xhosa.2708.students
BONA XHOSA November 2008
Abantwana abatefiswayo!
Abazali abaninzi bancama imali abayisebenzele nzima ubomi babo bonke ukuze bahlawulele imfundo yabantwana babo yaseyunivesithi, kodwa ufumana ukuba uninzi lwaloo mali idyakazwa ekuthengeni impahla yefashoni ngabantwana abafuna ukubonwa nabo besentweni... Kubhale kwafota uBrenda Nkuna
IBONA IYAPHANDA
ABAZALI basebenza nzima, babophe ibhanti besonga imali ukuze abantwana babo bafumane imfundo ephakamileyo. Kodwa kubantwana abaninzi ayibalulekanga kubo loo mfundo ngaphezulu kokuba nabo babonwe besentweni ziintshomi zabo. Kwaye kule minyaka abantu bathanda izinto zexabiso, ubonwa ukuba usentweni ekhampasini ngokunxiba iimpahla nezihombo eziphambili nezingena nzulu epokothweni.
Leyo ke yinto abazali abangayiniki ngqwalasela kuba bona bacinga ukuba bagqibile xa bekhuphe imali yokufunda, eyeencwadi neyendawo yokuhlala.
Benza impazamo enkulu ke ngokucinga kanjalo kuba abantwana abazibona bengekhontweni kuba bengenazo iimpahla eziphambili, baqhatha abazali babo bacele imali abathi yeyeencwadi kanti bayozithengela ngayo izinto zabo.
Abazali ke nabo bawa bevuka bezamela umntwana wabo loo mali ayicelayo, bengazi ukuba uyabaqhatha kuba bahlala kweliny' iphondo okanye abazange bawubona umnyango waseyunivesithi.
UYandiswa Ndiwa (22) owenza unyaka wesithathu kwizifundo zePsychology e-University Of Western Cape (UWC), uthi yena unethamsanqa lokuba enotata owamkela umvuzo omhle noyiqondayo imfuneko yokuba ufanele anxibe impahla esemgangathweni, kodwa uyavuma ukuba abafundi "bayagabadela" ngokufuna ukuzibonakalisa ngeempahla ezinamagama zeCarvella, iGucci, iTommy Hilfiger nePolo.
"Bacing' ukuba ukunxib' ezo mpahla zinamagama kuza kubatsalela abahlobo abasuka kwiintsapho ezifumileyo," utsho uYandiswa.
"Abany' abafundi abanabazali abangathathintweni okanye abangafuni nokuyiva eyokuthengwa kweempahla zodidi bade bagrogrise ngokuzibulala okanye bathi baza kuthandana namadoda amadala aza kubapha imali. Eny' into abagrogrisa ngayo abazali kukuyek' ukufunda xa bengakunikwa abakufunayo," utsho uZinzi Sixaba (20) owenza unyaka wesibini kwizifundo zokhenketho.
Oko kuba yintlungu enkulu kusapho olubophe ibhanti iminyaka lusonga imali yokusa umntwana walo eyunivesithi.
"Wawundizisela ntoni emhlabeni xa ungakwazi ukundithengela endikufunayo?" eminye imiqwebedu ide ibuze kanjalo.
Ingxaki kukuba abafuni kushiywa ziitshomi zabo. "Xa abahlobo bam benxiba iijin zeLevis 501, nam ndiyazifuna," utsho uZinzi.
Ufumana nabafundi abasuka kwiintsapho ezingamahlwempu bekufihla oko ngokunxiba iimpahla ezinamagama, utsho uRema Lekhehla ongumcebisi wabafundi eWalter Sisulu University.
"Kaloku siphila kwilizwe ojongwa umgangatho wakho ngokwento oyinxibileyo."
Oku kubeka abazali phantsi koxinzelelo, ingakumbi abaphila ngezibonelelo zikarhulumente. Banyanzeleka ukuba baboleke imali baze bagqibele bengakwazi ukondla amany' amalungu osapho.
"Nokumnik' imali ungakhathali umntwana kungamenza umqwebedu ophila ngokuhamba iipati nangokuba linxila," utsho uMpisi Mfete (65), onomntwana ofund' eyunivesithi.
"Loo nto yenzeka apha kum. Ndamkela inkam-nkam yaye umntwan' am xa wayecel' imali yeencwadi rhoqo de ndafuna ukuzibona ezo ncwadi!"
Ayizange ize nezo ncwadi intombi kaMpisi kwaye xa eyibuza ukuba iyithathaphi imali yokuthenga izihlangu rhoqo yayisithi yimali ezongela yona.
"Ndadibana nomzali womntwana owayesenza izifundo ezifanayo nezomntwana wam, wandixelela ukuba uyandiqhatha ukuze ndimnik' imali."
Ukwathe abazali abaninzi bayabakholwa abantwana babo xa becela izinto zesikolo, kodwa kufuneka balumke.
Okumangalisayo ke kukuba eziny' iingcali zengqondo zithi ukunik' umntwana imali ayikokufeketha ngayo kuba kubenza bazithembe kuba "bezibona nabo besentweni" kuze oko kubenze bangafuni ukushiyeka nasezifundweni zabo.
Baqhuba kakuhle njani ezifundweni zabo babe bechith' ixesha elininzi ezipatini?
Eziny' iingcali zengqondo ezinjengoKhetani Msimeki wase-University Of Limpopo uthi ukungazithembi nokufumana amanqaku aphantsi ezifundweni kubonisa iingxaki ezingaphezulu kokungabi namali yokuthenga impahla ephambili. Ukunganxibi njengabanye abafundi kunalo uxinzelelo kubafundi, kodwa ukudakumba, ukuziva ulilolo nokungathandi ukuhlala nabany' abafundi kubonisa ukuba umfundi uneengxaki ezondeleyo, ngoko ufuna uncedo.
"Kubalulekile ukubanceda abantwana bazibekele izinto abafuna ukuziphumeza ebomini beselula. Abafundi abazibona bexabisekile kubazali neetitshala zabo bangamelana noxinzelelo lokufuna ukunxiba izinto eziphambili," utshilo. [x]
West Cape News
Abafundi uYanga Tunzi, uYonela Ntlahla noTshidi Selela - kufuneka unxib' impahla yefashoni ukuze ubonwe usentweni.
"Bagrogrisa nangokuyeka ukufunda xa bengayiphiwa imali"
Ingaba ukuba needimazi ezinegama kuza kukunceda uphumelele kwizifundo zakho?
UPhindile Gxumisa uthi ukunxib' iimpahla ezinamagama kuyinto enkulu ekhampasini.
BONA XHOSA November 2008
