XHOSA.2750.muthi
kubhale uFORCE KHASHANE
OMNYE wabafundi bethu oneshishini elincinane undibhalele kutshanje esithi: "Abathengi bayagqitha kwishishini lam bangafuni nokujonga ngathi bagqitha engcwabeni elitsha. Ngaba likho iyeza elinganceda ishishini lam lithandwe ngabathengi""
Asinguye yedwa lo mfundi osengxakini elolu hlobo. "Ndithengis' iimpahla neengubo, kodwa ishishini lam linelahleko kunokuba libe nenzuzo," latsho eliny' inenekazi laseKapa elandibhalelayo lisithi ngoku lisematyaleni yaye linengxaki ekulandeni imali eliyityalwa ngabathengi balo.
Likho iyeza elinceda amashishini atsale abathengi ekuthiwa yiwoza-woza.
Ishishini ke liqhuba kakuhle xa linento etsal' abathengi.
Kodwa ukuqhub' ishishini akufuni sicwangciso, indawo enomtsalane nokulibhengeza ngokukuko kuphela.
Kufuneka usebenzise namayeza kwishishini lakho ukuze ugxothe oothikoloshe, iimpundulu neminye imimoya engendawo ekwenzela amashwa.
Ngamany' amazwi kufuneka ulikhusele ishishini lakho njengokuba uzikhusela nawe.
Xa umntu egula usiwa kwagqirha okanye exhweleni. Kunjalo ke nakwishishini.
Kufuneka ufune igqirha okanye ixhwele eliza kuqinis' ishishini lakho - kwaye oko kufanele kuvuselelwe ngonyaka okanye kwakufika ixesha.
Xa ungaliqinisi kwaye ungenayo newoza-woza liya kutsala nzima.
Nkqu nokusebenzisa iwoza-woza kuphela akuncedi. Iwoza-woza iya kubatsal' abathengi, kodwa ayinako ukuthintela imimoya engendawo efuna ukulibulala ishishini.
Ngokomzekelo, xa uthengisa esitratweni, kufuneka uziqinise iitafile zakho neziny' izinto ozisebenzisayo, kwaye ubenayo newoza-woza.
Qhumisa ibaso kwindawo oshishinela kuyo. Ndikhuthaza ukuba usebenzise ibaso elenziwe ngamafuth' ebhokhwe.
Ungalenzi ibaso ngamafuth' egusha kuba igusha sisilwanyana esithule kakhulu.
Ungaze wenze ibaso ngamafuth' omntu.
Abantu bade babulale abantu kuba kukho abantu abaneengqondo ezibolileyo zokuba ungaba sisityebi ngokukhawuleza ngokusebenzisa amalungu emizimba yabantu.
Imikhwa emibi
Izinto ezilolo hlobo ke kuthiwa kukuthwala kwaye xa umntu ethwala kude kubulawe umntu kuba kusenziwa iyeza.
Oko kukubulala nje okungenantsingiselo kwisithethe sethu.
Olo hlobo ke lwewoza-woza alusebenzi.
UThixo nezinyanya ziyawaphelisa amandla amagqirha abulala abantu abamsulwa.
Zininzi izinto ezimbi ezenziwa ngabantu nezingcolisa igama lamaxhwele.
Ndakhula ndisiva amanyala enziwa ngabantu kuba besithi bafuna amashishini abo abe newoza-woza, ingakumbi amashishini ezirhoxo zomqombothi.
Kwakusithiwa iwoza-woza "yayisenziwa" ngoonozirhoxo ngokuhlamba ngomqombothi uze emva koko uthengiselwe abantu!
Eliny' ibali lalisithi umqombothi wawusilwa uhluzwe ziinkawu.
Kwakusithiwa utywala obuhluzwe yinkawu buthandwa kakhulu ngabantu.
Kaloku iinkawu zisoloko zisayanyaniswa namanyundululu enziwa ngabantu.
Inyaniso kukuba iinkawu azinanto yakwenza nokuthakatha. Xa kukho umntu othakathayo nguye owenza inkawu ithambe ukuze athakathe ngayo.
Nceda ke ufumane iyeza elilo lokutsala abathengi kwishishini lakho. [x]
34 BONA XHOSA - April 2006
Sithetha ngamayeza esintu
Khumbula ukubek' imali yewoza-woza!
Bhalela uForce ngemibuzo yakho ngamayeza esintu kule dilesi:
Talking Muthi, Box 473014, Parklands, 2121 okanye uthumele i-e-mail ku-forcek@caxton.co.za
