xhosa.2736.gordon
Okwenza uGordon aphumelele!
BONA XHOSA - July 2007
UGordon Igesund sele ezuze indebe yePremier Soccer League kane namaqel' ohlukeneyo kwiminyaka elishumi edlulileyo, kwaye oko kumenze wangoyena mqeqeshi unempumelelo kwimbali yebhola yeli.
kubhale uMARK GLEESON
kufote uGALLO IMAGES
AKUKHO mntu ungaphikisa ukuba uGordon Igesund ungoyena mqeqeshi unempumelelo kwimbali yebhola yaseMzantsi Afrika. Ukuzuza kwakhe indebe yeligi neSundowns kutshanje kuyibethelele nangakumbi loo mpumelelo. Nangona kunjalo kubathabathe ithuba abantu ukuyibona impumelelo yakhe.
Nangona ibibonakala impumelelo yakhe, akukho nzuzo ayifumeneyo ngayo kwaye kufuneke abile esoma ezama ukuzibonakalisa.
Oku kumel' ukuba kuyamkhathaza lo mqeqeshi agxekwa ngabantu abaninzi ngendlela adlala ngayo amaqela awaqeqeshayo.
Nangona kunjalo imbali yempumelelo yakhe ibaval' umlomo abagxeki bakhe.
Wayengenabo abadlali abaphambili uIgesund xa wayezuza indebe yeligi eqeqesha iManning Rangers yaseThekwini neSantos yaseKapa.
Wasebenzisa amaqhinga akhe ukwenza abadlali abangekho phambili bazuze ezo ndebe.
Impumelelo yeRangers ngo-1997 yabonisa ukuba akenzanga ngamlingo njengempumelelo yeSundowns kule sizini ezuze indebe yeligi isashiyekelwe yimidlalo eliqela.
Wazuza indebe yeligi eqeqesha iManning Rangers eyayingenabadlali banamagama, wayizuza neOrlando Pirates ngo-2001, waphinda wayizuza eqeqesha iSantos kunyaka olandelayo.
Ngethuba eqeqesh' iPirates yayinabo abadlali abaphambili, qha kuyo wayejongene noxinzelelo lwangaphandle kwebala. Wafika wayizuzela indebe eyayineminyaka emithandathu yagqibela ukuyizuza.
Iqela eliphambili
Kulo nyaka ubeqeqesha iqela leSundowns ekulelona lomeleleyo kwakhe wawaqeqesha kwaye ubonisile ukuba angabenza badlale kakuhle.
Kwisizini edlulileyo amaBrazilians ebedlal' ibhola emnandi ehlaselayo. Bebebaninzi ababukeli abeza bazoyibukela kwaye uIgesund ubavale umlomo abagxeki bakhe.
Ufike eli qela liyiqale kakubi isizini kwaye oko kwenza kwagxothwa uMiguel Gamondi waseArgentina noNiel Tovey ebebengabaqeqeshi bayo nangona babeyincede yazuza indebe yeligi kwisizini engaphambili.
"Xa unabadlali abaphambili, banento yokuzixelela ukuba badlala kakuhle," utshilo uIgesund ethetha ngokudlala kwabo imidlalo eli-11 yePSL bewina kuyo yonke.
"Ndifike kwiqela elomeleleyo ebelifuna ukulungiswa nje phaya naphaya. Mna ke ndifike ndazama ukuphelisa ukuzixelela kwabadlali, ndatshintsha nendlela ebebedlala ngayo.
"ISundowns ibiyithunga kakuhle ibhola kodwa ingahlaseli ngokukhawuleza. Mna ndithanda ibhola ekhawulezayo. Kufuneka abadlali bangayilahli nje ibhola, babe nomonde, balinde ukuvela kwethuba baze balisebenzise ngokukuko."
Ukuzimisela
U-Igesund uthi uyakwazi ukuzibona iingxaki zeqela lakhe ebaleni aze azilungise, kodwa uthi ubukhulu becala liphumelela ngenxa yokusebenza nzima.
Ngaphezulu koko kukho imeko yengqondo ekuyeyona ibalulekileyo.
"Ndisebenzisa ubuchule bengqondo kakhulu ebadlalini bam. Ndiyathetha nabo. Ndibenza bakholelwe kubo, ndibenza bafune ukudlala nokulwela impumelelo," utsho uIgesund.
"Kufuneka bakunike intlonipho njengomqeqeshi, ungabanyanzeli ukuba bakuhloniphe. Andifiki nje ndithi: 'ndinguGordon Igesund, umqeqeshi owina iindebe, niza kudlala ngendlela yam.'
"Andingxami xa abadlali ndibafundisa oko ndifuna bakwenze ngokuzimisela."
Uthe uyayibethelela into yokuba abadlali badlale ngokwemiyalelo.
"Xa umdlali enikwe umsebenzi othile emdlalweni, kufuneka awenze ngendlela."
Ukwenza umthambo
U-Igesund uthi mninzi umsebenzi owenziwayo xa iqela liziqeqesha.
"Ndiyathanda ukwenzis' abadlali into endifuna bayenze emdlalweni ukuze ndibone ukuba bayayilandela na." Uthi abadlali ubenzisa nje imithambo emihlanu nemithandathu ngemini xa ebaqeqesha.
Unawo amaxesha okubangxolisa abadlali kumagumbi okunxibela xa bengakwenzi akufunayo, kodwa unethamsanqa lokuba basoloko beyilandela imiyalelo yakhe.
Ukwathe ukuba nabadlali abaphambili kweSundowns kwenza kubenzima ukubenza bakhuphe sonke isakhono sabo.
Abanye banetalente entle kangangokuba izinto ziyazenzekela kubo ebaleni - maxa wambi ezo zinto zibe zingaliphumelelisi iqela.
U-Igesund uthi xa ungumqeqeshi owaziyo umsebenzi wakhe ufuna inyanga enye ukufund' abadlali. "Kufuneka wazi ukuba uya kuphumelela okanye woyiswe ngezigqibo zakho. Ngoko ufanele ukwazi okwenzayo."
Ukuzuza iindebe namaqela ohlukeneyo kuyabonisa ukuba uyawazi umsebenzi wakhe. [x]
Uzihambela yedwa
BONA XHOSA - July 2007
UGordon noPatrice Motsepe bebhiyozela ukuzuza indebe kweSundowns. "Ndisebenzisa ubuchule bengqondo kubadlali bam. Ndibenza bazithembe, bafune ukudlala, bafune ukulwela impumelelo," utsho uIgesund.
