xhosa.2701.Takalani
UKUKHATHALELA
BONA XHOSA - December 2006
Ewe. Maninzi apha amagqabi aluhlaza oza kuwatya.
Ndiyavuya xa ndimfumanele indawo yokuhlala umhlobo wam!
Mholo mhlobo wam, uyaphi na"
Mmm, iminqathe elungel' isuphu ehluthisayo!
Lamnandi elo gama, Moshe!
Umbungu! Yhu, awusemhle.
Yiza sihambe sobabini
Yhu yantle le mini. Ilanga libalele neentaka ziyacula!
Mholo Moshe, jonga into endiyifumene eteksini yam!
Sele ndilicingil' igama lawo. NguKupukeji!
Masiyokufunel' indawo yokuhlala!
Xa le minqathe isilungele ndiqinisekile iza kumlungela naye uKupukeji!
Ewe, Moshe. Ndicinga njalo nam.
Ndiyacinga ukuba uza konwaba phaya esitiyeni sam, Zikwe.
Sala kakuhle Kupukeji, ube nemin' emnandi!
Le suphu iza kuba mnandi kakhulu yaye siza kuyitya sonke.
Intle into yokokuba ubakhathalele bonke abahlobo bethu, Kami!
Bazali naBagcini babantwana!
KwaSanlam siyazi ukuba zixhomile iindleko zokufundis' abantwana, kodwa ke zixhome nangakumbi ezokungabafundisi. Zalisa le khuphoni ke uyithumele kuthi, umcebisi ngezimali wakwaSanlam uya kuqhagamshelana nawe akunike icebo eliya kwenza umntwana wakho abe nengomso eliqaqambileyo.
Kami, nangu ke omnye umnqathe. Mibini ngoku yaye iyanele le suphu.
Ndiphathela uKami lo mnqathe ukuze awufake kwisuphu yakhe!
Thatha Kami, nangu umnqathe ofreshi!
Mmm, yamnandi le suphu! Enkosi Kami, ungumhlobo wenene.
Enkosi Moshe, kodwa kufuneka iminqathe ibe mibini kule suphu.
BONA XHOSA - December 2006
Igama: .....................................................
Idilesi: ......................................................
............................................................................................ Ikhowudi: .....................
Umnxeba: ................................................
I-ID: ..........................................................
UMoshe uthe uza kundiphathela iminqathe endiza kuyifaka kule suphu.
Kulungile, Kami mininzi iminqathe esitiyeni. Ndiza kukuphathela omnye.
