xhosa.2527.hugh
Uyazingca ngokuba ngowaseMzantsi Afrika
BONA XHOSA October 2008
IGQALA LOKWENENE
Imvumi ephambili yejazz uHugh Masekela uncokola nathi ngodumo, ngomculo nokungazilibali iingcambu zakho... Kubhale uDiane Coetzer, kufote uVanessa Grobler
Le mvumi ifuna ukwenza ifilim ngobuntwana bayo eWitbank - kwaye uthi le filim iza kuthetha ngezinto zolonwabo.
UMBETHI wexilongo nombhali weengoma odume kwihlabathi liphela, uHugh Masekela uhamba ecula kwiindawo ngeendawo zehlabathi njengaseLondon, eNew York, eParis nanini na, kodwa uyithanda ngokungazenzisiyo idolophu yaseWitbank akhulela kuyo kangangokuba ucinga nokwenza ifilim ethetha ngaloo minyaka.
"Ndifun' ukwenza ifilim eza kubonisa ukuba iWitbank yayinjani ngaloo minyaka. Ininzi kum into endayamanisa nale dolophu nkqu nanamhlanje," utsho uMasekela.
Sele icetywa le filim kodwa uHugh uyakwazi akufunayo kuyo. "Zimbalwa iifilim ezibonisa ulonwabo e-Afrika, ngoko yiloo nto endifuna iboniswe yile filim. Ndandiphila ubomi obumnandi kakhulu khona, ngoko ndifuna le filim ibonise ulonwabo laloo minyaka."
UHugh nodadewabo, uBarbara (ongunozaku-zaku waseMzantsi Afrika e-USA), bakhuliswa nguninakhulu wakulonina eWitbank. Ubomi bobuntwana bakhe babungumxube wokukhuliswa phantsi kwengqeqesho nenkolo nobomi obunezimanga zaselokishini.
Waqal' ukuwuthand' umculo xa wayewuva ukhala ezirhoxweni nasemizini yaselokishini. Kodwa emva kweminyaka engama-50 waqala ukucula kwiHuddleston Jazz Band, udume emculweni wejazz ehlabathini njengo-"Bra Hugh".
Ukwangusomashishini yaye inkampani yakhe ekuthiwa yiChissa Entertainment ishicilela amacwecwe, inecandelo eliphethe iimvumi, neliququzela imisitho yolonwabo.
Nangona kunjalo usakuthanda ukucula, kwaye kungoku nje ushicilela icwecwe lakhe elitsha.
NANGONA uMasikela enemisebenzi emininzi kangaka usabonakala ekhululekile kwaye omelele. Uthi oko kubangelwa ngumthambo weTai Chi awenza yonk' imihla. "Uyandinceda ekupheliseni uxinzelelo lwengqondo. Ukuba nomsindo andisakwazi nokuba yinto enjani. Xa ndibona umntu onomsindo, ndiyamjonga nje ndingazi ukuba ndingamnceda njani aphelise loo msindo," utshilo.
"ITai Chi ikomeleza kumalungu ongaziyo ukuba ungawomeleza njani kwaye ikwenza uzinze."
Indlela aphila ngayo ngoku yahluke mpela kwiminyaka eyadlulayo apho wayelikhoboka lotywala neziyobisi - zinto ezo azichazayo kwincwadi engobomi bakhe ethi Still Grazing (Crown Publishers; 2004).
Wazifumana elikhoboka lezo zinto xa wayeselubhacweni, kodwa uqale ukuzikhwebula kuzo ngoDisemba ka-1997. Ngoku uzimisele ukunced' eziny' iimvumi ezombethwe yiloo ngxaki.
Ngumculo eyona nto alikhoboka layo ebomini uHugh.
"Kwasekuqaleni umculo wawusoloko usegazini kum, yiloo nto ke ndingasokuze ndohlukane nawo.
"Ndathi ndakuya e-USA, abantu bakhona bathi: 'Kutheni ufuna ukuba yimvumi yejazz sele zininzi kangaka apha iimvumi zejazz?'
"Kwakufuneka ndiphande ngeengcambu zam ndibe ndizisola nangokuba bekutheni ndizimisele ngokuba yimvumi yejazz.
"Ngethamsanqa uMiriam Makeba wayengumntwana wegqirha yaye wayeyimvumi ecula kamnandi ecula iingoma zesintu zasemazantsi e-Afrika. Bandifundisa iingoma ezandenza ndanomculo owahlukileyo kwiimvumi zaseMelika."
UHUGH wakhuthazwa nguHarry Belafonte ukuba angabuyeli eMzantsi Afrika emva kokuba uNelson Mandela wayegwetywe ubomi entolongweni. Wahlal' eMelika wazenzel' igama njengemvumi ecula yodwa edume ngengoma ethi Grazing In The Grass.
Wabuyela kweli emva kokukhululwa kukaMandela entolongweni, kwaye ngoku unemisebenzi emininzi ayenzayo.
Kungoku nje wenza nophando ngembali yosapho lwakowabo, kuquka nokuzalana kukayise omkhulu nabantu baseScotland.
"Ndiyafuna ukwazi ngokwakusenzeka mandulo, kwaye ndifuna iilwimi ezinjengesiVenda, isiShangane nesiNdebele.
"Ndakhula eWitbank sithetha isiNdebele. Sasisithetha kakhulu nesiBhulu. Ndifun' ukuqala ukubhala nangezo lwimi."
Uceba nokubhala incwadi eya kuthetha ngokubaluleka "kwezithethe zama-Afrika."
"Eyona nto ndiyoyikayo kukuba umzukulwana wam xa ebuzwa ngembali yakhe angathi, 'Sasikade singabantu abaNtsundu.'
"Ndifuna ukwenza izinto eziza kukhuphisana nezinto azibona kwiMTV. Ungazi njani apho uyakhona xa ungazazi apho usuka khona?
"Imbali yethu inezinto ezininzi eziqaqambileyo kwaye inobungangamsha, kodwa sikulibele oko ngenxa yokwenziwa amathanga amanye amazwe nokufundiswa inkolo ethi imbali yethu yayibubuhedeni." [x]
Xa uHugh evuthela ixilongo, ihlabathi lonke liyaphulaphula.
BONA XHOSA October 2008
