xhoza.2586.health
Ezempilo
86 BONA XHOSA - October 2005
iifoto zezakwaGREAT STOCK!
Phambili ngekofu
Iindaba ezimnandi kubathandi bekofu ezivela eJapan. Iingcali zophando zifumanise ukuba ikofu iyawadodobalisa amandla omhlaza wesibindi, abo basela iikomityi ezimbini ngemini banamathuba ayi-48 phesenti okuncipha kwalo mhlaza baze abo basela ezintlanu bona awabo amathuba abe yi-76 phesenti.
Phelisa amaqhakuva
Ayilolutsha kuphela olunengxaki yamabala enziwa ngamaqhakuva ebusweni. Amabhinqa asele ekhulile nawo anawo amaqhakuva enziwa ziinguqu ezenzeka kwiihomoni zawo njengakulutsha. Kuwo ke ezi nguqu zenziwa kukukhulelwa, ukuy' exesheni, ukuqalisa okanye ukuyek' iipilisi zokuval' inzala.
IMayo Clinic yaseUS icebisa ukuba ungawathintela okanye uwalawule amaqhakuva ngolu hlobo:
Hlamba ngento yokuhlamb' ubuso engekho bukhali. Ungazisebenzisi iimask neefacial scrub kuba ziyabutyabul' ubuso.
Thenga ilotion yamaqhakuva ekliniki okanye ekhemisti.
Ungazithambisi izinto ezinamafutha ezinjengezinto zokuzikhusela elangeni, ezokuthambis' iinwele kunye nezokufihla amaqhakuva.
Ungavumeli iinwele zize ebusweni, izikhafu okanye intambo yomnxeba nazo zingezi ebusweni kuba ziyabungcolisa ubuso.
Ungawacudisi amaqhakuva kuba uza kuwandisa wenze namabala amabi ebusweni bakho. Yiya kugqirha okanye ekliniki. -
nguSamantha Scott
INYANISO:
Izithende zezihlangu ezingaphezulu kwe-3cm ubude zenza umzimba wakho uye phambili kakhulu nto leyo iwenza ube neengqaqambo ngokutshintsha ukuma kwamadolo neehipsi
Phumelela iimviwo
. . . Uyazi ukuba kufuneka usitye isidlo sakusasa kodwa ubusazi nje ukuba ukuthamba nako kwenza uzikis' ingqondo, indlela ofunda nocinga ngayo" Ukuhamba izihlandlo ezithathu ngeveki kuphucul' ukuhamba kwe-oksijini eya engqondweni encedayo ukwenza lo msebenzi.
Zigcine uphilile ngamacebiso kaPatricia McCracken
Khusel' amehlo omntwana wakho
Umongo weEye Awareness Week eqala ngowe-11 de ukusa kowe-15 kuOktobha ungokubaluleka kokukhusel' ukumfameka ebantwaneni yaye uza kuthatha umntwana wakho umse kugqirha wamehlo othath' inxaxheba aye kuhlolwa simahla. Loo nto iza kunceda ubone ukuba unengxaki yokubona kakuhle okanye uneziva emehlweni, unomlanga okanye uneengxaki zesifo seswekile, kuchaza uCharmaine du Preez weSA Optometric Association. Abantwana abaneengxaki zamehlo abahlelelekileyo baza kuphiwa iifreyim neelenses.
USter-Kinekor uza kubonisa ngokuhlolwa kwamehlo kwiisinema zakwaSter Kinekor ezithile kuzwelonke yaye abafundi baza kubukela ifilim yasimahla baphiwe nepopcorn besakuhlolwa. USter-Kinekor uza kuxhasa ngeendondo ezifunwa ngabo bantwana.
"Kubalulekile ukuba uyibone uze uyinyange kwangoko ingxaki yamehlo emntwaneni wakho kuba xa sele emdala kuba nzima ukufumana unyango," utsho uCharmaine.
Tsalela kwaSAOA kule nombolo 011-805-4517 ukuze ufumane ulwazi ngogqirha wamehlo othatha inxaxheba okanye indawo ekuza kuboniswa kuyo ngokuhlolwa kwamehlo. -
nguSamantha Scott [x]
INYANISO:
Iingedle zibuva ngokuphindi-weyo ubuhlungu kunabantu abangatsha-yiyo.
