xhosa.1176.yourstyle_solutions_2
Y
Akukho mfuneko yokuba uthenge iimpahla rhoqo xa kutshintsha ixesha lonyaka. Nantsi indlela ongatshintsha ngayo iimpahla zakho zasehlotyeni kube zezona zikuncedayo ebusika
yobusika
eyilokhwe
iba nempahla
Ihempe eyilokhwe iyabafanela abantu abaninzi. Uyaphola ngayo ehlotyeni - ukanti ebusika ungayijika ibeyidyasi.
Yinxibe netophu enemikhono emide uze wolule imikhono ukuze ufudumale.
Ilokhwe yakho eyihempe ungayinxiba nejini ekubambayo, ibhanti nezihlangu ezichophileyo.
ICEBISO: Xa ikubamba ilokhwe eyihempe, kubhetele unxibe ithayithi ngaphantsi kwayo ukuze ubukeke unesiqwana.
Ukunxiba
Ihempe
IZISOMBULULO ZEFASHONI
Ilokhwana emnyama ungayinxiba naphi na nangaliphi na ixesha lonyaka. Ungayinxiba ilokhwana yakho yasehlotyeni nasebusika ngokuyinxiba neekawusi ezibomvu ezinemibala-bala.
Ungayinxiba nento efudumeleyo enithiweyo emnyama ngaphantsi kwelokhwe. Ukuze ufudumale ngakumbi, oko kunithiweyo kungaba nemikhono emide.
Ungazithi khunkqu nangebhanti elibomvu ukuze siphelele isinxibo sakho.
ICEBISO: Kuyifashoni ukunxiba izinto ezimnyama ukusuka phantsi uye entloko. Ungakwenza oko ngokunxiba iikawusi ezimnyama okanye ithayithi endaweni yeekawusi ezibomvu.
Ezinezithende ezikhulu ungazinxiba nasebusika. Ngokunxiba ithayithi efudumeleyo okanye iikawusi ezikhanyayo ungaba nomtsalane ngoxa abanye benxibe iibhutsi.
ICEBISO: Ukuthintela unyawo lungatyibiliki xa uhamba ufake iphentihowuzi, thenga iisoli zangaphakathi oza kuzifaka ezihlangwini zakho.
Iimbadada
Zasebusika
Ilokhwana
Emnyama
