xhosa.2622.mob
BONA XHOSA - June 2007
Abantu baya- zilwela!
Ngaba "bubulungisa bangomso" obu eMzantsi Afrika njengoko abantu bethabathel' umthetho ezandleni zabo ngenxa yamapolisa angawenziyo umsebenzi wawo norhulumente ongakhathaliyo"
YINTO exhaphakileyo ulwaphulo-mthetho. Amadoda axhobe af' amacala aya kwindawo yentselo eseEmmarentia eJoburg apho abantu bathoba khona unxano xa bephum' emsebenzini nabahlobo babo.
La madoda afika apho abethe abantu ngemipu abaphange izinto zabo zexabiso.
Phakathi kwaba bantu kukho ipolisa nentombi elincuma nayo ekwalipolisa. Intombi inompu ukanti indoda ayiwuphathanga owayo.
Intombi imnyengezele umpu phantsi kwetafile laza ipolisa ladubula.
Lidubule abaphangi abathathu. Imoto abebehamba ngayo ebiweyo ibaleke nababini abasindileyo.
Ngaphambi kokubiza amapolisa abantu bababukele xa besifa. Omnye wabo uxelele iphepha-ndaba ukuba: "Sibabukele besifa sabe sizincokolela sihleka."
Abemi beloMzantsi Afrika bayanyanzeleka ukuba bazilwele njengoko ulwaphulo-mthetho lusanda yaye bungalawuleki.
"Izehlo ezilolu hlobo zenzeka phantse zonke iiveki," utsho uBuyani Tshehla oyintloko yolwaphulo-mthetho nobulungisa kwiInstitute For Security Studies.
"Uhlobo lwesehlo nexesha esenzeka ngalo ziyahluka enyakeni," utshilo.
Umzekelo, luyanda kakhulu ulwaphulo-mthetho ngoDisemba kuba abaphangi baphanga gqitha.
"Badikiwe zizenzo zolwaphulo-mthetho abantu kangangokuba bayazibulal' izihange ezibahlaselayo ukukhusela izalamane zabo," utshilo.
Uthe izenzo ezilolu hlobo zibonisa ukuba abantu baphelelwe lithemba kwinkonzo yobulungisa kweli. "Ndisaza kudibana nabantu ababhenela ekuziphindezeleni kwizaphuli-mthetho babe bengazange bahlangabezane nokungahoywa emapoliseni.
"Amaxesha amaninzi ufumanisa ukuba zininzi izehlo ezingananzwanga ngamapolisa."
Abantu baziphindezela xa bezibambile izaphuli-mthetho zisona baze bazibethe, bazixulube ngamatye okanye bazibulale.
"Izenzo ezilolu hlobo zibonisa umsindo, ukukhathazeka noloyiko ebantwini," utsho uTshehla.
Buyagquba ubundlobongela
Abantu bathi ukubiza amapolisa akuncedi nganto yaye namanani ayayingqina loo nto.
Amanani amapolisa abonisa ukuba nyakenye kuxelwe izenzo zolwaphulo-mthetho lokuqhekezwa kwemizi nokuphanga ezingaphaya kwesiqingatha sesigidi lo gama kubulewe ama-18 528 abantu. Uphando lwakutshanje olwenziwe liGunya-bantu loTshutshiso luveze ukuba kumatyala okuqhekezwa kwemizi axelwayo emapoliseni yiphesenti enye qha eyaxoxwa enkundleni.
Loo nto ithetha ukuba amatyala angama-495 000 okuqhekezwa kwemizi nokuphanga akasonjululwa!
"Wonk' ubani uyazi ukuba ukuze kuhle ulwaphulo-mthetho kufuneka zibanjwe zivalelwe izaphuli-mthetho," utsho uAndre du Toit obambele ingqonyela yokuTshutshiswa koLuntu eFree State.
Mancinci kakhulu amathuba okubamba kuvalelwe abaqhekezi.
UDu Toit uthi ukuphanga sesona senzo solwaphulo-mthetho esibi nesingaxelwa kangako emapoliseni.
Luyanda ulwaphulo-mthetho kweli - yaye lundlongo-ndlongo.
Isithethi samapolisa kuzwelonke uPhuti Setati uthi akufanelekanga ukuba abantu bawuthathele ezandleni zabo umthetho.
"Xa ingabonwabisi indlela aphanda ngayo amapolisa abantu mabaxele iingxaki zabo kumkomishinala wamapolisa okanye bazixele kwiqumrhu lamapolisa oluntu," utshilo.
Umbuzo ke ngowokuba yena wakhe walinga na ukwenza loo nto "njengelungu loluntu""
Ulumkise abantu abathabathela umthetho ezandleni zabo ngelithi baza kuvalelwa.
"Masilukhuthaze uluntu ukuba luzixele izenzo zolwaphulo-mthetho. Maluwaxelele amapolisa lungekenzeki kuba ngamany' amaxesha luyazi ngesenzo solwaphulo-mthetho esiqulunqwayo," utsho uSetati.
USetati ukhangeleka engayiqondi into yokokuba kukho umahluko phakathi "kokuthabathel' umthetho ezandleni" nokuzikhusela kwabantu.
Uphando olwenziwe ngoFebruwari kulo nyaka luveze ukuba abantu ababini kwabathathu babona urhulumente engenzi ntshukumo ngokwaneleyo.
"Uninzi lwabemi beli abayiqondi inkqubo yobulungisa," utsho uBuyani Tshehla.
Umzekelo bacinga ukuba umntu ophume ngebheyili ukhululwe. Igquba labantu ababenomsindo baseDebe Neke kuKomani eMpuma Koloni babulala indoda eyayingaphandle ngebheyili ilindele ukuthethwa kwetyala layo lokudlwengula nokubulala noxa amapolisa ayezama ukubachazela ukuba imeko ithini na.
UChristiaan Bezuidenhout ongumhlohli oyintloko kwisebe lentlalontle nezifundo zolwaphulo-mthetho eUniversity Of Pretoria uthi ukunqongophala kwamapolisa kwandise ulwaphulo-mthetho olufana nokudlwengula nokuphanga.
"Abantu baphelelwa lithemba kulo rhulumente kuba akukho nto ingako ayenzayo ukulwa nobundlobongela obugqubayo kweli.
"Amapolisa ayashiya emsebenzini yaye ambalwa aqeshwayo," wongeze ngelitshoyo.
UBezuidenhout uthe imithetho yenziwe ngokukuko yona kodwa amapolisa akawenzi umsebenzi wawo ngokukuko.
Kukho lo mkhwa wenziwa ngurhulumente wokunik'iinkampani zabucala umsebenzi wokugcina ucwangco kweli lizwe nto leyo yenza abemi beli bazikhusele ngokwabo. [x]
Abemi beloMzantsi Afrika bayanyanzeleka ukuba bazilwele kwizikrelemnqa ezibaphilis' ubomi bentshontsho lo gama urhulumente namapolisa bengenzi iinzame ezibonakalayo ukulwa nolwaphulo-mthetho olugqubayo kweli
kubhale uTEDDY GOMBA
BONA XHOSA - June 2007
Ubundlobongela kweli
u
t
Ulwazi luncinane
Uthini wena"
Ngaba urhulumente unelungelo lokugxeka abemi beli "abathabathel' umthetho ezandleni zabo" kuba bekhusela izalamane zabo abe yena urhulumente engenzi ntshukumo ngokwaneleyo ukulwa nolwaphulo-mthetho"
Yintoni engenziwa ukulwa nolwaphulo-mthetho olugqubayo kweli"
Sibhalele izimvo zakho kule dilesi: Iileta Eziya kuMhleli, Box 32083, Mobeni, 4060.
UKenny Nkuna wasePitoli watshiswa emva kokuba ebanjwe ephanga.
