xhosa.1195.yourworld_knowall
UMALUME UTHI UNOMHLOBO OWAJIKA IINWELE ZANGWEVU NGOBUSUKU OBUNYE. INGABA OKO KUNGENZEKA?
NguLebo Maseko, eVosloorus
Kuhle ukungakholelwa yonke into oyixelelwayo. Lo mbuzo ubuzwa ehlabathini jikelele kwaye impendulo ithi akwenzeki. Iinwele zibangwevu xa izakhi-mbala weenwele ziyeka ukusebenza ngenxa yobudala. Kodwa uxinzelelo lwengqondo nolomzimba olumandla lungakwenza ukhawuleze waluphale.
Oku kuchaphazela indlela eziwa nezikhula ngayo iinwele, yiyo loo nto kucingelwa ukuba abantu babangwevu kwiminyaka emihlanu phambi kwexesha xa kuthelekiswa neminyaka yoo-1970.
Ukuba iinwele zakho ziyakhawuleza ukuwa kwaye unaso nestresi, amathuba okuba zikhule zingwevu maninzi, kube ngathi ke ngoku zitshintshe zangwevu ngobusuku obunye.
NDIYAziTHANDA iimveliso ezinAMAGAMA! OONokia, OODiesel, OOConverse - oOGucci NEeBeemer . . . LELIPHI KE ELONA GAMA LIPHAMBILI ELIZWENI?
NguJabu Dlamini, eDiepkloof
Siyabulela ngalo mbuzo unomdla, Kumkanikazi yeemveliso ezinamagama! Zininzi iindlela zokubona elona gama eliphambili, usenokujonga umgangatho wenkampani, ixabiso lemveliso, inani leemveliso ezithengwayo nezithandwayo. Umzekelo, iBONA yeyona magazini ithandwayo kweli, ngokwabaphandi.
Elona gama liphambili kwihlabathi jikelele ligama lenjini yokuphanda ye-Intanethi, iGoogle, ekucingelwa ukuba ixabisa malunga ne-R800 billion.
Ukuba uyiKumkanikazi yamagama ngenene, ndiqinisekile uneselfowuni ene-Intanethi, ngoko kutheni ungadibani namaqela athanda iiimveliso ezinamagama kwi-Intanethi? Yiya kweli jelo:
www.worldtopbrands.com
IMIBUZO YAKHO
Ingaba ikho into osoloko uzibuza yona? Ufuna
ukwazi ukuba yenzeka njani, phi okanye nini? Apha uza kuzifumana iimpendulo zemibuzo
yakho ebingakulalisi
iliso lam linamathele kwinene elibukekayo esele liBUqina elinguSexton. umhlobo wam uthi igama lakhe linento yokwenza nokufa! Yenzeka njani loo nto kwigama elimnandi ngolu hlobo?
NguKatlego Mashatile, eThokoza
Ndilusizi kuba umhlobo wakho unyanisile, Katlego! Igama elithi Sexton lithetha umntu oqeshwe yicawe ukuba akhathalele icawe namangcwaba. Ixesha elininzi wemba amangcwaba, akhalise intsimbi yecawe.
Usenokuba uyazibuza ukuba ngumntu otheni ongakhetha eli gama. Kaloku kudala izikolo zazinyanzelisa ukuba ubenegama lesilungu, kwaye njengoko usitsho lalivakala limnandi eli.
IBALana NGENDUMASI
Isiphiwo sobuciko
Phambi kokuba le ndumasi engumsasazi wenkqubo yeencoko u-Oprah ifumane udumo, yakhe yadibana no-Aretha Franklin yathi kuye ayinabani, naye wakholwa. U-Aretha wanika u-Oprah i-R800. Waze ke u-Oprah wayichitha loo mali ngokuhlala ehotele.
inyaniso
Igolide efumaneka kumalwandle akwihlabathi liphela iphinda-phindene kangangama-200 xa ithelekiswa nekwimigodi esemhlabeni owomileyo
BUZA THINA Ingaba kukho ofuna ukukubuza kuMiss Know-all? Mbhalele kule dilesi,
Miss Know-all, Box 32083, Mobeni, 4060.
