xhosa.2537.yourfamily_child
Ubuciko boonomngqusho
UTshepang Sebola oneminyaka emihlanu waseFlorida eJoburg West usixelela akwaziyo malunga nelizwe lakhe kunye nezopolitiko!
Uyazazi ukuba uhlala kweliphi ilizwe?
Andazi, kodwa ndihlala eFlorida.
Ingaba awuwazi uMzantsi Afrka ukuba uphi?
Ndiyawazi - uphaya, edolophini.
Ingaba uyabazi oomongameli benza ntoni?
Ewe, bakwenza uvote.
Ngubani uMongameli waseMzantsi Afrika?
NguZuma Msholozi.
Ingaba uyamthanda?
Ewe ndiyamthanda.
Ngoba kuthethi?
Ngoba nditsho!
Ungathanda ukuba nguMongameli?
Ewe, kuba ndingaya kuvota ndenze abanye abantu kube ngabo abasebenzayo.
Yintoni oyithandayo ngokuhlala eMzantsi Afrika?
Andazi, kodwa ndiza kukutsalela umnxeba ngoMvulo ndikuxelele.
UMZALI OYINDUMASI
Imvumi nomlinganisi uKeabetswe Motselanyane ucebisa abafundi indlela yokukhalima abantwana babo
AKUKHO mntu ofuna ukubona usana lwakhe lulengisa umlomo wangezantsi lulila kuba lungxoliswa ngunina elimthanda kakhulu - kodwa akho amathuba apho kufuneka uthi hayi!
Iingcebiso zikaKB weRhythm City ononyana oneminyaka emibini:
Andingxoli, kodwa ndiyaliqinisa ilizwi lam.
Ndithi 'hayi' xa ndisitsho ngenene - kwaye andibuyi mva okanye nditshintshe ingqondo. Loo nto iza kumbidisa umntwana.
Ndisoloko ndiqinisekisa ukuba unyana wam uyaqonda ukuba ndithini, nesizathu esibangela ndithi 'hayi' ngelo xesha.
Ndiyaqinisekisa ukuba uyaqonda ukuba uMama xa esithi 'hayi' utsho ngenene.
Umqulunqi: Ntokozo Maseko noKamogelo Sebola
UMNTWANA WAKHO
Ukuba unqwenela "sidlan' indlebe" nonyana okanye intombi yakho encinci, sibhalele kule dilesi, BONA/Kidspeak, Box 473014, Parklands, 2121. Usixelele iminyaka yomntwana wakho, ufake nefoto yakhe nenombolo yomnxeba esiza kukufumana kuyo emini.
INDLELA YOKUBONA ILWEYILE ELINGALUNGANGA
Ilweyile elingelilo liyakhawuleza ukugcwala.
Ufumana oko ukuhlawuleleyo - lumkela amalweyile afumaneka ngexabiso eliphantsi aziimveliso "ezingenamagama" eziza zininzi.
Ilweyile liba yisayizi engeyiyo.
Ilindle lizingcolisa kakhulu iimpundu zosana - lindela "ukungcola" ezimpundwini zosana xa ulutshintsha, kodwa ukuba zingcole kakhulu, kuthetha ukuba ilweyile aliwenzi kakuhle umsebenzi walo.
Iteyipu yokulinamathisela emacaleni ayinamatheli kakuhle kwaye iyaphuncuka.
Ilweyile elingalunganga liyavuza.[x]
