xhosa.256.muthi
30 BONA XHOSA - October 2005
Sithetha ngamayeza esintu
AMAGQIRHA onke ayafana kodwa ihlukile indlela asebenza ngayo. Enjalonje awabizelwanga ukuba anyange kumacandelo afanayo.
Zahlukile iziphiwo zawo - yaye zizo ezixela imisebenzi yawo. Lo mba kufuneka ulungiswe lo gama lisathwasa igqirha yaye asinabo abantu abakwaziyo ukuzingel' italente abanokuthwasisa amagqirha ngokweziphiwo zawo.
Lo ngumba ekufuneka imibutho yamaxhwele iwuqwalasele.
Iyinyaniso into yokokuba abantu abaninzi bayaloyik' ubizo lobugqirha, ukufumanisa ukuba izinyanya zabo zibaphe izipho ezikhethekileyo.
Abantu abanolu loyiko bathi ubugqirha ngumthwalo onzima. Abanye benziwa luxinzelelo loontanga babo ngenxa yokuba ubugqirha babubona buyinto yamaqaba.
Isiphiwo sobugqirha asinanto yakwenza nobutyhakala bomntu, imfundo okanye inkolo. Abantu abakhulele ezidolophini nabo mabangacingi ukuba asoze balufumane ubizo lobugqirha.
Indoda enama-24 eminyaka ekhathazekileyo yaKwaZulu-Natal ithi abahlobo bayo baye bathi inamaxesha okuba ngathi yinkonde yexhego, maxa wambi abe lityendyana elinomtsalane ukanti maxa wambi ufana nexhegokazi elalupheleyo!
Ivakala ngathi yintsomi le nto itshiwo yile ndoda kodwa iyenzeka.
Umntu onethongo uthetha acule ngelizwi elifana nqwa nelesinyanya eso sihamba naye okanye ahambe, axhentse okanye anyanzelise ukuba anxibe njengeso sinyanya.
Ngeli xesha sukube elawulwa ngulowo umnika isiphiwo.
Into yokokuba le nto yenzeke kule ndoda yaseKZN ibe ingekho sethongweni ibonisa ukuba sele lugabadele ubizo lwayo.
Ibhinqa laKwa-Mashu eKZN lona lindibhalele lathi linesiphiwo sokuphupha kodwa liyawulibala umyalezo wephupha lisakuvuka.
Lithi lilikhumbula iphupha xa sele libona loo nto beliyiphupha sele isenzeka. Lathi ngokuya liba neengxaki labon' ukuba malijoyine inkonzo yamaZiyoni.
Azange ziphel' iingxaki zakhe, ngoku uthi uva ingxolo eyoyikisayo. Ufun' isiphiwo sakhe sokuphupha sibuye kwanendlela yokunxibelelana nezinyanya zakhe.
Enye yezinto ezibalulekileyo ngesiko lakwaNtu kukuvana nezalamane zakho. Kuyazivuyis' izinyanya ukunxibelelana kwamalungu osapho ahlala kwiindawo ezikude yaye ziyabavuza ngokubasikelela abo bantu.
Ubudlelwane obuluqilima bosapho benza kube lula ukwazi ukuba sisiphi isinyanya esikulawulayo bukunike namanyathelo omawuwathabathe xa ukwimeko elolo hlobo.
Amazwi, umxhentso, imbonakalo nokucula komntu osethongweni kuko okuntama ukuba ngubani isinyanya esilawula umntu lowo nekusiso esimnika isiphiwo.
Ndikwacebisa ukuba abantu bagcine iifoto zamalungu osapho lwabo kwindawo ekhuselekileyo.
Ziba luncedo kakhulu ezi foto xa ifoto nganye ibhalwe igama lomntu lowo ukuyo kunye nembali yakhe emfutshane.
Ndikhe ndaqaphel' into yokokuba isiphiwo sokunyanga siyavela nasebantwaneni abaneminyaka esibhozo ubudala.
Aba bantwana bangazibona sele bethwasa kodwa akufuneki ivunyelwe loo nto kuba iza kumphazamisa umntwana ezifundweni zakhe angabi saqhubeka nemfundo.
Kodwa kukho iimeko apho kuye kunyanzeleke ukuba abazali bamvumele umntwana alusabel' ubizo lobugqirha aze ayeke esikolweni ngenxa yokuba engakwazi ukumilisel' ingqondo esikolweni ngenxa yolu bizo.
Izinyanya azikhohlakalanga ngale ndlela abantu bazicingela ngayo. Kuyangxengxezwa ezinyanyeni ukuba zikhe zimyeke umntwana akhule ukuze alusabel' ubizo lwakhe xa sele emdala. Loo nto yenziwa ngokuthi kuxhelwe ibhokhwe maxa wambi okanye kwenziwe into ekuthiwa kukuphahla ngesiZulu.
Nalapha ke kuyacaca ukubaluleka kokuwazi umnombo wakho.
Izinyanya azilwi necawe yaye aziwathinteli amagqirha ekuyeni ecaweni. Kodwa izinyanya ziba ngqwabalala kakhulu emntwini othi xa esiva ukuba unobizo lobugqirha abalekele ecaweni kuba ezama ukuzifihla ukuba unesiphiwo sokunyanga. Izinyanya zifuna izinto zazo zenziwe ngokupheleleyo.[x]
Isiphiwo sokunyanga
kubhale uFORCE KHASHANE
Bhalela uForce ngemibuzo yakho ngamayeza esintu kule dilesi:
Talking Muthi, Box 473014, Parklands, 2121 okanye uthumele i-e-mail ku-forcek@caxton.co.za
