xhosa.2650.kenya
kubhale uKAREN CALABNA/AFP kufote uAFP
Umtyholi uhamba ezitratweni
BONA XHOSA - August 2007
Kukho iqela eligebenga nelitshutshisa abantu eKenya kwaye abanye bathi lenza yonke le nto ngemvume yamagosa karhulumente anobuqhophololo
Elinye lamadabi anzima aqhubekayo eKenya phakathi kukarhulumente neqela leMungiki.
UMARGARET Mugoiri uhleli ebaleni ugcakamele ilanga eMuranga, eKenya ethunga ilokhwe - lo ngumsebenzi achitha ngawo imini xa ebalisa ibali lakhe lentlungu. Kuyacaca ukuba indlela athunga ngayo imnceda alawule iimvakalelo zakhe xa ebalisa ngokuxatyelwa komyeni wakhe kubusuku obudlulileyo ngamadoda axhobe ngezikhali.
Uchaze indlela elitsalwe ngayo iqabane lakhe leminyaka engama-32 likhutshwa endlwini laza laxatyelwa labulawa ngaphandle komzi.
Udandathekile emphefumlweni kwaye intlungu ibhalwe ebusweni.
Uloyika ngokunga-zenzisiyo iqela elibizwa ngeMungiki eligebenga abantu ngokungenalusini.
Eli qela lalikade iiqela lolutsha elihambisana nenkolo lineenwele eziphothiweyo elalibandakanyeka kwizinto zamasiko ezifana nokoluswa kwamabhinqa kwaye ngoku lingenelele kwezopolitiko laza latshintsha landlongo-ndlongo lazibandakanya nezenzo ezimasikizi zokubulala nezokutshutshisa abantu.
"Ndiyaqal' ukubona into elolu hlobo. Asibazi aba bantu, asikwazi nokubazingela kwaye boyikwa ngumntu wonke nkqu nathi aba," kutsho igosa eliphezulu kwicandelo lamapolisa eMuranga elingathandanga ukuba lithiwe pahaha igama lalo.
Indyikityha yokufa
Igama leMungiki ligama lesiKikuyu elithetha "inyambalala" yaye eli qela lirhaneleka ngokubandakanyeka kwizenzo zokugetyengwa kwenkitha yabantu ngoJuni nje kuphela, ukanti likwatyholwa ngokubulala abantu abangaphaya kwama-30 kuquka namapolisa ukususela ngoMatshi.
Emva kokuba amalungu eqela leMungiki erhaneleke ekubulaweni kwamapolisa amabini, amapolisa aseKenya abambe abarhanelwa abangama-21 kwindawo yoogobi-tyholo eseNairobi.
Olu dushe luyagxekwa ngabantu abanomsindo baseKenya nangaphandle kuquka namaKhatholika namalungu oluntu lwaseKenya ahlala ngaphaya kwemida yela lizwe awoyikisela ukuba ukuqhubeka kweMungiki nodushe lwayo kuza kuphazamisa utyalo-mali lwamazwe angaphandle kulibazise nokukhula komnotho.
Umyeni kaMugoiri ngomnye wamaxhoba amane abuleweyo kwingingqi yaseMuranga ekwiikhilomitha ezingama-80 emntla mpuma weNairobi kwaye uMugoiri uhleli enoloyiko lokuba eli qela liza kubuya lizobahlasela.
"Le ndawo ayinabundlobongela ngoko izenzo ezilolu hlobo asiziqhelanga kwaye ziyasothusa," kutsho uAlice Muthoni ongummelwane.
Nangona amapolisa egxeka iMungiki ngezi ziganeko, abahlali baseMuranga bona abakakwazi ukufumanisa unobangela wobu bundlobongela kwaye abafuni kutyhola mntu kuba besoyika ukutshutshiswa.
Ubuqhophololo
Izenzo zeMungiki - esele ilawula inkonzo yezothutho yoluntu netsho ngamaxabiso axhomileyo - zibonakalisa iyantlukwano ekhulayo phakathi kwamahlwempu nezityebi kweli lizwe linabantu abangaphaya kwama-60 ekhulwini abangamahlwempu.
"Izenzo zabo zibhebhethekisa ukungalingani kwabantu. Asikwazi ukuthula xa kuxhatshazwa amahlwempu ephiliswa phantsi kweemeko zobundlobongela," utsho uMburu Gitu weKenya National Human Rights Commission elawulwa ngurhulumente weli lizwe.
Uninzi lwabantu bacinga ukuba iMungiki ihambisana namagosa karhulumente anobuqhophololo namapolisa - abasemagunyeni baphanda abantu abane ababengamalungu epalamente nabatyholwa ngokubandakanyeka kwizenzo zeli qela.
"Sicinga ukuba abany' abantu abakurhulumente basebenzisa eli qela ukufezekisa iinjongo zabo zogonyamelo," utsho uEvans Monari oyingcali yezepolitiki.
"Amandla opolitiko kweli lizwe ahambisana nokugrogriswa kwabantu," utshilo.
UMongameli waseKenya uMwai Kibaki ukhuphe umyalelo wokubulawa kwabo bahlasela abantu kwizenzo zeMungiki emva kokuba abantu bekhalazele ukoyisakala komphathiswa wokhuseleko uJohn Michuki ukulawula eli qela.
Ukubuphelisa
"Ubundlobongela bunexesha labo njengento yonke," sitsho isithethi samapolisa uEric Kiraithe.
"Asikhanyeli ukuba bukho ubundlobongela kodwa iMungiki ayiwoyikisi kwaphela amapolisa, urhumente noluntu."
Amapolisa akacacisi ukuba aza kubuphelisa njani na obu bundlobongela obukhokelwe ngamalungu ohlanga lwamaKikuyu okulolona lukhulu eKenya.
Ngokwemithombo yamapolisa norhulumente amalunga nama-3 000 amalungu eli qela arhanelwayo abanjiweyo kumaphondo iCentral neNairobi.
Noxa nje amapolisa ezibambile ezinye izihange uninzi lwabemi baseKenya basenoloyiko lwedabi eliphakathi kweMungiki norhulumente.
"Singene emfazweni esingayaziyo nesingayicelanga," kutsho umfama waseMuranga ongazichazanga igama lakhe. Lo mfama ngomnye wabantu abambalwa abeze edolophini kusuku olusemva kohlaselo.
"Ndihleli emthandazweni wokuba aba bantu bangabuyi bazohlasela kwakhona," utshilo.
"Mhlawumbi ngomso ndim oza kugetyengwa," utshilo ehleka kodwa enoloyiko. [x]
Ukugetyengwa kwabantu
UMargaret Mugoiri ethunga lo gama esibalisela ibali lakhe elibuhlungu.
BONA XHOSA - August 2007
Amapolisa ophula iingcango ezingela amalungu eqela leMungiki.
u
t
BONA XHOSA - August 2007
Silwa imfazwe esingangeni ndawo kuyo
Umkhosi karhulumente ungena ngetshova kwindawo ekurhaneleka ukuba lihlala kuyo eli qela leMungiki.
Uninzi lwabemi baseKenya bayoyika ukugxeka eli qela nangona libaphilis' ubomi bentshontsho.
