XHOSA.2581.yourfood_lesson_2
Yiba yincutshe ekubhakeni, yonwabisa usapho lwakho ngeebhiskithi ezinambithekayo
A KUNGUYE wonke umntu okwaziyo ukubhaka, kodwa ukuba uyazifundisa ungayincutshe. Ukukunceda kwiphulo lakho, sikunike uluhlu lwezona ngxaki ziqhelekileyo zokubhaka, nezisombululo:
Ikeyiki yam iyakekela
Iikeyiki zakho uzibhaka ngobushushu obungalinganiyo, kwaye iipani zakho zisondelelana zide zithi nca enye kwenye okanye zinamathele kumacala e-onti.
Umphezulu wekeyiki yam utshona ngaphakathi
Kungabangelwa zizizathu ezithathu:
Usebenzisa iswekile eninzi.
Ithina obhaka ngayo incinci kakhulu.
Ubushushu be-onti buphantsi kakhulu.
Iikeyiki zam azinyuki
Yingxaki eqhelekileyo le kwaye isenokuba akugalelwanga ibaking powder (okanye ibicarbonate of soda) eyaneleyo kwaye/okanye i-onti ibingekafudumali ukufakwa kwekeyiki.
Xa ndibhaka iimafini okanye iikeyiki, isikhoko sibamanzi okanye sibencangathi
Zine izizathu ezingenza ukuba kubenje:
Usebenzise iswekile eninzi.
Ikeyiki ibhakwe yedlulisa okanye ayivuthwanga.
Kusetyenziswe ibhotolo okanye imargarina eninzi.
Ufake ibaking powder eninzi (okanye ibicarbonate of soda).
Xa ndiyikhupha epanini ikeyiki yam iyaqhekeka
Iyakhathaza le nto kuba kaloku ukubhaka akuyonto ilula, kodwa oku kungenziwa kukukhawuleza uyophule ingekabhakeki ngokupheleleyo, okanye usebenzise ibaking powder eninzi.
OKUMNANDI
Funda ukupheka
noNtwenhle Mpanza
ITRADITIONAL BISCUITS
* 1/2 sekomityi (125ml) yecastor sugar
* 1/2 sekomityi (125ml) yemargarina yokubhaka, ithambe
* 1 iqanda
* 1 ikomityi (250ml) yecake flour, isefwe
* 1 itispuni (5ml) yebaking powder
* 1/2 setispuni (2,5ml) yebicarbonate of soda
1. Beka i-onti ku-180°C. Zamisela iswekile nemargarina esityeni de umxube ubelafulafu.
2. Galela iqanda, qhuqha ukuze kudibane. Galela izithako eziseleyo. Zamisa wenz' intlama ethambileyo.
3. Songa intlama ngeplastiki okanye iclingwrap, faka efrijini ubuncinane imizuzu engama-30. Oku kuza kuyenza iqine intlama ikwazi ukubumbeka.
4. Yibeke phezu kwebhodi efafazelwe iflawa kancinci, yisike ibezizilayi ezityebe kangange-3mm. Kungenjalo uyendlale, intlama ityebe ngange-3mm. Uyisike ngecookie-cutter.
5. Zibeke kwipani eqatywe amafutha kancinci, efafazwe iflawa, fafazela icastor sugar. Bhaka imizuzu eli-12 de zibe mdaka.
6. Zikhuphele kwirekhi yocingo.
Okunye ongakwenza: Faka icoconut.
Icebo: Xa ufuna iziphumo ezihle, imargarina namaqanda makahlale kubushushu begumbi. [x]
Amacebo eebhisikithi
Xa usenza iibhiskithi, ukuba iresiphi ithi sebenzisa ibhotolo, ukusebenzisa imargarina eyenzelwe ukubhaka kulungile. Qiniseka ukuba ipani iqatywe amafutha kancinci - oku kuya kunqanda iibhiskithi zinganamatheli (kwaye zingaqhekeki).
Ukuba intlama yomile, yifefe ngamanzi abanda kakhulu.
Yenza umxube olungileyo
Enye imfihlo xa ufuna ukuba yincutshe yompheki kukufaka imilinganiselo eyiyo. Izixhobo:
Ikomityi yeti: Yiyona ilungele imilinganiselo yezithako ezomileyo. Khumbula, ikomityi yeti eqhelekileyo enye ingange-250ml.
Amacephe: Ayafuneka xa kugalelwa izithako ezinemilinganiselo emincinane, njengebaking powder, ibicarbonate of soda okanye ivanilla essence. Xa ungenawo amacephe enzelwe ukumetesha, khumbula: itispuni enye (engazalanga kakhulu) ilingana ne-5ml, ngelixa icephe eli-1 liyi-15ml.
Ijagi yokumetesha: Umel' ukuba nayo, kuba kubalulekile ukuyichana imilinganiselo yezithako ezingamanzi.
Amanye amacebo:
Xa usebenzisa icephe ukulinganisa izithako, lilevelishe ngemela xa lizele kakhulu.
Xa umetesha ibhotolo okanye imargarina, sika ngemela ebukhali.
Xa uyisebenzisa le jagi yibeke endaweni engqalileyo.
Ulwimi lokubhaka
Mix: Kukudibanisa okanye ukuzamisa izithako ezimbini nangaphezulu.
Whisk: Ukuqhuqha udibanise izithako (ingakumbi ikhrim namaqanda) ungasebenzisi amandla kodwa uqhuqhe ukhawuleza. Oku kwenzeka kakuhle ngesiqhuqhi (whisk).
Fold: Kukudibanisa amaqanda aqhuqhiweyo kuhle nomxube ojiyileyo usebenzisa icephe okanye icephe lokhuni elinentloko emcaba (spatula).
Chill: Yibeke efrijini de ibande.
Combine: Ukuxuba izithako de umxube uphele izigaqa.
Beat: Kukuqhuqha izithako usebenzisa amandla.
Grease: Kukuqaba ipani yokubhaka ngebhotolo okanye ngemargarina ukuze kunganamatheli okubhakwayo.
Dust: Ukufaka ngaphezulu okubhakwayo isithako esomileyo, ingakumbi iflawa okanye iswekile.
Blend: Ukuzamisa izithako zakho de zidibane kakuhle.
Glaze: Ukuqaba ukutya ngomxube oswiti, usebenzisa ibrashi yokwenza oko.
Cream: Ngumxube apho udibanisa "izithako ezomileyo" - njengeswekile - kunye namafutha afana nebhotolo okanye imargarina. Ukwenza oku xa usenza intlama yekeyiki okanye intlama yeebhiskithi. Izithako ezomileyo zidityaniswa namafutha lawo de umxube ubelula, ubelafulafu de wande ngenxa yamadlu enziwa ngumoya. La madlu anyusa intlama xa ibhakwa.
