xhosa.2688.allergies
BAPHAKATHI kwe-20 ne-30 phesenti abantwana nabantu abadala abaliwa zizinto ezithile yaye inani liyakhula ngenxa yongcoliseko lomoya neziny' izinto, leyo yingxelo yeAllergy Society Of South Africa.
Kukuthini ukwaliwa zizinto" Yindlela ophatheka ngayo umzimba wakho usakuba usebenzise nto ithile engenabungozi kwinkoliso yabantu.
Abany' abantu abavani nento ethile lo gama abanye besaliwa zizinto eziliqela. Iimpawu zoko zixhomekeka kwindlela emala ngayo into leyo ayisebenzisileyo.
Iyintoni i-allergen" I-allergen yinto eyenza kuvele ukwaliwa yinto. Ukuze ungafikelwa yimeko yokwaliwa yinto ethile kubhetele uzikhusele kwizinto ezingunobangela woko.
Iintlobo ezixhaphakileyo...
Umungu
Lo ngumgubo ocolekileyo oveliswa yimithi ethile, ingca neentyatyambo yaye uthwalwa ngumoya uze kufikelela kuloo mntu waliwayo nguwo ngokuwusezela okanye ufikelele kulusu lwakhe.
Loo nto yenza ube nomfixane.
Ukwaliwa ngumungu kuxhaphaka kakhulu entwasahlobo kuba umungu luba luninzi kodwa abany' abantu baba nomfixane unyaka wonke.
Iimpawu zezi: amehlo abomvu alilayo, ukuziphumela komkhunyu, ukuthimla, ukurhawuzelela komqala neendlebe namarhanana.
Unyango: Xa usiya ekliniki, kugqirha okanye kwikhemisti yakho uza kunikwa into eza kudambisa ezo mpawu.
Ukuzithintela: Umungu lucoleke kakhulu, alubonakali yaye kunzima ukuluthintela ukuba lungadibani nolusu lwakho. Hambela kude nemithi neentyatyambo ezidubulayo nengca echetywayo.
Xa uvela phandle hlamba ukususa lonk' umungu olufumeneyo utshintshe neempahla.
Iintsholongwane ezihamba nothuli olusendlwini
Luhlobo oluxhaphakileyo lweeallergens yaye zenza umbefu neziny' izigulo.
Zizinto ezingabonakaliyo (ngaphandle kwaxa uzibona ngemicroscope) ezihlala ethulini lwasendlwini yaye zitya ulusu oluxobuka ebantwini nakwizilwanyana.
Akukho lula ukuzithintela kwezi zinto kuba yonk' imizi inazo ezi ntsholongwane ezihambisana nothuli.
Zithanda iindawo ezifudumeleyo ezinokufuma yaye zithand' ukuhlala ebhedini, kwifanitshala entofontofo, kwikhaphethi nakweziny' iimpahla zasendlwini.
Nazo ziphathisa ngomfixane.
Unyango: Xa uziva ukuba awumnandanga yiya kugqirha okanye ekliniki okanye ekhemisti uza kufuman' amachiza aza kukunceda.
Ukuzithintela: Zama kangangoko unako ukugcin' ikhaya lakho lingenathuli ngokulicoca rhoqo uze uhlambe nezinto zebhedi ngamanzi ashushu.
Izinja, iikati neziny' izilwanyana
Izinja neekati zinento ebizwa ngedander eseboyeni lwazo, ematheni nakufele lwazo. Xa zikwala ezi zilwanyana ungaba nomfixane okanye umbefu.
Amahashe, iintaka, iimpuku nazo ziyayenz' ingxaki.
Unyango: Lufana nolwemfixane.
Ukuzithintela: Qinisek' ukuba ezi zilwanyana azisondeli apho uhlala nalapho ulala khona. Kubhetele ungazifuyi ezi zilwanyana xa zikugulisa.
Ukwaliwa kolusu zizinto
Kuvela xa ulusu ludibana nezinto ezifana nezityalo, izinto zokucoc' indlu, iikhemikhali, iziqholo nezinto zokuthambis' umzimba.
Kubonakala ngezigxala ezibomvu, ezirhawuzelelayo kuloo ndawo idibene nenye yezi zinto zibaliweyo.
Unyango: Ziyaphela izigxala kusakuphel' ukurhawuzelela. Zikhona iikhrim zokunyanga ezi zigxala ekhemisti.
Ukuzithintela: Ungasondeli kwizinto ezingavaniyo nolusu lwakho. Nxiba iiglavu xa ucoc' indlu - kodwa uqale uqiniseke ukuba uyavana nelatex!
ILatex
Iingcali zikholelwa ekubeni liyanda inani labantu abangavaniyo nelatex. Ilatex yirabha elungisiweyo esetyenziswa kwizinto ezininzi ezifana neeglavu zokuzikhusela neesoli zezihlangu.
Abona bantu basebungozini ngabezempilo kuba banxiba iiglavu zelatex. Umntu ongavaniyo nelatex angazifumanisa sele egula kakhulu. Ukwaliwa yilatex kubonakala ngerhashalala, amaqhuma emzimbeni, ukutswina nombefu.
Ungayiphathi ilatex xa ungavani nayo kungenjalo xa urhana ngathi akuvani nayo baleka uye kugqirha uzofuman' unyango.
BONA XHOSA - February 2006
Ukwaliwa zizinto ezithile (allergy) akunabungozi butheni kodwa kubenza nzima ubomi bomntu lowo ungavaniyo naloo nto!
kubhale uGRACE KHUZWAYO
kufote abakwaGREAT STOCK!
Zincede
Ukwaliwa zizinto ezithile
BONA XHOSA - February 2006
Ukwaliwa kukutya
Okona kutya kudla ngokungavani nabantu abaninzi kuquka: amaqanda, ubisi, amandongomane, intlanzi, ishellfish, ingqolowa, iziqhamo ezithile nemifuno.
Amatyeli amaninzi abantu sube bengakufuni nje oko kutya ingekuko ukuba ukutya oko akuvani nabo.
Ukutya okutyhefiweyo makungabhidaniswa nokwaliwa kukutya.
Xa usithi qho emva kokutya into ethile ugule yazi ukuba ayivani nawe loo nto uyityileyo.
Xa iba maxongo imeko yakho yiya kugqirha.
Umbefu nokwaliwa zizinto
Umbefu sisifo samaphaphu esenziwa kukungavani nento ethile esenza kudumbe inwebu ekhusele imibhobho yomoya.
Umbefu ubangelwa zizinto ezininzi ezifana nezi: umzi womdiza, iintsholongwane ezihamba nothuli, umungu, uxinzelelo, iinguqu zemozulu nezilwanyana ezithile.
Ubonakala ngokhohlokhohlo, ukutswina, ukuphefumla nzima nokuxinana kwesifuba.
Xa sele uzibonile izinto ezenza uphathwe ngumbefu, zilumkele ezo zinto yaye ucwezele kude nazo.
Xa urhana ngathi unombefu kubhetele ufune uncedo lonyango ngokukhawuleza.
Bonke abantu abanombefu kufuneka bahlale bewabeke kufuphi nabo amayeza abo okunyanga umbefu khon' ukuze uthi xa uvuka bafuman' unyango olukhawulezayo kuba ungambulala umntu.
u
t
Xa ikugulisa loo nto ikwalayo yiya kugqirha ngokukhawuleza
Ukusuzelwa zizinambuzane
Uninzi lwethu alubi nangxaki itheni - iba ziintlungu, ukurhawuzelela nokudumba kuloo ndawo isuzelwe sisinambuzane. Xa kusanda ukudumba uze urhawuzelele wonk' umzimba uphefumle nzima kufuneka ufune unyango kuba okunye ukusuzelwa okufana nokwenyosi kunobungozi kakhulu.
Isilumkiso
Nangona ukwaliwa zizinto kungenabungozi bungako kweziny' iimeko ezimbalwa kwenza ianaphylaxis, isifo esibulalayo xa singakhawulezelwanga ngonyango.
Senziwa zizinto ezininzi kodwa ikakhulu senziwa kukutya okuthile, ukusuzelwa zizinambuzane namayeza athile.
Iimpawu zaso ziquka: irhashalala nokurhawuzelela komzimba wonke, ukuphefumla nzima, ukudumba (ikakhulukazi ngasebusweni okanye emlonyeni) nesiyezi.
Umntu onezi mpawu zingentla makakhawuleze aye kufun' uncedo lukagqirha.
n I-Allergy Society of South Africa ineWebsite enika ulwazi oluthe gabalala neengcebiso ngokwaliwa zizinto ezithile. Zijonge ku www.allergysa.org.
Kungenjalo ungababhalela kule dilesi ubaxelel' ingxaki yakho bona baza kukuthumelel' ulwazi olufunayo: The Allergy Society Of South Africa, Box 88, Observatory, 7935, Cape Town. Uncede ufake imvulophu enedilesi yakho nesitampu okanye ikhuphoni yehlabathi yempendulo xa ungaphaya kwemida yeloMzantsi Afrika. [x]
Ukwaliwa ngamayeza
Amayeza athile angakuphatha kakubi okanye akugulise. Kufuneka ufumane uncedo lukagqirha olukhawulezayo ukuze uqinisekise ukuba awuphindi ulisebenzise iyeza ongavaniyo nalo kwakhona.
