xhosa.254.niggles
Ukukhulelwa kwakho
UQALE indlela ekusa ekubeni ngumama. Ngaphakathi uziva unento oyilindileyo, wonwabile, unethemba, kwaye mhlawumbi unalo noloyiko.
Xa ukhulelwe uba nezinto eziliqela ezikwenza ungaziva mnandi kwaye ziyashiyana ngokwamabhinqa kodwa azixhomisi mehlo njengeengxaki zokukhulelwa ezingenza uphuncukelwe sisisu.
Noxa kunjalo, kubalulekile ukwazi ukuba impilo yakho neyosana oluthweleyo iya kuphuculwa kukuba nenkathalo nokwenza izinto eziza kukugcina usempilweni. Nanga amacebiso okumelana nokungaziva mnandi okuxhaphakileyo xa ukhulelwe.
Ubuhlungu bomqolo
Yinto exhaphakileyo ukuba nomqolo obuhlungu xa ukhulelwe yaye kubangelwa kukusindwa sisisu, ukungakwazi ukuma ngendlela nokuthamba kwemisipha.
Okungakunceda: Xa ugoba wugcine wolulekile umqolo wakho, ugobe amadolo. Yiba nendlela yokumisa umzimba wakho - ungawugobi umqolo yaye ungazinxibi izihlangu ezichophileyo. Phumla xa ubukhe wema ixesha elide yaye ube nomntu oza kukuphulula umzimba.
Iingxaki zesinyi
Uxinzelelo lokukhula kwesibeleko lungakwenza uchame rhoqo kwaye kwamany' amabhinqa ukunyuka kobunzima besibeleko kuwenza aphulukwe ngumchamo.
Okungakunceda: Soloko usela amanzi. Ukungawaseli amanzi akunakukwenza ungachami rhoqo, kodwa kungakwenza ungaziva mnandi yaye udinwe.
Ungawubambi ixesh' elide umchamo xa ukuphethe, yiya ngasese rhoqo. Xa ukutshisa umchamo kungenzeka ukuba unosulelo, ngoko yiya kwagqirha.
Ungayiphambanisi imilenze xa uhleli, ungazinxibi nezinto ezikupitsayo. Oko kuya kwenza uxinzelelo kumbhobho womchamo ukanti kusenokwenza nosuleleko.
Ukopha kweentsini
Xa ukhulelwe liyanda igazi emzimbeni wakho, oko ke kwenza iintsini zidumbe yaye zithambe. Oko kwandisa amathuba okuba ukutya kuhlale ezintsinini, nto leyo ingabolis' amazinyo yenze nesifo seentsini. Okungakunceda: Sebenzisa ibrashi yamazinyo ethambileyo yaye ungaqinisi xa uxukuxa amazinyo. Khupha ukutya phakathi kwamazinyo ngeflosi yaye uye rhoqo kugqirha wamazinyo. Qinisekisa ukuba ukutya okutyayo kuneVitamin C kuba ibalulekile ekupholiseni izihlunu. Sebenzisa iyeza lokuxubha ukuphelisa ivumba legazi ezintsinini ezophayo.
Ukuqunjelwa
Izihlunu ezithambileyo emathunjini akho ziyayekelela zingasebenzi ngendlela xa ukhulelwe uze ukhathazwe kukuqunjelwa. Nokukhula kwesibeleko kwenza uxinzelelo.
Okungakunceda: Yitya kakhulu ukutya okuntlalu-ntlalu, njengewhole grain, imifuno neziqhamo, usele namanzi kakhulu.
Ukungabi mnandi emphefumlweni
Ungaziva ungazazi nokuba unjani emphefumlweni - ungaziva wonwabile ube kweliny' icala uthandabuza yaye uxhalabile. Ungazifumana uyinteme-nteme ukhathazwa nazizinto ezingenamsebenzi.
Okungakunceda: Yazi ukuba kuqhelekile ukuba neemvakalelo ezinje. Xa kusithi lila, lila. Fumana inkxaso kubahlobo nezalamane zakho, kwaye ubenomntu oza kumbalisela izinto ezikukhathazayo. Yiba nenkathalo kwinto oyityayo kuba ukungazifumani izakha-mzimba kungenza imeko yakho ibemandundu.
Ukuziva unesiyezi
Ukwanda kwegazi emzimbeni kwenza imithambo yegazi nayo ithambe ukuze ungabi noxinzelelo lwegazi. Oko kuthamba kwemithambo ke kwenza igazi libaleke kancinane uze uzive unesiyezi xa usukuma ngokukhawuleza.
Okungakunceda: Ungami ixesh' elide. Ungahlambi ngamanzi ashushu kakhulu kuba oko kuya kunyusa ubushushu bomzimba wakho. Yenza nemithambo yokutsala umoya ukuze ube ne-oksijini eyaneleyo egazini. Ungawatsibi amaxesha okutya. Xa kukho imfuneko yitya nje amashwam-shwam ukuze iswekile esegazini lakho ihlale ikwinqanaba elifanelekileyo.
Ukudinwa
Le yingxaki exhaphakileyo ingakumbi kwiiveki ezisibhozo ukuya kwezili-10 ukhulelwe. Oko kunokubangelwa kukungatyi ngendlela, ukutyeba okanye ukungalali kakuhle.
Kwiinyanga ezintathu zokugqibela uya kufumanisa ukuba ukusindwa sisisu kudibene nokungalali kakuhle kukwenza udinwe kakhulu.
Okungakunceda: Yiba usithi ngqwa ukulala yaye uphumle kangangoko unako. Ungasebenzi kakhulu. Yitya ukutya okunazo zonke izakha-mzimba. Sela amanzi kakhulu kuba ukuphelelwa ngamanzi emzimbeni kuya kukwenza udinwe.
Izikhala
Le yimithambo edumbileyo eba kumva wakho kuze kubebuhlungu xa uhlala. Ingabangelwa luxinzelelo losana okanye ukuqunjelwa.
Okungakunceda: Yitya ukutya okunefibre njengeenkozo, iziqhamo, imifuno, usele namanzi kakhulu ukuze ungaqunjelwa. Indawo ebuhlungu yifake emanzini afudumeleyo ukuyithomalalisa.
Isitshisa nokungetyisi
Ukuphathwa sisitshisa nokungetyisi ziingxaki ezixhaphakileyo kwiinyanga zokugqibela ngenxa yokukhula kwesisu.
Okungakunceda: Ungakutyi ukutya okuqhotsiweyo, okunezinongo kakhulu okanye okune-asidi neziselo ezihlwahlwazayo. Ungathi usitya ube usela. Yiphakamise ngomqamelo intloko yakho xa ulele ungatyi izinto zokuphelisa isitshisa ungacetyiswanga ngugqirha.
Ukungabi nabuthongo
Xa unomzimb' omkhulu, ungayifumani indlela yokulala ekuphatha kakuhle, kubanzima ukufikelwa bubuthongo. Ngaphezu kokuba isisu sikulalisa kakubi, usenokubila, ube nenkantsu emilenzeni, usana lukukhaba esiswini ube uvuka rhoqo usiya kuchama, zonke ezo zinto ke ziphazamisa ubuthongo bakho.
Okungakunceda: Phumza umzimba ngokuhlamba ngamanzi afudumeleyo ngaphambi kokulala, uxhas' isisu, umqolo nemilenze ngemiqamelo.
Amabele avuzayo
Yinto eqhelekileyo ukuvuza kwamabele kuba amadlala aqala ukukhupha icolostrum. Phofu ke naxa engavuzi oko kuqhelekile! Ukuvuza nokungavuzi kwawo akukuchaphazeli nganto ukuncancisa kwakho.
Okungakunceda: Faka izinto eziza kufunxa amanzi aphuma emabeleni, uze uhlambe icolostrum eyomileyo ngamanzi afudumeleyo.
Inkantsi emilenzeni
Inkantsi ibangelwa kukungabikho kwekhalsiyam ekutyeni kwakho nokungabaleki kakuhle kwegazi emilenzeni.
Okungakunceda: Qinisekisa ukuba ukutya kwakho kunekhalsiyam eninzi yaye ungazinxibi izinto eziphazamisa ukubaleka kwegazi emilenzeni. Xa ubanjwa yinkantsi yiphulule loo ndawo okanye ubeke kuyo into efudumeleyo.
Isicaphu-caphu nokuhlanza
Amany' amabhinqa akabi nesicaphu-caphu, ukanti amanye siwakhathaza gqitha. Akudli ngakwenzeka ukuba ibhinqa lihlanze de liye kulaliswa esibhedlele. Isicaphu-caphu sidla ngokuphela kwinyanga yesine.
Okungakunceda: Ungakutyi ukutya okunamafutha, i-asidi nokunezinongo kakhulu. Yitya kancinane ungalambi kuba oko kwenza isicaphu-caphu. Sela isiselo okanye amanzi wakugqiba ukutya. Xa uvuka unesicaphu-caphu yitya into eyomileyo njengesonka esithostiweyo. Ungahlali apho kukho umsi wecuba okanye ivumba elikwenza ube nesicaphu-caphu.
Ukumongoza
Ukwanda kwegazi emzimbeni wakho kungenza imithambo yempumlo ebuthathaka yophe.
Okungakunceda: Yitya ukutya okunoVitamin C ukuze ube nezihlunu eziphilileyo nezomeleleyo. Ungafinyi ngamandla yaye uthambise iVaseline kwimpumlo nganye.
Ukuphelelwa ngumoya
Umzimba wakho ufun' i-oksijini eninzi kuba ifunwa lusana, nobunzima obongezelelekileyo bomzimba wakho.
Okungakunceda: Ziqhelise ukutsala umoya kangangoko unako. Ungahlali ngohlobo olunye ixesha elide, ungasebenzi kakhulu.
Ukudumba kwamaqatha
Kuba igazi lingasabaleki ngamandla oko kungenza umzimba wakho ugcine amanzi. Ukutya kakhulu nokutya okunetyuwa kakhulu kungakwenza udumbe.
Okungakunceda: Ungatyi ityuwa kakhulu yaye ungami kakhulu. Xa uphumle, ziphakamise iinyawo.
Ukuphuma amanzi ngaphambili
Xa ukhulelwe umlomo wesizalo ukhupha incindi egcina umlomo wesibeleko ucocekile yaye ungabi nosuleleko.
Okungakunceda: Nxib'iipenti zomqhaphu, ungazinxibi izinto ezikubambayo ngaphantsi ezingawabuyis' umva amanzi aphumayo. Faka nento eza kufunxa amanzi epentini, xa kunokwenzeka ungayinxibi ipenti ebusuku. Hlamba "usisi" ngamanzi afudumeleyo kuphela kuba isepha iyalomisa ulusu. Xa unosulelo yiya kwagqirha okanye eklinikhi ngokukhawuleza, kuba kungenzeka losuleleke usana lwakho xa ulubeleka. [x]
BONA XHOSA - February 2006
Ziqhelise ukutsala umoya kakhulu ukuze uphefumle i-oxygen eninzi.
Ukumelana nokungaviza mnandi
Ukungaziva mnandi okuthile kuqhelekile kwaye awufanelanga uzikhathaze ngako
liqulunqwe nguPRIMROSE WILLIAMS
kufote abeGREAT STOCK!
BONA XHOSA - February 2006
u
t
Iingxakana eziqhelekileyo
