XHOSA.2510.sis sarah
BONA XHOSA - June 2006
Buza uSis Sarah
Ndilinde ixesha elingakanani"
Ndinama-35 eminyaka kwaye ndithandana nendoda enama-38. Saqal' ukuthandana ndine-16 yena ene-17 saza sahlala kunye emva koko. Ngoku bathathu abantwana bethu kwaye le ndoda ayigqibi ukulobola ukuze sitshate. Iyandikhathaza loo nto kuba yonke le minyaka ndithembekile kuyo kwaye yona ngathi ayiyiboni loo nto. Ndincede.
nguLT, eStanderton
nUfanele ukukhathazeka. Kodwa kufuneka ubulele into enye entle - le ndoda isakuthanda emva kweminyaka eleqa ama-20 onke. Anitshatanga kona kwaye ndiyaqonda ukuba ibalulekile kuwe loo nto kodwa yixelele le ndoda. Nineminyaka eliqela nikunye, ninabantwana nomzi kodwa eyona nto iza kukonwabisa nangakumbi kukuba nitshate.
Thetha nayo ngalo mba niwulungise. Unelungelo lokwazi ukuba ifuna ukukutshata na kwanokuba kutheni ingekagqibi ukukulobola. Lubalulekile uthethwano kwisiseko somtshato kwaye indoda yakho inelungelo lokwazi ukuba uziva njani na njengoko nawe unelungelo lokwazi ukuba izimisele ukukutshata na okanye hayi.
Ndifun' ukuqhawul'
umtshato
Ndingumama wabantwana ababini onama-27 eminyaka. Ndohlukene nomyeni wam kwaye ndifuna siwuqhawule umtshato. Sithe ngoku sitshatileyo wathandana namany' amadoda kwaye bendimbamba qho xa elele nawo aze axolise nam ndimxolele kuba ndimthanda kwaye ndicinga ukuba uza kuwuyeka lo mkhuba wakhe.
Undibethe olungophiyo ngokuthandana nomncedisi wethu wasendlwini. Bendisebenza emini yena engena ebusuku. Ngeny' imini ndababamba belele kunye ndaza ndathatha konk' okwam ndemka. Abasathandani ngoku kwaye umyeni wam ufuna ndibuyele emzini wethu.
Ndanele yimikhuba yale ndoda. Ngoku ndifuna indoda eza kundonelisa ngesondo indincede ndilibale ngale ndoda edlale ngexesha lam. Andikufuni ukutshata kwakhona. Ngoku ndizam' ukwakh' ubomi bam ngokutsha. Ndicela undicebise.
Okhathazekileyo, eLesotho
n Umyeni wakho uyalithanda gqitha isondo - nokuba ulenza namadoda okanye namabhinqa - kwaye awunakumthemba.
Wenze kakuhle ngokumshiya kwaye xa unokubuyela kuye uyakuba wenz' impazamo enkulu. Sele uqalil' ukwakh' ubomi bakho ngokutsha kwaye uyayazi into oyifunayo xa ungena eluthandweni kwakhona.
Okwangoku uyawacaphukela amadoda yiyo loo nto ungafuni kutshata. Ungabi ngqwabalala kakhulu kuwe (okanye emadodeni) kuba ungadibana nendoda oza kuyithanda utshintshe nendlela ocinga ngayo. Ungathelekisi indoda oza kudibana nayo nomyeni wakho.
Usendleleni, uselula, unabantwana ababini ngoko ungavumeli ukuphazanyiswa. Ndikunqwenelel' impumelelo!
Indoda engagqithwa lokhwe
Ndikhathazekile kuba indoda endithandana nayo ineentombi ezininzi encuma nazo. Indenzela yonk' into kodwa inale ngxaki. Andiyazi nokuba ngaba iyayisebenzisa na ikhondom xa ilala nala maqabane ayo maninzi kunene. Ndithini"
nguSN, eWitbank
nAwunakutsho ukuba yindoda othandana nayo umntu oncuma neentombi ezininzi ngolu hlobo utsho ngalo. Andisiboni isizathu sokuba uqhubeke nokuthandana nayo. Ikwenzela yonk' into kodwa iyakukhathaza kunjalonje ibek' ubomi bakho esichengeni xa ingazikhuseli ngekhondom. Andibi impilo nekamva lakho zezona zinto zibalulekileyo kuwe" Yilahle le ndoda uzifumanele enye eza kunyaniseka kuwe.[x]
BONA XHOSA - June 2006
Qaphelani: USis Sarah akakwazi ukunicebisa ngeengxaki zempilo. Xa unengxaki yempilo efun' unyango yiya kucel' uncedo eklinikhi okanye kugqirha.
Ngaba unengxaki yendibano yesondo, eyothando, okanye ngxaki yimbi ebomini" Yibhale uyithumele kum Sis Sarah, ndiza kuzama ukukucebisa indlela yokuyisombulula. Ngelishwa andinakukuce-
bisa ngokukubhalela wena ngqo, kubhetele impendulo uyijonge kula makhasi.
Khumbula, xa uyivula intliziyo yakho, ndikholo ukukunceda!
Idilesi yam ithi:
Sis Sarah,
Box 32083,
Mobeni 4060
