xhosa.2751.SAMBRO
B4845/09/09 Kufote uGraeme Borchers; umlungisi nguLinda Bean
3-A-Day ™ Dairy
Uncuthu
Amasi
200ml
lwamasi
Itshizi
40g
Ubisi
250ml
A masi akamnandanga nje kuphela, kodwa ubusazi ukuba ayanceda nasekwakheni amathambo namazinyo omeleleyo?
Amasi enziwa ngobisi oluvuthiweyo ukuze lube nencasa ethandwayo eMzantsi Afrika.
UBUSAZI NA... ukuba AMASI AYINXALENYE YEEMVELISO ZOBISI?
Oko kuthetha ukuba emasini ufumana konke ukulunga kweemveliso zobisi:
Kufuneka utye iimveliso zobisi ubomi bakho bonke, ukwakha amathambo omeleleyo nokuwagcina omelele!
Ikhalsiyam yiminerali ekwiimveliso zobisi yaye iyanceda ukugcina amathambo ephilile yaye omelele.
Iimveliso zobisi zinazo neeprotini esizifunayo ukuze sikhule kakuhle.
Zikunika neevithamini neeminerali ezibalulekileyo ukuze ubesempilweni.
Makabekho amasi ezidlweni zakho yaye uzibandakanye nenkqubo yethu yokutya ekuthiwa yi-3-A-DAY™ Dairy!
YINTONI I-3-A-DAY™ dairy?
Ukukunceda uqinisekise ukuba uyifumana ngokwaneleyo ikhalsiyam sikwenzele inkqubo elula ye-3-A-DAY™ Dairy! Omawukwenze kukuqinisekisa ukuba utya iimveliso ezintathu zobisi ngemini. Kulula ukuyilandela kuba zininzi iimveliso zobisi ukususela elubisini, amasi, iyogathi netshizi!
UNGAZILIBALI IIMVELISO ZOBISI!
Into ebalulekileyo kukuziqhelisa ukutya iimveliso zobisi kathathu ngemini. Ungatya amasi okanye naziphi na iimveliso zobisi. Oko kunceda ekwakheni nokugcina amathambo namazinyo omeleleyo! Amasi ngawona-wona! [x]
Iphulo leConsumer Education Project yeMilk SA. Tyelela ku-www.dairy.co.za
ELENTENGISO
