xhosa.2642.G-Up Milk
Nced' umntwana wakho akhule enempilo yaye omelele
Ayilobisi nje kuphela
inqaku lentengiso
NANGONA ubisi lungabalulekanga kangako ebantwaneni abasele bethe dlundlu njengakwiintsana, ludlala indima enkulu ekukhuleni kwabo kwaye iingcali zempilo zicebisa ukuba umntwana asele ubisi kabini okanye kathathu (400-600ml) ngemini.
I-Purity ivelise iPurity Growing-up Milk yabantwana abanonyaka ukusa kwabaneminyaka emi-3 olunesondlo kunobisi lwenkomo. Isondlo esongeziweyo sifumaneka kwiivithamini, iiminerali neefatty acids ezongeziweyo kwaye ziqinisekisa ukuba xa umntwana elusele kabini ubisi ngemini ufumana ama-50 ekhulwini eprotein, icalcium, ivitamins A, C, E, B2, B12 nepantothenic acid.
IPurity iphinde yahlangabezana nengxaki yesifo esixhaphakileyo sokuba buthathaka kwegazi ngokuthi yongeze uvitamin C onceda ukugcina i-ayoni. Iifatty acids eziyimfuneko ezongeziweyo zincedisa ukukhula kwengqondo nokubona lo gama icalcium ikhulisa amathambo namazinyo omeleleyo.[x]
