XHOSA.255.sisarah
Ngaba uyandithanda"
Ndinengxaki nendoda endincuma nayo. Sihlala kunye, ndinomntwana weny' indoda kodwa le ndinayo ngoku ayifuni nokundibona ndithetha nabany' abantu.
Ayifuni nokuba ndityelelwe. Xa sihleli sobabini sincokola kamnandi kodwa xa kukho umntwana wam ithula ngathi ayikho.
Mhlawumbi ayimthand' umntwana wam - naxa ndityelelwe zizalamane zam iyazithulela nje le ndoda.
Ifun' ukunditshata sihlale emzini wethu kodwa uya kuba ngumzi onjani lowo"
nguMM, eParys
lAsoze itshintshe le ndoda kuba senitshatile. Iza kubanje nasemzini wenu niphile obo bomi xa ugqiba ekubeni uyitshate.
Ngathi inobukhwele le ndoda ifuna ube ngowayo kuphela. Yiyo le nto itshintsha nje xa kukho umntwana wakho nabantu abaze kukutyelela.
Yiyo loo nto ingafuni ukukubona uthetha nabany' abantu, ifuna uzinikele kuyo kuphela.
Ngaba iyakuthanda" Iyakuthanda ngohlobo lwayo kodwa xa ndiva le nto uyitshoyo andiqondi ukuba wena uyayithanda le nto iyenzayo nangona nje uyithanda yona indoda.
Iingxaki zomtshato
Ndinama-28 eminyaka, ndadibana nomyeni wam ngo-1998 saza satshata ngo-2000. Saqal' ukuba neengxaki sakufuman' umntwana.
Wamkhanyel' umntwana waqal' ukundiphatha gadalala, wathandana nabafazi babantu.
Ndamxela kuyise waza wathi yena ufuna isiko ukuze abuye endleleni.
Lenziwa elo siko ngoDisemba ka-2003 kodwa ngo-2005 wabuyela kwimikhwa yakhe yakudala waza wathandana nomfazi womntu esimaziyo sobabini.
Ndacaphuka kakhulu ndaza ndaqond' ukuba mandibuyelane nesithandwa sam sakudala. Wathi esakuyiva loo nto umyeni wam waphathis' umama wam iimpahla ukuze andinike zona.
Ngaba ndiphazamile bethu" Ngaba umyeni wam uyandithanda nyhani"
nguPMM, eKapa
lNdibona ngathi nobabini nizimisele ukukhuphana inkani, niphosise nobabini.
Xa ufuna ukuhlangul' umtshato wakho jong' intsusa yengxaki - eyokuba unguyise womntwana wakho na nokuba hayi.
Selilide ixesha ikuphethe gadalala le ndoda, ngaba usafun' ukuqhubeka nokuhlala kulo mtshato" Kuphela kwesigqibo ekufanele usithathe esi.
Ungadlalisi ngobomi nekamva lakho!
Ndifuna uthando
Ndinama-24 eminyaka, indoda endincuma nayo inama-35. Inabantwana kweliny' ibhinqa, ineny' intombi encuma nayo ngoku.
Ndiyayithanda kodwa ngoku ndiyaluthandabuz' uthando lwayo. Iyandityelela iveki yonke kodwa ngeempela-veki iyanyamalala.
Ivala nkqu neselfowuni yayo. Xa izondibona iza ngamathunzi obumnyama kwaye asinalo ixesha lokuthetha ngeengxaki zethu.
Ndathi xa ndithi masihlukane yandibongoza ukuba ndingayilahli kuba isithi iyandithanda kwaye ayinawukwazi ukuhlala ngaphandle kwam.
Ndifuna umntu oza kundithanda. Yona indenzela yonk' into kodwa mna andifuni mali yayo, ndifun' uthando lwayo!
nguNCM, eKriel
Wenza kakuhle xa uyilahla le ndoda kuba kuyacaca ukuba ithandana nabantu ababini engazimiselanga kwahlukana nabo.
Xa ikuthanda nyhani ngaba inalo ixesha elichitha nawe kwaye ingayivali iselfowuni yayo xa ingekho phambi kwakho. Luphawu lokuba ikho into eyifihlayo le ndoda - mhlawumbi ifihla ukuba inenye intombi ethandana nayo!
Kwakhona uthi ikutyelela ebusuku kuphela. Kutheni" Kungokuba ineentloni ngawe, ikho into eyifihlayo" Iyakusebenzisa le ndoda kwaye nguwe ongayiyekisa le nto iyenzayo.
Kuyacaca ukuba iyakuthenga ngemali yayo kuba ifun' ukulala nawe. Ubhetele kakhulu ungathandani nayo.
Nawe uyatsho ukuba uyaluthandabuz' uthando lwayo ngoko kubhetele wahlukane nayo. Maninzi amadoda phandl' apha ongakhetha kuwo oza kuyithanda neza kukuthanda nayo.
Uthando lwasentolongweni
Ndavalelwa ngo-2002 yaye lo gama nditsal' isigwebo intombi endandincuma nayo azange indityelele. Ngaphambi kokubanjwa yandiqinisekis' ukuba iyandithanda. Ndagwetywa i-10 leminyaka ngo-2004. Andizi ukuba ndithini na kuba ndiyayithanda kakhulu le ntombi andifuni kuphulukana nayo.
nguLN
lNdinoloyiko kuba le nto ikuhleleyo yehlele amadoda amaninzi. Kulula ukuxelel' umntu ukuba uyamthanda xa kusemnandi. Kodwa kuthi ngeemini zikaxakeka avel' into ayiyo umntu.
Inyaniso yeyokuba xa umntu omthandayo evalelwa entolongweni, lixesha lokuvavanywa kothando lwenu elo.
Ngelishwa ke kumatyeli amaninzi amabhinqa awakwazi ukuhlala ixesha elide kangako elinde indoda ukuba iphume entolongweni. Ibhinqa elenjenjalo ke aliyithandi indoda yalo yaye alizinikelanga kuyo.
Andiyazi ukuba ingakanani na le ntombi ubudala kodwa xa iselula ngokuqinisekileyo izixelele ukuba iza kuqhubeka nobomi asoze ikulinde. Yamkele into yokokuba kuphelile phakathi kwenu nobabini nokuba kubuhlungu kangakanani na.
Iintlungu zokukhulelwa
Ndinama-26 yaye ndikhulelwe umntwana wesibini. Ndinesisu esibuhlungu yaye okoko ndaqulatha ndiyahlanza. Ndiyile koogqirha kodwa abandincedanga.
Kwakungenje ndikhulelwe umntwana wam wokuqala. Ndithini"
nguLD, eHeilbron
lAndikwazi ukuphendul' iingxaki zempilo. Ndingakucebisa ukuba ukhawuleze ubonane nogqirha wabasetyhini ukuze nikhuseleke nosana lwakho oluthweleyo.
Lo gqirha wabasetyhini uyingcaphephe ejongene neengxaki zempilo zabasetyhini. Uza kukuxilonga abone xa kukho ingxaki okanye xa ingekho.
Khawuleza uyisukumele le ngxaki kuba kungenzeka ukuba ubomi bakho nobosana lwakho oluthweleyo busesichengeni.
Ayifuni ukondl' umntwana
Ndinama-40 eminyaka yaye ndineminyaka eli-13 nditshatile. Ndinabantwana abathathu, umafungwashe ndamfumana ngaphandle komtshato. Uyise wayesele endilobole ngexesha sisohlukana. Ngoku akafuni kumondl' umntwana wakhe kuba esithi mandimondle ngemali andilobola ngayo. Ndingathini"
nguSK, eNewcastle
lKukho izinto ezimbini ekufanele uyise womntwana wakho azazi.
Okokuqala ilobola sisivumelwano esiphakathi kwabazali bomkhwenyana nabomtshakazi kwaye nokuba ningazange nitshate le mali ayiyoyakho okanye umntwana wenu.
Le mali iya kubazali bakho. Xa ebona ngathi kukho into afun' ukuyenza ukubuyiselw' imali yakhe yelobola makacele abazali bakho bayibuyisele kuye.
Wena nomntwana wakho aningeni ndawo kumba welobola. Yinto yabazali bakho nayo le ndoda.
Okwesibini, uyise womntwana kunyanzelekile ukuba amondl' umntwana wakhe nokuba nitshatile na okanye anitshatanga. Loo nto ingumthetho.
Unelungelo lokufuna imali yesondlo kuye kwaye yena akanalo ilungelo lokukuxelel' ukuba usebenzise imali yelobola ukondl' umntwana, lobola leyo ayihlawula ebazalini bakho.
Kufuneka uye emthethweni ukuze intombi yakho ifumane isondlo esivela kuyise. Yiya enkundleni ufune iingcebiso ngemawukwenze. Kukuye ukuba uyayifuna na ilobola yakhe ibuye okanye hayi.
Wephule izithembiso
Intombi endincuma nayo ndiyifumene lo gama ndiseluvalelweni. Iyandityelela yaye yandithembisa nokuba iza kundilinda de ndiphume apha. Besimana sibek' iintsuku zokubonana ize indityelele kodwa ngoku ayisandityeleli. Indivis' ubuhlungu kakhulu loo nto kuba ibikukuphela kwethemba ebendinalo. Ndicebise ndithini"
nguMMK, eBoksburg
lUthando lwabantu abasentolongweni aluthathi xesha lide ngaphandle kokuba lo ungekho ntolongweni uzinikele komnye yaye umthanda ngokungazenzisiyo. Ngelishwa ke intombi oncuma nayo ingomnye wabo bantu bangakwaziyo ukulinda yaye ndicinga ukuba izifumanele omny' umntu.
Kulul' ukuthetha wenz' izithembiso kodwa xa ubona omny' umntu obhetele kuba lula ukusaphul' isithembiso sakho.
Andiboni ukuba ikho into ongayenza njengoko wena useluvalelweni.
Usakuphuma uza kumfuman' umntu oza kumthanda! [x]
BONA XHOSA - May 2006
Buza uSis Sarah
Qaphelani: USis Sarah akakwazi ukunicebisa ngeengxaki zempilo. Xa unengxaki yempilo efun' unyango yiya kucel' uncedo eklinikhi okanye kugqirha.
BONA XHOSA - May 2006
Ngaba unengxaki yendibano yesondo, eyothando, okanye ngxaki yimbi ebomini" Yibhale uyithumele kum Sis Sarah, ndiza kuzama ukukucebisa indlela yokuyisombulula. Ngelishwa andinakukuce-
bisa ngokukubhalela wena ngqo, kubhetele impendulo uyijonge kula makhasi.
Khumbula, xa uyivula intliziyo yakho, ndikholo ukukunceda!
Idilesi yam ithi:
Sis Sarah,
Box 32083,
Mobeni 4060
