xhosa.2505.yourlifeguide_legal
WAZI AMALUNGELO AKHO
Kule nyanga: ongakwenza xa inkosikazi owohlukene nayo ifuna ukuthatha abantwana iyohlala nabo phesheya (nendlela yokohlula ifenitshala xa niqhawul' umtshato)
UMFAZI ENDOHLUKENE NAYE UFUNA UKUHAMBA KWELI NABANTWANA BETHU
Ndiyabulela kwiScorpion Legal Panel ngokunced' abafundi beBONA abaneengxaki ezibangelwa kukuqhawul' imitshato. Ndiyaziqonda izinto ezimayela nokuhlala nabantwana nokondliwa kwabo, kodwa eyona ndingekayazi kukuba: athini amalungelo am ngokuba ngumgcini wabantwana"
Siqhawula umtshato nenkosikazi yam kwaye ndiyiva ithetha ngokuya kuhlala e-USA. Xa inokuyohlala khona andinakubanayo imali yokubantingisela eMzantsi Afrika xa kuvalwe izikolo, ukanti andinakubanayo neyokubatyelela e-USA. Ingaba oko kuya kuthetha ukuba andisayi kuphinde ndibabone"
Ndithini xa inkosikazi ifuna ukubasa kugqirha wamazinyo oxhomileyo ngamaxabiso" Ingaba ndifanele ndihlawule nje ndingabi nemibuzo"
Ndikhathazekile koku kuba ndiyabathand' abantwana bam kwaye ndifun' ukubenzela okuhle ebomini. Kodwa kufuneka ndiphile kwaye ndiphangele ukuze ndikwazi ukwenza oko.
Uthini wona umcimbi wefenitshala neziny' izinto zasendlwini" Ziya kohlukaniswa njani ngokulinganayo" Kaloku sobabini siyazifuna.
ICEBISO LESCORPION
Ngaphambi kuka-1993, uyise wabantwana wayeba kuphela komntu ojongene neendleko zabantwana ngaphandle kokuba amalungelo akhe ohluthiwe yinkundla, nokuba abantwana bahlala nonina na.
Emva koko kwamiselwa umthetho omtsha. Enye yezinto ezitshiwo yiGuardianship Act kukuba iyafuneka imvume yabazali bobabini ekwenzeni izigqibo ezibalulekileyo.
Ezo zigqibo ke ziquka nesokuyohlala nabantwana phesheya. Kaloku nkqu iphaspothi umntwana uyifumana ngemvume yabazali bobabini.
Ngoko ungaxhalabi kuba umthetho omtsha ungecala lakho! Inkosikazi owohlukene nayo ayinako ukuya nabantwana phesheya ngaphandle kwemvume yakho.
Akanako nokwenza iindleko ezinkulu zabantwana ngaphandle kwemvume yakho. Nawe ngokunjalo kuza kufuneka ufumane imvume yakhe xa ufuna ukwenza into enkulu eza kuchaphazel' abantwana!
Ubuza nokuba iza kohlukaniswa njani ifenitshala.
Khumbula ukuba into yokuqala efanele yenziwe libhinqa lakufumana imvume yokuqhawul' umtshato kukulungisa indawo aza kuhlala kuyo nabantwana.
Lo ngumba oceke-ceke kwicala lendoda.
Kaloku nayo kufuneka ibenomzi eza kuhlala kuwo, okwesibini kufuneka yondle umfazi nabantwana. Ngaphezulu yinto eyamkelekileyo kuluntu lwakowethu ukuba ibhinqa lamkela ngaphantsi kwendoda. Kungenzeka nokuba akaphangeli yaye kufuneke afun' umsebenzi.
Umsebenzi awufumanayo kunokwenzeka ungamniki umvuzo ozaneleyo iimfuno zakhe, kodwa uya kuwamkela kuba uxakekile ngenxa yemeko azifumana ekuyo.
Nokuba indoda yohlukaniswe yintoni nenkosikazi yayo, iya kuhlala inguyise wabantwana yaye kufuneka ibakhele ikhaya, ibafundise yaye ibanyangise xa begula.
Iimpahla ezinjengebhedi nezinto zokulala, ifriji nestovu, itafile yokutyela nokusebenzela nezinye izinto ziyimfuneko.
Yinyaniso ukuba xa indoda ivumile ukuba inkosikazi izithathe ezi zinto, kuza kufuneka izithengele ezinye, nto leyo iyindleko kuyo. Kodwa akukho cebo limbi kulo mba.
Lo ngomnye wemizekelo yokuba abantwana ngabona bafanele babekwe phambili kuqhawulo-mtshato.
Eyona nto iphambili lukhuseleko nokuhlala kakuhle kwabo, nkqu nokuba oko kuthetha ukuphila ungenazo izinto ezithile. [x]
AMANDL' OMTHETHO
ABAFOTIWEYO BAYALINGANISA
Thumela ingxaki yakho yomthetho kule dilesi: BONA Legal Advice, Box 473014, Parklands, 2121
- uya kufumana ithuba lokuxoxa negqwetha imizuzu engama- 30 ngaphandle kokuhlawula, kwi-ofisi yalo naphi na kweli okanye emnxebeni.
Sizamile ukuqinisekisa ukuba ufumana iingcebiso ezizizo. Kodwa ityala netyala lifuna ukuphandisiswa kwaye abeScorpion Legal Protection (Pty) Ltd, igqiza labacebisi neBONA nabashicileli bayo abanakubekwa tyala ngelahleko engafunyanwa ngumntu osebenzise iingcebiso zalo mhlathi.
