xhosa.269.purity
USis Purity olilungu leqela leengcaphephe zokutya kweentsana lakwaPurity, uphendula imibuzo yakho malunga nokondla usana lwakho
inqaku lentengiso
USis Purity uthi...
Umbuzo woku-1:
Usana lwam oluyinkwenkwe luneenyanga ezi-6 kwaye ndisaluncancisa. Luyasitya isidudu, kodwa eklinikhi bathi makatye ukutya okune-ayoni eninzi. Kokuphi ke ukutya okunika i-ayoni"
- Z Basetsana, Vereeniging
Impendulo:
Ubisi lwebele lunika usana i-ayoni eyaneleyo de lube neenyanga ezi-6, kodwa mhlawumbi umongikazi ufuna ukuqinisekisa ukuba nasemveni koko usana lwakho lufumana i-ayoni eyaneleyo. Uthi sele uqalisile ukumtyisa isidudu umntwana wakho. Kubalulekile xa engaka ukuba atye isidudu esenzelwe ngokukodwa iintsana, esongezelelwe i-ayoni enced' ukukhula kwengqondo yomntwana kunye nomzimba.
AbakwaPurity banoluhlu lwezidudu zabantwana zeCream of Maize okanye ezaMabele ezongezelelwe i-ayoni enceda ukukhula kwengqondo yomntwana.
Isidudu esifakwe uvithamini C no- A sinceda umzimba wosana ukwazi ukuthatha i-ayoni lula, ngelixa izinc neselenium zona zinceda ukomeleza umzimba uhlale usempilweni.
Kuba umntwana ekhula ngokukhawuleza udinga i-ayoni eninzi kunomntu omdala. Ngoku umntwana mnike ukutya okwahlukeneyo, umhluzi wenyama yenkukhu okanye wenyama esiliweyo ufakwe esidudwini sakhe kuba inyama ine-ayoni.
Umbuzo wesi-2:
Usana lwam uThabiso uneenyanga ezi-7 ngathi akakufuni ukutya okuqinileyo ufuna ubisi kuphela. Ndizamile ukumnika isidudu somgubo wombona kodwa usuke aqhinwe. Ndithini"
- A Hlomuka, Vryheid
Impendulo:
Maxa wambi abantwana abancinane abakuthandi ukutya okungekho switi kuba baqhele ubisi lwebele nolwesipoponi oluswiti.
Ungaqala ngesidudu sakwaPurity, aMabele okanye iCream of Maize - zenzelwe iintsana, zithambile kwaye kulula ukuzetyisa, azinakumqhina. Ukuba uqale ngokungasithandi, galela ubisi lwebele okanye ubisi lwesipoponi esidudwini - kuba akakalungeli ukutya ubisi lwenkomo.
Zikho neencasa ezintsha zezidudu zakwaPurity ezithengiswayo ezingongeza ekutyeni kosana lwakho.
Ukuba umntwana wakho uqhinwa rhoqo mnike iziqhamo ezicujiweyo ezixubileyo okanye imifuno (kungenjalo iPurity single fruits and vegetables in Stage 1) ukumnceda. (Ukhumbule ukugcina iibhotile zePurity efrijini iiyure ezingama-48 - musa ukufaka icephe ebelisitya umntwana phakathi ebhotileni, kuba izingcwe zizakumanzisa ukutya.)
ZONKE IIMVELISO ZAKWAPurity AZINAZO IZINQANDI-KUBOLA, IMIBALA NEENCASA ZOKUZENZELA
Nika uSana lwakho iSiqalo eSihle!
QALA usuku losana lwakho ngokumnika isidlo sakhe sasekuseni sePurity. Khetha kuluhlu lweendidi zezidudu zeentsana zakwaPurity ezinezakha-mzimba nezihluthisayo, zongezelelwe iivithamini iselenium, izinc ne-ayon. Zitshintsha-tshintshe ngokukhetha kwiPurity Cream of Maize (i-Original, iStrawberry okanye iBanana) okanye iPurity Mabele (i-Original, iMixed Fruit okanye iVanilla.) Icalcium eyongeziweyo yomeleza amazinyo namathambo, ngexa ivithamini iB1, iB2, iB3 neB6 zikhulisa ingqondo ibe sempilweni. Kulula ukuzetyisa kwaye akuxutywanga mbewu zohlukeneyo, izidudu zakwaPurity ziyeyona nto ongagcina ngayo usana lwakho lwanelisekile.[x]
Sinenkangeleko
entsha
kwiimveliso
zethu
