xhosa.2576.yourfamily_preg
Ukukhulelwa
okwesibini!
UMAMA wabantwana ababini uncokole neBONA ngokwenzeke kuye xa ebekhulelwe okwesibini: "Ndandixhalabile ngezinto ezininzi xa ndandikhulelwe umntwana wesibini," utshilo uNokufika Ngcongo waseThekwini. "Ndandisoloko ndicinga ngokuba ndiza kuphila njani nabantwana ababini ingakumbi kuba intombi yam eneminyak' emithathu, ibingumntwana odlamke kakhulu.
"Ndandinexhala lokuba uza kuyamkela na into yokuba kubekho umntwana ongomnye endlwini - kwaye nokuba ndiza kuba nalo na uthando lwabo bobabini!"
Ngamany' amaxesha, umntwana wesibini ufika engalindelwanga kwaye oku kungongeza uxinzelelo kuwe nosapho, emalini nasemsebenzini. Zonke ezi nkxalabo noxinzelelo zizinto eziqhelekileyo, batsho oogqirha bengqondo.
Ingaba ndiza kuba nakho?
Inyathelo lokuqala kukuziqonda ukuba nguwe osezintanjeni (nokuba ukhulelwe ungazilungiselelanga). Unako ukwehlisa iinkxalabo onazo.
UPeter Lerefolo ongugqirha wengqondo oseThekwini, ucebisa oku kulandelayo:
Vuya kwakhona. Buka iifoto zezibulo lakho uzikhumbuze ukuba abantwana baxabisekile.
Ungoyiki ukucel' uncedo. "Ungoyiki ukuthetha ngoloyiko lwakho kwizihlobo nabahlobo abakufutshane kuwe ucele neengcebiso," utsho uPeter.
Thetha noyise wabantwana. "Naye kusenokuba unalo uloyiko.Mkhuthaze nihambe kunye xa usiya kwabezempilo," utsho uPeter.
Lungisa imali. Ukuba imali iza kuba yingxaki, sanukuyiphepha incoko ngayo. Hlalani phantsi nibone okuza kufuneka nexabiso lakho.
"Uloyiko longakwaziyo lolona loyiko lunzima," utsho uPeter.
Kuza kohluka njani?
Kuba umzimba wakho ungaqali ukukhulelwa, uza "kuvakala" ngokwahlukileyo. Nazi izinto eziza kutshintsha ongazilindela:
Ukutyeba! "Utyeba ngokukhawuleza," utsho uNokufika. Loo nto yenziwa kukuba, emva kokuba nomntwana, isibeleko asibuyeli kubungakanani baso bakuqala, itsho loo nto isenze sikhawuleze ukukhula xa ukhulelwa okwesibini, utsho uGqr. Susan Moore, kwiWebsite ethi mom2be.com.
Ukukhawuleza! Umama okhulelwa okokuqala uye aqale ukumva umntwana ekhaba kwinyanga yesihlanu; kanti umama osele esazi umva kwinyanga yesine. Oku kwenziwa kukuba sele esazi ukuba ushukuma njani umntwana esiswini, utsho uGqr. Susan.
Siza kuba semazantsi!
Izihlunu zakho zesisu zinwebeke kakhulu okokuqala zathamba. Ngoku azizukumbamba kakuhle umntwana, ngoko wehlela ngezantsi, utshilo uSister Sherry Jimenez ongumbelekisi onamava.
Into entle ngokuba nesisu esisemazantsi kukuba uphefumla lula, utye kakuhle kunakuqala.
Okubi? Uza kuchama rhoqo kwaye ithambo lesinqa alikhululeki kucinezeleke nesinyi. Yenza le mithambo ilandelayo: minca ukhulule izihlunu ezijikeleze ilungu lakho langasese, ngokungathi uminca umchamo. Minca ubale kali-10, ukwenze oku ubuncinane izihlandlo ezilishumi ngemini.
Kubhetele ukusikwa?
Nakuba nje izisu zingasokuze zifane kodwa oogqirha bezifo zamabhinqa (gynaecologists) bayavumelana ukuba ukuzala okwesibini kuba lula noko, kuba isizalo sakho sesike savuleka - kodwa oko akuthethi ukuba iintlungu ziyancipha. Kodwa ukusikwa akuthathi xesha lide!
"Ixesha lokuza komntwana lifutshane kwityeli lesibini - malunga nemizuzu engama-30 ukuya kwiyure," utshilo omnye ugqirha esithethe naye. "Yiyo loo nto sinomthetho othi kwesi sibhedlela: ungaze ulinikele umva ibhinqa elisele linaye umntwana. okanye abantwana"[x]
Umbhali: Smangele Zuma
UKUKHULELWA KWAKHO
Ukuza ko-mntwa-na kuthatha ixesha elincinci xa uzala okwe-sibini
Ukuba ngumama okokuqala kusoloko kuneengxaki zako. Kodwa yintoni omawuyilindele xa ukhulelwa okwesibini?
UNGALIBALI UKUYA KUZIHLOLISA!
Kusabalulekile ukuya kuhlolwa rhoqo, ingakumbi ke xa unezigulo ezifana nehayihayi kunye/okanye ukuba wakhe wanengxaki xa wawukhulelwe umntwana wakho wokuqala.
