xhosa.277.health oct
Ezempilo
Iti icothisa ukwalu-phala
Ukuphunga iti kungacothisa ukwaluphala komzimba wakho, utsho uGqr. Zeno Apostolides waseUniversity Of Pretoria. Uthi isizathu soko kukuba iti inezibulala-ntsholongwane ezithintela okanye ezicothisa ukwenzakala kweeseli zomzimba.
Xa uphunga iikomityi ezine okanye ezintlanu ngemini, uya kuvula imithambo yegazi yentliziyo ukuze ungabi sengozini yesifo sentliziyo okanye istrowukhu.
Iti kufuneka uyiyeke itsale imizuzu emithathu ukuze ziphume zonke iikhemikhali ezincedayo empilweni.
Lala kakuhle, uphile
Uphando lwaseUK luthi ukulala ezinzulwini zobusuku nokusebenza ebusuku kongeza ubungozi bokuhlaselwa sisifo somhlaza nto leyo icacisa isizathu sokuba i-60 phesenti yabongikazi nabancedisi kwiinqwelo-ntaka, ekungabona basebenzi badla ngokuphangela ebusuku bahlaselwe ngumhlaza webele.
Iingcali zikholelwa ekubeni ukungalali kuchaphazela umzimba wakho ungayenzi ihomoni ebizwa ngokuba yimelatonin. Le homoni yenzeka ngenj' ixukuxa yaye kuthiwa ikhusela ukuhlaselwa ngumhlaza.
Unako ukungaseli"
Ukhe ucinge ukuba ubuselela ntoni utywala" Kuphando olwenziwe ebantwini baseBritani, i-40 phesenti ithe utywala bugqiba inkxalabo; i-26 phesenti yathi buyinceda iphelise uxinzelelo lwengqondo; ukanti i-30 phesenti ithe buyinceda ilibale ngeengxaki. Oko kubonisa ukuba i-96 phesenti yabo bantu bayavuma ukuba babuselela ukuzinyanga, ngokutsho kweMental Health Foundation.
Kodwa ilumkise ngelithi awufanelanga usele xa unengxaki kuba utywala benza buthathaka iikhemikhali zobuchopho ezinceda ukuphelisa iingcingane zenkxalabo noxinzelelo lwengqondo.
BONA XHOSA - October 2006
INYANISO:
Intliziyo inobunzima obuyi-300g
Zigcine uphilile ngamacebiso kaPatricia McCracken
Yitya ityuwa efanelekileyo
Abantu baseMzantsi Afrika bakuthanda kube nencasa ukutya kwabo - kodwa xa ukhetha ityuwa qinisekisa ukuba igalelwe i-iodine kuba eli lizwe alinayo emhlabeni walo, itsho ingcali yokutya yeSugar Association, uPriya Lalla. Uphando lwakutshanje lubonise ukuba kweminye imimandla yaseMzantsi Afrika i-42 phesenti yabantwana abayifumani ngokwaneleyo i-iodine.
Oko kungambulala umntwana okanye azalwe enobunzima obuphantsi, unokungakhuli kakuhle emzimbeni nasengqondweni kwaye abe nokudumba komqala ngokuya ekhula eba mdala.
GREAT STOCK!
Iiseli zobuchopho
INYANISO:
Ngubani onenkani"
Ukuxambulisana neqabane lakho kuchaphazela ukomelela kwemithambo ehambis' igazi entliziyweni, lufumanise oko uphando lwaseUS. Okona kuyingozi kukuxambulisana ngenkohlakalo kwamabhinqa - ingakumbi xa amaqabane awo nawo ekhohlakele.
Okona kuxambulisana kulungileyo kokwenziwa ngobubele nangokuzilawula, kodwa umyalezo ngowokuba xa ulibhinqa elisoloko lixambulisana nabantu ngenkohlakalo, fumana ululeko ukuze usindise impilo nothando lwenu neqabane lakho.
Ngaba iiselfowuni zingahlasela iiseli zobuchopho zize zibangele amathumba ebuchotsheni" Njengoko abantu behlabathi bethe phithi ziiselfowuni, le yenye yezinto ekuphikiswana ngazo. Uphando lwakutshanje lweUK Institute Of Cancer Research alufumananga mahluko phakathi komhlaza wobuchopho wabantu abasebenzisa iiselfowuni nabangazisebenzisiyo. Kodwa ke oku kusengatshintsha ethubeni njengokukhala kweeselfowuni...[x]
Malunga ne-60 phesenti yomzimba wakho ingamanzi
BONA - August 2005
