa yabany' abantu. Yenza oko kukusebenzelayo wena nosana lwakho. Kaloku eyona nto ibalulekileyo kukuba nonwabe yaye nibe sempilweni nosana lwakho," utshilo umdlezana ophangelayo esithethe naye.
Xa ukhetha ubisi oluthengwayo, qinisekisa ukuba lunazo zonke izakha-mzimba ezifunwa lusana, unemali yokuluthenga yaye kulula ukulwenza, icebisa ngelo iWebsite ethi: www.babymania.co.za.
Oyena mntu angakucebisa kakuhle ngugqirha wabantwana okanye abongikazi baseklinikhi.
1Ndingaqala nini ukutyisa usana ubisi oluthengwayo?
Akukho bakala lobudala elilungileyo nelingalunganga. Kungasemva kokubeleka kanti abanye bazincancis' ibele xa besesekhefini lokubeleka baze bazincancis' ibhotile bakubuyel' emsebenzini.
2 Luneziphi izondlo ubisi lweentsana oluthengwayo?
Luneeprotini, amafutha, iikhabhohayidrethi, iivithamini neziny' izakha-mzimba ezikhulisa usana zilugcine lusempilweni. Uninzi lweendidi zolu bisi zenziwe ngobisi lwenkomo.
3Ndibona njani xa usana lwam lungavani nobisi olo?
Iimpawu zokungavani nobisi oluthile ziquka utyatyazo okanye ukungabi lukhulu okanye lube lukhulu kakhulu. Iimfuno zosana lwakho ziyatshintsha ngokuya lukhula. Kukho iindidi zobisi zeentsana ezinkulu ezitya kakhulu ezinokungavani neentsana ezincinane.
"Kubalulekile ukulutshintsha ubisi olutyisa usana lwakho ngokuya lukhula," utsho uGqr.Solomon Lefakane weLesedi Private Hospital eseJoburg noyingcaphephe kwimiba yononophelo lweentsana nabantwana abaselula.
(Usana lwakho lunganazo ezi mpawu zikhankanyiweyo xa lungavani nobisi - jonga
uMbuzo 7.)
4 Zithetha ukuthini iinombolo ezingu-"1" no-"2" kwimibhalo yobisi lweentsana?
Ubisi ngalunye lweentsana lwenzelwe amazinga ohlukeneyo okukhula: u-"1" wenzelwe usana olusandul' ukuzalwa de lube neenyanga ezintandathu; u-"2" ngoweentsana ezingaphezulu kweenyanga ezintandathu kwaye lwenzelwe ukudibanisa ubisi lwevenkile nolwenkomo.
Xa usana lwakho lukubudala obufanelekileyo kodwa lungakwazi ukwetyisa u-"2" luphindisele ku-"1" de lumlungele.
5 Ndazi njani ukuba ndilutyisa kakhulu okanye kancinane ubisi lweentsana oluthengwayo?
Iimpawu zokulutyisa kancinane:
ukukhula ngokucothayo;
ukungachami rhoqo;
ukuba nolusu oluthambileyo nolushwabeneyo;
lulila kakhulu.
Iimpawu zokulutyisa kakhulu:
ukutyekeza kakhulu okanye ukuhlanza emva kokutya;
iimpawu zokuba luyalunywa (oko ukubona ngokufinyeza iinyawo);
xa usana lulukhulu kakhulu.
6 Ndilutyise xa lungakanani ubisi lwenkomo, xa kutheni?
"Ndingacebisa ukuba iintsana zityiswe ubisi lwenkomo zakugqiba unyaka. Zingaleqwa maziqale ziqheliswe iimveliso zobisi kancinane, ziqalwe ngeyogathi," utsho uGqr. Solomon. Ubisi lwenkomo alunayo i-ayon eninzi. Xa ukhawuleze walutyisa lona usana luya kushotelwa yi-ayoni egazini luze lungakhuli kakuhle.
7 Ndithini xa usana lungavani nobisi lwenkomo?
Usana olungavaniyo nobisi lwenkomo aluyi kuvana nobisi lweentsana oluthengwayo kuba nalo lwenziwe ngobisi lwenkomo.
Xa ucinga ukuba kunjalo, qinisekisa kugqirha. Uya kukucebisa ngobisi lwesoya.
Kubalulekile ukufumana amacebiso kagqirha okanye awomongikazi kuba ubisi lwesoya kufuneka lusetyenziswe phantsi kwengqalelo kagqirha. [x]
oluthengwayo
USANA LWAKHO
Izinto ofanel' uzazi ngobisi losana
Into ebalule-kileyo kukuba wena nosana lwakho nise-mpi-lweni
