xhosa.2577.yourlifeguide_relation
Yiba nesifuba
Ingaba uthando lwakho aluhambi kakuhle kuba ubaxelela yonk' into abahlobo bakho?
INGABA uyababalisela abahlobo bakho yonk' into enixabanisileyo nomntu oncuma naye? Ingaba uyabaxelela nezinto enizenzayo ekhusini?
Ukhe uzisole ngento oyibalisele umhlobo wakho ngothando lwenu?
Xa ukwenza oko uya kuba ubabalisela nezinto ongafanelanga ubabalisele zona. Oku kugxobha-gxobha uthando lwenu ethubeni.
Ingcali nomcebisi ngezothando, u-Angie Diale usinika amacebo ngokuzibekela imida kwizinto ongazibalisela abahlobo ngothando lwethu.
Ngokwendalo amabhinqa ngawona athandayo ukubalisa ngezinto, ngoko afanele ukutshiswa yinto eyenzekileyo aze afune ukuyibalisa. Ayathanda ukubalisa ngokubamba umntu wakho esitya iKFC neliny' ibhinqa. Kodwa akagqibeli kumabali anjalo, abalisela abahlobo bawo nangezinto afanele azigcine esifubeni.
Ukuncokola ngezinto zothando kuyanceda ekupholiseni amanxeba osenokuba unawo, ingakumbi uluntu lwakowethu olungenayo imali yokuya kwiingcali zengqondo.
Sibalisela abahlobo bethu ezo zinto kuba sizixelel' ukuba baza kuba ngecala lethu - nto leyo engakwenza uzive ubhetele okanye ibonise ukuba ubufanele ukwenza okwenzileyo.
Nangona kunjalo, u-Angie uthi kufuneka ube uvuthwe ngokwaneleyo ukuze wazi ukuba awunako ukubalisela abahlobo yonk' into ngothando lwakho. Kulula nokuba into oyibalisele umhlobo igqibele sele inwenwe okomlilo wedobo.
"Ungalibali nokuba kuyenzeka abahlobo babe nomona okanye banqwenela ukuba njengawe," utsho u-Angie. Nantso ke into eyenza iindaba zinwenwe. Zinwenwa nangakumbi ke xa ubalisele abahlobo abaninzi ababonakala bengecala lakho.
Abahlobo abahle bangalukhulisa uthando lwakho ngokukunika iingcebiso ezakhayo, ngokumamela iingxaki zakho nangokukuthuthuzela. Abahlobo abangalunganga bona baya kulutshabalalisa uthando lwakho ngokukunika iingcebiso ezingakhiyo nangokusebenzisa izinto obaxelele zona ukuze bangcolise igama lakho.
CINGA UNGEKATHETHI KAKHULU
Fund' ukulungis' iingxakana ezingephi zothando ungakhange ude uye kuzibalisela abahlobo. Ukulungis' iingxaki ngokwakho ke kufuna ucinge nzulu. Nokuba awusifumananga isisombululo esisiso, kodwa uyazi ukuba isigqibo osenzayo sithatyathwe nguwe.
Yazi nokuba abahlobo abayi kusoloko bekunika iingcebiso ezifanelekileyo kuba basenokungaziboni njengawe izinto; kungenjalo basenokuba bakubona uphila ngendlela eyahlukileyo.
Xa kukho into eningavumelaniyo ngayo nomntu wakho, zamani ukuvumelana bengekangeni abahlobo nosapho. Abany' abantu bangayenza nkulu kanti ibiyinto encinane. Kungenzeka nokuba abahlobo bamxhibe umntu wakho ube wena sele umxolele.
Ukhumbule nokuba abakuthandi bonke abahlobo bakho. Bakhethe kakuhle ke abahlobo obabalisela izinto zakho zothando. Balumkele abahlobo abathand' ukukubalisel' izinto zabany' abantu. Xa ekwenza oko kwabanye, angakwenza nakuwe.
Cinga ngokuba umntu wakho uya kuziva njani xa iindaba zakhe zisaziwa yidolophu yonke. Kaloku ziyawoyik' umbethe, ngoko kungenzeka zigqibele zifikelele nasezindlebeni zakhe. Zibuze ukuba angathanda na ukwazi ukuba abahlobo bakho bazi yonk' into ngeempazamo ezincinane azenzileyo. Uzibuze nokuba ungathanda na wena iimpazamo zakho zaziwe ngabahlobo bakhe?
Xa nisandul' ukuthandana, qinisekisa ukuba nazana ngokwaneleyo ngaphambi kokufaka abahlobo kwimicimbi yenu. Vumela uthando lwenu luvuthwe ngaphambi kokubalisela abahlobo ngalo. [x]
Umbhali: Kamogelo Sebola
EZOTHANDO
Siyaku-thanda uku-balisa iindaba zabu-cala
