XHOSA.2788.muthi
kubhale uFORCE KHASHANE
UKHE udibane nomntu ongakutyiyo ukutya okuphekwe ngabantu angabaziyo bekuphekela abantu abaninzi" Kukho inenekazi elindibhaleleyo lisithi liyonqena ukutya emitshatweni nasemingcwabeni.
"Xa ndikhe ndatya emtshatweni ndiba notyatyazo," litsho.
"Ndakhe ndalalisw' esibhedlele iintsuku ezintathu emva kokutya emtshatweni.
"Andazi ukuba ibangelwa yintoni le ngxaki kodwa isisu sam asibimnandi tu xa nditye ukutya kwindawo enabantu abaninzi.
"Akukho nyango ndilwaziyo lwale ngxaki ngaphandle kokuba ndingatyi."
Eli nenekazi lithi likhule lingenayo le ngxaki - kodwa ngoku le "ngulo" ibuguqule ubomi balo.
"Ndoyika nkqu ukukuphath' ukutya apho kukho abantu abaninzi bosapho," litsho.
Phoku ke alilodwanga kule ngxaki. Baninzi abafundi abandibhaleleyo nabo bebuza ngale ngxaki.
Kwaye bafanele kukukhathazeka yiyo.
Ukuphekela abantu ukutya
Lo ngumbandela obaluleke kakhulu. Ngokwesithethe sethu ukungabaphekeli abazili okanye abantu abakuzimase emtshatweni kungabothusa yaye kubacaphukise abanye abantu. Oko ke kwenza iintsapho zichithe nesenti yokugqibela zithenga ukutya okuza kutyiwa ziindwendwe ezize kumsitho owenziwe lusapho.
Umntu ke ongakutyiyo oko kutya ubonwa njengomntu onekratshi.
Xa enokubonwa ukuba akatyanga emngcwabeni ngabanye abantu, nabo basenokungatyi mhla umngcwabo ukwakhe.
Bangabuya nje emangcwabeni bahlambe izandla baze bagoduke bamshiye noko kutya ebebaphekele kona.
Ngoko la manenekazi afanele ukukhathazeka yingxaki yawo yokungatyi emingcwabeni nasemitshatweni!
Yintoni kanti le igulis' abantu abatye ukutya komngcwabo okanye okomgidi"
Xa usiva amabali abo uya kuqaphela ukuba oko kutya kona izisu zabo bekunenyama ebomvu. Ibangelwa yintoni loo nto"
Makuxhele umntu ofanelekileyo
Kaloku iintsapho ziba neentlabi ezijongana nokuxhelwa kwenkomo, igusha okanye ibhokhwe. Ithi ke inyama exhelwe zezo ntlabi "ibe msulwa" ingabagulisi abantu abayityileyo.
Kodwa xa kuxhele umntu ongafanelanga, loo nyama "ayibi msulwa" ize ibaphathise ngezisu abantu.
Amaxesh' amaninzi ke abantu abazenzi kwangethuba izicwangciso zokuba ibekho intlabi evunyiweyo yolo sapho.
Basuka bazixelele ukuba iza kubakho intlabi yosapho okanye eyasebumelwaneni.
Ithi ke yakungabikho ngenxa yeziny' iingxaki, angazanywa omnye umntu oyintlabi evunyiweyo.
Yakungabikho ke intlabi kusetyenziswa nabani na ekucingelwa ukuba angakwazi ukuhlaba.
Iziphumo zoko ke kukuba inyama iyabagulis' abantu abayityileyo.
Ngaphezulu koko zibonakala zisiya zinqaba ngokunqaba iintlabi.
Ngokwesithethe intlabi kuba yindoda, kodwa ndibona namabhinqa efanele afundiswe ukuba ziintlabi ukuze eli siko lingatshabalali.
Nangona kunjalo, ikho indlela yokunyanga abantu abanezisu ezibi ngenxa yokutya inyama exhelwe ngumntu "ongeyontlabi" ivunyiweyo.
Kukho iyeza ekuthiwa yingcelwane elinceda abantu "abaguliswayo" kukutya komngcwabo okanye okomgidi okulungiselelwe abantu abaninzi.
Abantu abanale ngxaki kufuneka babenayo ingcelwane kwiintsuku ezimbalwa ngaphambi komgidi lowo. Ngaphambi kokuba batye ngemini yomgidi kufuneka balume eli yeza balinqunquthe, baginye amathe baze bazikhuphe iintsalela zalo zakuphelelwa yincasa. [x]
36 BONA XHOSA - October 2006
Sithetha ngamayeza esintu
Linga ingcelwane!
Ngaba kuyakugulisa ukutya komngcwabo okanye komtshato"
Bhalela uForce ngemibuzo yakho ngamayeza esintu kule dilesi:
Talking Muthi, Box 473014, Parklands, 2121 okanye uthumele i-e-mail ku-forcek@caxton.co.za
