xhosa.2777.parenting_2
BONA XHOSA - August 2006
Ubuzali
isikhokelo esiza kukunceda
U-AGASTI yinyanga yokunonophel' amazinyo kwaye luninzi ulwazi esilufumanayo olusifundisa ngokubaluleka kokunonophela amazinyo ethu. Abantu abawanonopheli ngokukuko amazinyo kwaye amaziko empilo anika unyango olungephi lwamazinyo ngoko ke kubalulekile ukuba abazali babafundise ukunonophela amazinyo neentsini zabo abantwana...
Unyango lwamazinyo
Uninzi lwabazali bakholelwa ekubeni amazinyo eentsana awafuni kunonotshelwa kuyaphi kuba ayaphuma kuze kuvele amanye.
Oogqirha bamazinyo bathi usana kufanele luxukuxe nje lusakuba nezinyo nokuba linye - qho emva kwesidlo sakusasa nangokuhlwa phambi kokuba lulale.
Kufanele uwahlambe amazinyo osana lwakho qho emva kokulutyisa ukuthintela ukubola.
Xa umntwana eneminyaka emi-3 kufuneka axilongwe amazinyo qho emva kweenyanga ezi-6 okanye emva konyaka.
Iibhrashi zeentsana zokuxukuxa
Zikho iibrashi ezilungele iintsana. Zahlukile kwezabantu abadala - zithambile zona yaye zenziwe zancinci ukuze bakwazi ukuzibamba.
Zimibala-bala, ziziindidi ngeendidi yaye kufuneka abantwana bazisebenzise nentlama yamazinyo enefluoride encinci.
Womeleze amazinyo akhe esemncinci
Oogqirha bacebisa abazali ukuba eyona nto yomeleza amazinyo namathambo yicalcium. Akufuneki ude ube utyisa abantwana bakho izongezi zecalcium kuba iyafumaneka ekutyeni okuninzi abakutyayo.
Iimveliso zokutya zinecalcium ngoko tyis' umntwana wakho izinto ezifana netshizi, ubisi okanye neyogathi yonk' imihla.
Ungamtyisi iyogathi eneswekile kuba ibolisa amazinyo. Thenga le egalelwe izinto zokuyenza ibeswiti.
Imifuno efana nespinatshi, nebroccoli nayo inayo icalcium, ukanti nentlanzi (isardines) nayo ingumthombo wecalcium.
Ukukhusel' ukubola kwamazinyo
Ukutya okuneekhabhohidrate kubolisa amazinyo xa enganonotshelwa ngokukuko. Ukuthintela ukubola kwamazinyo kufuneka nilusapho nixubhe ngaxeshanye ukuze uqiniseke ukuba axukuxwa ngokukuko.
Thintel' ukutyiwa kwezinto eziswiti:
n Ungabaniki iiswiti neziselo ezihlwahlwazayo. Banik' ubisi okanye amanzi xa besitya.
n Xa ubanike iiswiti baxelele ukuba bahlamb' amazinyo bakugqib' ukuzitya.
n Ijusi yeziqhamo isilungel' isondlo somntwana kodwa ayilunganga emazinyweni akhe kuba ihlal' ixesha elide emazinyweni. Emva kokuba umntwana wakho esele ijusi makahlambe amazinyo.
Wagcine
Okoomama nootata....
ecocekile
Nonophela amazinyo kuba abalulekile...
kubhale uNONHLANHLA KHUMALO
Iimveliso zabantwana!
IQENGQELEKILE iminyaka iJohnson's Baby Aqueous Cream neJohnson's Baby Petroleum Jelly ziziintandane kunonophelo lolusu lwabantu abadala neentsana. I-Aqueous Cream isisicoci nesithambisi, iBaby Jelly ibuyisa ukufuma yaye ilungele ulusu oluqhekekileyo nolomileyo ezithendeni, ezingqinibeni nasemilebeni.
Kuluhlu olutsha lweJohnson's Baby Aqueous Cream kukho iAloe Vera neVitamin E ezongeza kwiFragrance Free, iLightly Fragranced neBedtime.
IBONA iphisa ngezixa ezingama-30 zeemveliso zakwaJohnson's Baby ezixabisa i-R130 sisinye.
Ukuze ube sethubeni lokuzuza, bhal' igama, idilesi nomnxeba ofumaneka kuwo emini uthumele ngeposkhadi kule dilesi: BONA/Johnson's Giveaway, Box 32067, Mobeni, 4060, okanye thumel' iSMS ethi "JOHNSONS" ku 35919. (I- SMS iyi-R3.)
Kuvalwa ngowama-31 Agasti 2006.
Ulala ngokwaneleyo
KUNZIMA ukulalis' abantwana kumakhaya amaninzi. Abazali bayabayek' abantwana babukel' iTV de kube sebusuku nto leyo ingalunganga xa beza kuvuka besiy' esikolweni.
Uphando olutsha lubonis' ukuba abantwana abangalali ngokwaneleyo ebusuku bayalala eklasini. Baphathwa yintloko kwaye naxa sele bebadala baba nengxaki yokulala.
Abantwana kufuneka babe namandla abaza kuwasebenzisa imini yonke. Loo mandla agqitywa kukudlala nokwenz' izinto ezenziwa esikolweni. Ukulala ebusuku kuyithwalisa nzima imizimba yabo baze baphelelwe bubuthongo ebusuku.
Xa umntwana wakho elala ngokwaneleyo uvuka lula kusasa enomdla wokuya esikolweni.
Xa esithi uphathwa yintloko kufuneka ujong' ixesha alala ngalo. Intloko isenokuba luphawu lwezigulo zabantwana ezifana nokudumba kwenwebu yobuchopho (meningitis) nto leyo ixhaphake kakhulu ebantwaneni.
Uphando lubonisa ukuba xa ungalali ngokwaneleyo uphathwa yintloko kodwa xa ingapheli kufuneka uye kugqirha.
Ithatyathwe kwiMayo Clinic and Foundation For Medical Education And Research
umntwana wakho"
BONA XHOSA - August 2006
u
t
bokukhulelwa
BONA XHOSA - August 2006
UKUKHULELWA kuyahluka ngokwamabhinqa. Zininzi izinto ezibonisa ukuba uza kutyeba kangakanani nezibonisa ukuba lungakanani usana oluquletheyo.
Oomama abaninzi baxhalatyiswa kukutyeba kakhulu lo gama abanye bexhalatyiswa kukubhitya nto leyo intama ukuba usana alukhuli kakuhle.
Akufanelanga ukuba uxhalatyiswe kukutyeba. Ungazami ukuhlis' umzimba kuba ungonzakalis' usana.
Umyinge wokutyeba yi-13,5kg yaye uqal' ukutyeba kwiinyanga ezi-3 zokuqala ngenxa yokutya kakhulu.
Amanye amabhinqa akakufuni tu ukutya (ngenxa yokucatshuzelelwa kusasa) lo gama amanye etya kakhulu.
Xa uqal' ukuyohlukuhla uza kuhlolwa ubunzima bakho ukuze kubonakale ukuba uza kuba neengxaki na okanye hayi.
Amabhinqa akhulelweyo atyebe kakhulu nabhityileyo aba neengxaki ezifana nesifo seswekile, ihayi-hayi aze abeleke ngoqhaqho ngenxa yokubeleka ngaphambi kwexesha.
Bujonge ubunzima bakho
Qho xa uyohlukuhla umntu okuncedayo uza kujonga ubungakanani bomzimba nesisu sakho. Loo nto uyenzela ukuqinisekisa ukuba usana lwakho lukhula kakuhle. Xa kungekho zinguqu kubunzima bakho kwenziwa uvavanyo ukuze kujongwe ukuba alunangxaki na usana lwakho.
Eziny' izinto ezichaphazel' ukukhula kosana sisifo seswekile, sona silwenza lukhule ngamandla usana lube lukhulu.
Xa uyohlukuhla umbelekisi uza kuhlola igazi lakho ukujonga ukuba usana lwakho ngaba lukhulu ngendalo na okanye luchatshazelwa sisifo seswekile.
Ukutshaya nokusel' utywala xa ukhulelwe kwenza usana lube luncinane kakhulu. Xa luzalwe luluncinane kakhulu luba neengxaki zempilo xa lukhula.
Utywala bungunobangela weFoetal Alcohol Syndrome (FAS), ekusisifo esenza umntwana abe buthathaka nto leyo ixela ukuba uluzala usana lwakho sele lulikhoboka lotywala luze lube neengxaki emzimbeni.
Ukumelana nokutyeba...
Ubunzima
Okoomama nootata....
Buyaphi bonke obu bunzima"
Usana 3,5kg
Isizamva 0,7kg
I-amniotic Fluid 1,2kg
Amafutha 3,5kg
Amanzi agcinwayo 1,5kg
Ukuhamba kwegazi 1,4kg
Isizalo 1kg
Amabele 0,7kg
Icatshulwe kuGqr. Miriam Stoppard.
u
BONA - August 2006
Xa ukhwele kwisithuthi sakho kufuneka uboph' ibhanti lokhuseleko maxa onke. Nabantwana kufuneka bawabophe amabhanti okhuseleko. Zonk' izithuthi zinamabhanti okhuseleko nakwizitulo zangasemva yaye kufuneka abantwana bakho ubahlalise ubancedise babophe amabhanti okhuseleko. Iintsana zona kufuneka zihlaliswe esitulweni sazo esilungiselelwe zona ukuqinisekisa ukuba zikhuselekile kuba kaloku izitulo zemoto zilungiselelwe abantu abadala
Xa utheng' isitulo somntwana jonga ezi zinto zilandelayo:
n Thenga esinamabhanti abanzi. Masibe namabhanti emagxeni, emathangeni naphakathi kwemilenze.
n Masifakeke lula. Xa singafakwanga kakuhle sibek' ubomi bosana lwakho esichengeni xa kusihl' ingozi.
n Masihlalise kamnandi. Isitulo esinendawo yokunqika simhlalisa kamnandi umntwana.
n Masibe neekhava ezihlanjwayo ukuze sihlale sicocekile.
n Theng' isitulo esilungel' iminyaka yomntwana. Izitulo zemoto zahlulwa ngokobunzima bomntwana - iimveku ukusa ku-22kg no-36kg (wabantwana abafikelela kwi-12 leminyaka abanobude obungaphantsi kwe-1,5m).
BONA XHOSA - August 2006
Boph' ibhanti
t
Indlela yokuthuthuzela usana
IINTSANA ziyakuthand' ukulila kodwa leyo yindlela ezithetha ngayo nathi. Iintsana azilili kuba zisezintlungwini okanye zingaziva mnandi kuphela koko maxa wambi zilila kuba zifuna uhoyo.
Xa uluthuthuzela kufuneka uqale ujonge ukuba alulili kuba lulambile na okanye alukhululekanga (lufuna ukutshintshwa okanye lulele kakubi), luyagula okanye luyacaphuka.
Xa sele ubonile ukuba alunayo nanye yezi ngxaki kodwa lusalila linga ezi ndlela zilandelayo zokuluthuthuzela:
n Lusingathe uluthuthuzele. Iintsana ziyakuthand' ukusingathwa. Kuzenza ziqiniseke ukuba ziyathandwa kwaye kuyanidibanisa nosana lwakho. Ngumama okanye ngutata ongalusingath' usana - uphando lubonis' ukuba iintsana ziyasithand' isingqi sokubetha kwentliziyo.
n Hamba-hamba nalo. Luthathe usana lwakho uhamba-hambe nalo endlwini. Luphathe ngesingxobo sosana. Ungalufaka kwiprem uhamba-hambe nalo.
n Luculele, uncokole nalo. Luyakuthand' ukukujonga ebusweni usana lwakho. Xa uthetha luyakumamela luze lukuphendule maxa wambi. Ukuluculela nako kuyaluthuthuzela ingakumbi xa uluculela ezaa ngoma wawuluculela zona lusesesiswini.
n Luphulule. Ukuphulul' usana kuyanceda ingakumbi usana olunehlaba esiswini. Fudumez' izandla uthambise i-oyile engenavumba uphulul' isisu sosana lwakho.
n Lulungise xa lungakhululekanga. Xa usana lwakho lulila emva kokulutyisa lubeke esifubeni uluphulule emqolo. Xa lungalalanga kakuhle luncedise uluguqule uze ulujonge ukuba alutshiselwa na kuba kaloku iintsana azikwazi ukumelana nobushushu.
n Ungalukhathazi. Xa ubon' ukuba usana lwakho ludiniwe ungalugqithiseli ebantwini abaninzi kuba lungadinwa kakhulu luze lugxwale kamva lungathuthuzeleki.
n Luse kugqirha. Xa usana lwakho lugula yaye lulila kakhulu luse kugqirha. Ukulusa kugqirha kuza kukunceda uyazi ingxaki yalo yaye ufumane noncedo lonyango xa lugula.
Okoomama nootata....
Isingxobo sosana
Bazali, lifikil' ixesha lokwahlukana nokubelek' usana ngeembeleko, ngoku lixesha lesingxobo esikhuselekileyo iChicco Soft & Safe. Somelele, simfuma-mfuma yaye uyakwazi ukusilungiselela ngokweminyaka yomntwana wakho.
Oomama baseAfrika bebesoloko bebabeleka ngeembeleko abantwana babo baze baqhubeke nemisebenzi yabo. Ngoku notata unalo ixesha aza kulichitha nomntwana wakhe xa ehleli kwisingxobo sakhe iSoft & Safe.
Ezi zingxobo ziziintlobo ngeentlobo yaye zineempawu ezahlukeneyo. [x]
'Tsalela ku 0860CHICCO xa ufun' ivenkile ekufuphi nawe.
