xhosa.2502.yourfamily_child
Ubuciko boonomngqusho
Kubalulekile ukomelela, kodwa ungachith' imali eninzi - uyakube umosha nje ngemali, kuba abantwana bayakhawuleza ukushiywa zizihlangu.
Metesha unyawo lomntwana kakuhle. Iivenkile ezithengisa izihlangu zabantwana ziza kukunceda. Musa ukulinganisa iinyawo zomntwana wakho ngezomnye olingana naye ngeminyaka nangesithomo.
Khumbula, izihlangu ezahlukileyo ngamagama azizukumlingana ngokufanayo.
Qiniseka ukuba isoli ithungelwe esihlangwini, ayincamatheliswanga ngeglu, kuba izihlangu ezincamathelisiweyo ziyakhawuleza ukukhamisa.
Ungazithengi ezinesithende esichophileyo okanye ezingenamva, iphushi okanye ezeplasiki - ezi zingamhambisa kakubi umntwana, zimhluphe.
Izihlangu ezilungileyo azifuni thuba "lokuzivula" - zithi zifika zibe zimlingana kakuhle.
AMACEBO OKUTHENGELA UMNTWANA WAKHO ISIHLANGU
Ngamany' amaxesha abantwana bathetha izinto ezihlekisayo ngokungazi. Sithethe noSimingaye Mhlungu oneminyak' emine waseSydenham eThekwini
Wena wavelaphi?
Umama notata bandithenga kwaShoprite nge-R50. Bonke oomama nootata babathenga eShoprite abantwana babo.
Ufuna ukuba yintoni xa sel' umdala?
Ndifuna ukusebenza eMahatma Gandhi Hospital nomama wam, ukuze sonwabe siphumle kunye.
Umama wakho uneminyaka emingaphi?
Uneminyaka emihlanu.
Yintoni uthando?
Uthando kuxa, sisekhaya, wonke umntu ehleli endlwini yokuphumla sisela idrinki, naxa kuyipati yam yokuzalwa.
Yintoni oyithandayo ngesikolo?
Ukufunda iincwadi, naxa kukho iipati neekhonsathi.
Uthanda ukubukela ntoni kwiTV?
Ndithanda oopopayi njengoBarbie noGarfield. Kanti noGererations (Generations) kuba ndiyathanda ukubona uBelinda ebetha uKhethiwe.
Kufuneka ube namalini ukuze ukwazi ukuthenga imoto?
I-R20 egaraji.
UMNTWANA WAKHO
Ukuba ungathanda ukuba sibe "nodliwano-ndlebe" nonyana okanye intombi yakho encinci, bhalela kule dilesi, BONA Kidspeak, Box 473014, Parklands, 2121. Sixelele iminyaka yomntwana wakho ufake nefoto yakhe nenombolo yomnxeba wakho wasemini apho ufumaneka khona.
Indlela yokunqanda
IINTWALA
Intwala luhlobo oluthile lwesina-mbuzane kwaye zintathu iindidi zeentwala ezithandela ebantwini - ehlala ezinzeni (okanye ebunonkala) lintwalwa zomzimba nezasentloko.
Zezihlala entloko ekulula ukuba umntwana wakho azifumane.
Ezi zinambuzane zifunxa igazi, zihlala entlonzeni kwaye ziyanikezela ngokubamba umntu nangokusebenzisa ikama nebrashi enye nomntu onazo kungenjalo umnqwazi.
Zincinci kwaye ungawabona amaqokobhe azo (ekuthiwa "ngoonomoyi") - ekuye kucingwe ukuba yinkwethu.
Iimpawu
Intlonze irhawuzelela kakhulu, ingakumbi emva kwendlebe nesemva kwentamo.
Intlonze iye itshise, ithambe.
Kuyadumba kufutshane nalapho iintwala zihlala khona.
Indlela yokuzisusa
Xa umntwana wakho eneentwala, bazise esikolweni sakhe ngokukhawuleza, kuba anganikezela nabanye. Eneneni abantwana kufuneka bahlale ekhaya de zinyangeke iintwala. Ungakhangela ishampu yokususa iintwala ekhemesti. Iza kuzibulala iintwala isuse noonomoyi.
ISILUMKISO: Ungasebenzisi iparafini ukususa iintwala kuba oko kuza kuyithunuka ngakumbi intlonze.
