xhosa.2802.health
Ezempilo
Ziqeqeshe
Ngaba usathath' ubeka ngokuya ejimini" Nkqu namadoda aneminyaka engaphaya kwama-60 nama-70 angazikhulisa izihlunu zawo nge-11%, nokomelela kwawo nge-1705, emva kweeveki ezili-12 zokuphakamisa izinto ezinzima.
Xa nawo kuwasebenzela...
BONA XHOSA - May 2007
Ncancisa usana lwakho ubisi lwebele kuphela kwiinyanga zokuqala ezintandathu kwaye ngaloo nto uya kuba ulunika isiqinisekiso sempilo.
Oko kulwenza lungabi sesichengeni sokuba nemikhuhlane, ifiva, ukungavani nezinto ezithile notyatyazo, itsho ingcali yokutya yeSA Sugar Association, uPriya Lalla.
Namayeza okugoma asebenza kakuhle kwiintsana ezincancayo ukanti kuthintela nesifo esitsha kubo, isifo seswekile esinguType 2.
Ukuze ufumane iziphumo ezihle kufuneka uluncancise ibele kuphela usana lwakho - ungawagaleli amanzi, iti, isiriyali okanye nakuphi na ukutya kungenjalo usana lwakho lungase losuleleke, okanye lungondleki.
Okwenza kube mnandi ukuyizuza
Ukukhuphisana kwenza uxinzelelo lwengqondo - kodwa abaphandi bathi abantu abaphumelelayo baphil' ixesh' elide. Bajonge abantu abazuze iiOscar neNobel Peace Prize bafumanisa ukuba baphil' ixesha elide kunokuba bekulindelekile.
Obona bushushu buphezulu obuviwa ngumntu onxibileyo buyi-260oC
INYANISO:
Lunike isiqinisekiso sempilo!
Zigcine usempilweni
ngamacebiso kaPatricia McCracken
Abantwana babethwa lungcoliseko lomhlaba ngokuphindwe ka-6 kunabantu abadala [x]
Uncedo lweti
Iteabag emanzi inganceda xa ufuna unyango olungxamisekileyo lwesilonda somlomo! Kaloku iti inetannin, eyenza inyama ibuye nethomalalisa ubuhlungu.
Amaqanda akangeni nzulu epokothweni
Amaqanda akokona kutya kunexabiso eliphantsi okunentaphane yeprotini, itsho ingcali yokutya yeSA Egg Industry, uMadeleine de Villiers.
Iqanda lineeprotini ezininzi kangangokuba ziyi-100 kunezobisi eziyi-93, nezentlanzi nenyama yenkomo eziyi-75.
Ukuze ucebe oza kukutya, uMadeleine uthi iqanda elinye likunika iiprotini ezilingana ne-30g yenyama yenkomo, intlanzi okanye inyama yenkuku.
INYANISO:
BONA - August 2005
