xhosa.2754.legaljul
iingxaki zomthetho
Iingxaki zomthengisi
INGXAKI: Ndathi xa ndizibandakanya neSANDF ndacela umhlobo wam ukuba andithengisele isithuthuthu sam. Ndamnika zonk' iimpepha zaso. Sathengwa ndaza ndamhlawula umhlobo wam.
Umthengi waso wandibek' ityala esithi umthengisi waso wathi sesika-2002 ukanti sona sasisesika-1999.
Ndaya enkundleni ndaza ndagwetywa i-R2 300 yomonakalo neendleko zomthengi zomthetho.
Umhlobo wam wamqhatha umthengi kuba ndandimnike zonke iinkcukacha zesithuthuthu kuquka nonyaka esenziwa ngawo. Ndizimisele ukummangalela umhlobo wam ukuze andihlawule iindleko aze abuyise nemali endamhlawula yona kuba endithengisele esi sithuthuthu. Ngaba ndingaphumelela"
ICEBISO LABAKWASCORPION:
Ngokomthetho wacela umhlobo wakho ukuba abe yi-arhente yakho ekuthengiseni isithuthuthu sakho.
Umhlobo wakho waqhatha umthengi wathi sesika-2002.
Xa unayo ikopi yerekhodi yetyala owabekwa lona, ubungqina obanikwa enkundleni buza kucacisa ukuba awuzange umgunyazise umhlobo wakho ukuba aqhathe umthengi yaye wena wawungenalwazi lokuba wasithengisa ngobuqhetseba.
Obo bungqina buza kucacisa nokuba umthengi waphulaphula into eyayithethwa ngumthengisi emcenga ukuba asithenge isithuthuthu eso.
Xa umangalela i-arhente yakho kuza kufuneka ubonise ukuba ngenene wamqhatha umthengi nto leyo yakhokelela ekubeni umthengi akubeke ityala kamva.
Kufuneka ufumane ikopi yesigwebo owasifumanayo kwelo tyala uze usinike inkundla ukunik' ubungqina bemali owayihlawuliswayo kwaneendleko ezenziwa leli tyala. Xa wawumelwe ligqwetha, imali owayihlawula elo gqwetha nayo iyinxalenye yezo ndleko.
Kufuneka ufumane ikopi ye-akhawunti yegqwetha elo okanye ulibize enkundleni lizonika ubungqina bokuba ngenene walihlawula malini na.
Ungaliwina eli tyala kodwa kufuneka ufumane igqwetha eliza kukunceda. Xa igqwetha owawulisebenzisa etyaleni lakho langaphambili lakonelisayo, licele kwakhona likumele. Xa unengxaki yokufumana igqwetha ungaqhagamshelana ne-ofisi yakwaScorpion ekufuphi nawe ukuze ufumane igqwetha eliza kukumela. [x]
ABAFOTIWEYO BAYABONISA NJE
Sizamile ukuqinisekisa ukuba ufumana iingcebiso ezizizo. Kodwa ke ityala netyala lifuna ukuphandisiswa kwaye abeScorpion Legal Protection (Pty) Ltd, igqiza labacebisi neBONA nabashicileli bayo abanakubekwa tyala ngelahleko engafunyanwa ngumntu osebenzise iingcebiso zalo mhlathi.
Niziphathelwe yiBONA nabeScorpion Legal Protection
Thumel' ingxaki yakho yomthetho kule dilesi BONA Legally Yours, Box 32083, Mobeni 4060 - uya kufumana ithuba lokuxoxa negqwetha imizuzu engama-30 kwii-ofisi zalo naphi na kweli okanye uthethe nalo ngomnxeba.
