xhosa.2660.africa
KUYA NGOKUBA BHETELE
Noxa kulilizwe le demokhrasi kwaye nemeko yezoqoqosho isiya ngokuphucuka, iSierra Leone isatsala nzima kwezempilo. Kuxhaphakile ukufa kwabantwana noomama abasweleka bezala, kodwa ukungabikho kombane ngokwaneleyo nobuninzi babantu abangafundanga kuthintela abasemagunyeni ne-UN ekuqokeleleni ulwazi olufunekayo kule ndawo.
Ngoku i-Univesithi yaseNorway ize necebo elihle lokubala amatye.
Ababelekisi beengingqi babhalisa abantwana abazelweyo, abasweleka kanye emva kokuzalwa, abazelwe sele beswelekile okanye begula nabadlezana abaswelekayo ngokuthi bafake amatye kwibhokisi enendawo zokufaka ezintlanu. Emva kwenyanga le bhokisi isiwa eklinikhi, apho la matye ebalwa khona lize elo nani lifakwe kwikompyutha.
Xa benala manani abasemagunyeni bangakwazi ukulungiselela ugomo.
KUNGENZIWA!
Imalariya(icesina) sesona sifo sibangela ukugula nokufa e-Afrika, kwaye amazwe amaninzi, aquka uMzantsi Afrika, atsala nzima ukuthintela ezi ngcongconi zithwel' ukuba zingafiki kwezinye iingingqi.
Kodwa izinto zohlukile eGambia. Ngoku uphando lubonisa ukuba inani labantu abafunyanwa yicesina lehlile kule minyaka mihlanu idlulileyo. Kwizibhedlela nje ezimbini, ukufa kwabantu kunciphe ngama-90 eepesenti.
Isibalo sibonisa ukuba baya ngokuba mbalwa abantwana abagula sesi sifo.
Ezi ziindaba ezimnandi, kwaye azivuyisi Gambia kuphela, kodwa nabo bakholelwa ekubeni esi sifo singathintelwa kwiindawo ezithile zelizwe.
GQABA NGE-AFRIKA
africa
beat
IPHUMELELE
ITafel Lager, eveliswa yiNamibia Breweries, iphumelele imbasa yegolide kwicandelo leebhiya eziphakathi kukhuphiswano lwehlabathi ebelubanjelwe eNuremberg, eGermany kutshanje. Abadidiyeli baseNamibia bayaziwa kuMazantsi e-Afrika ephela ngeWindhoek Lager yabo.
TSHATA - OKANYE UHAMBE
Amahenyukazi ane-HIV asebenza eBauchi State anikwe ithuba lokuba aguquke aze atshate nabantu abakwane-HIV ukuba abavumi bahambe kweliya phondo. Oku kuvezwe nguGqr. Sulaiman Muhammad, usihlalo weBauchi Agency For The Control Of HIV/AIDS TB/Leprosy And Malaria (BACATMA).
Lo mbutho sele udibanise izibini ezingama-79 ezinale ntsholongwane ukuba zitshate ngenjongo zokunqanda ukuba inganwenwi.
YONDLA IHLABATHI
Abemi beli loMzantsi Afrika bayazi inkampani yakwaDaewoo ngeemoto zayo. Kodwa lo mzi-mveliso waseSouth Korea uvelisa yonke into ukusukela kwimipu ukuya ekutyeni! Kwaye le nkampani ngoku izimisele ukulima umbona kumhlaba osisigidi se-acres eMadagascar, ukuze inciphise ukuthenga iimveliso zelizwe lase-US. Le nkampani iza kusebenzisa iingcali zaseMzantsi Afrika nabasebenzi bendawo ukulima amasimi.
Amazwe aseMbindini weMpuma angenamhlaba waneleyo wokulima, njenge-Saudi Arabia neKuwait, nawo afuna ukutyala imali kwezolimo e-Afrika.
I-Angola iza kunikisa ngomhlaba wokulima ukuze uphuhliswe ngelixa inkulumbuso yase-Ethiopia, uMeles Zenawi, esithi yena uzimisele ukunika iinkampani zamazwe angaphandle umhlaba wokulima elizweni lakhe.
IBHANANA ZASE-AFRIKA
Abalimi bonwabile nanjengoko imfuno yeebhanana isanda e-UK nase-USA. Ezona zithandwayo ziikibuzi - ibhanana esetyenziselwa ukupheka ekhula ibe mfutshane ehlalayo kunezinye iintlobo zeebhanana.
I-Uganda ithumela ngaphezu kweetoni ezili-1 000 ngonyaka. Amafama ngoku ayakwazi ukuhlawulela ezikolweni ukuzakhela amakhaya abhetele nokuthenga iimpahla, utshilo uJames Kanyije ongomnye wabathumeli exelela i-IPS.
I-Uganda inenye iprojekthi eza kunceda amazwe asebumelwaneni ahluphekayo - benza iflawa ngeebhanana ezomisiweyo esetyenziselwa ukubhaka. izonka iikeyiki neebhiskithi.
