xhosa.1172.legal
Ungakwenzi oku wena!
INGXAKI
Ndineshishini lokulungisa imizimba yeemoto. Ndinamaxabiso amahle kwaye umsebenzi wam unegaranti yenyanga. Emva kweenyanga ezine ndilungise imoto endala yomntu othile, iye yamoshakala igiyabhoksi yayo. Wanyanzelisa ukuba mandihlawulele ukutsalwa kwemoto yakhe nokufakelwa kwenye igiyabhoksi.
Ndamcacisela ukuba mna ndilungise ibhonethi nocango ebezibethekile kuphela. Andikhange ndiyichukumise igiyabhoksi kuba wayengatshongo ukuba ndiyilungise.
Ngoku ndifumana ileta esuka emagqwetheni ethi ukuziswa kwale moto kum igiyabhoksi yayo ibisebenza ngoko yonakaliswe ndim.
Ileta iqhuba ithi ngexesha ndiyiqhuba ndiyivavanya loo moto, wonke umonakalo owenzeka kuyo luxanduva lwam ngokomthetho olawula igaranti. Ngoku eli gqwetha lithi liza kundikhuphela iisamani. Ndingenza njani?
nguMB, eKapa
ICEBO LESCORPION
Enkosi ngokusithumelela ikopi yerisithi yakho (ebonisa imiqathango ebekiweyo phantsi kwegaranti yakho) malunga nokulungiswa kwemoto, nekopi yerisithi oyinike umnini wemoto. Eyona ibe luncedo kakhulu yikopi yerisithi enikwe umnini wemoto yinkampani ebimtshintshela igiyabhoksi. La maphepha enze umsebenzi wethu walula.
Ukutyholwa ngokulungisa izinto ubungaziyalelwanga bubuxoki obuqhelekileyo kweli shishini. Ngethamsanqa, umthetho ungecala lakho.
Ukuba isimangalo ibisesokuba abasebenzi bakho bamoshile kwaye usebenzise neentsimbi zemoto ezingekho semgangathweni ube kodwa unegaranti - ube ubuyivavanyile le moto uyiqhuba ngokungakhathali ngekuvakala.
Khona le giyabhoksi ingonakaliswa luvavanyo olwalusenziwa kwiinyanga ezine ezidlulileyo?
Nokuba kunjalo irisithi yakho ibonisa ngokucacileyo ukuba igaranti yakho yeyenyanga ngoko umnini wemoto akanakuthembela kwigaranti.
Kwimeko eqhelekileyo umnini wemoto ubeza kuza nobungqina bokuba...
uvumile ukulungisa imoto yakhe ukuba uyakuhlawula
nobabini benikuqonda ukuba uza kuyilungisa ngenkathalo, usebenzise iintsimbi ezifanelekileyo, uqinisekise nokuba awuyonakalisi imoto;
usebenzise iintsimbi ezingekho mgangathweni kwaye nguwe omoshe igiyabhoksi ngenxa yempatho embi nokuyiqhuba ngokungakhathali.
Ukuba angeza nobu bungqina angakumangalela ngomonakalo owenzileyo nokwaphula isivumelwano senu.
Simtsalele umnxeba umnini garaji olungise imoto, sambuza malunga nomonakalo wegiyabhoksi. Ukuba imoshwe yintoni? Ingaba kukuqhutywa kuphela?
Uthe iiball bearings ezimbini bezonakele kwigiyabhoksi, yiyo loo nto eyenze umqhubi angakwazi ukutshintsha amagiya. Uthe lo monakalo ungenziwa kukuyilungisa ngendlela engeyiyo okanye kukusetyenziswa kwayo ixesha elide.
Ukwathe uyabona ukuba le giyabhoksi ayizange ikhe ikhutshwe. Simcele ukuba asenzele i-afidavithi nalapho abhale phantsi kwesifungo uluvo lwakhe olunamava, uthi le giyabhoksi isebenze ngaphezulu kwama-200 000km ingazange yavulwa ingabonakalisi nokuba ike yonakaliswa. Umonakalo wenziwe bubudala bayo.
Okwangoku sicebisa ukuba uthumele ikopi yale afidavithi kwigqwetha lakho kunye neleta esikubhalele yona.
Siqinisekile ukuba igqwetha lakufunda ezi mpepha liza kucebisa umntu walo ukuba arhoxe size ke isigrogriso seesamani sinyamalale. [x]
AMANDL' OMTHETHO
ABAFOTIWEYO BAYALINGANISA
WENZE OKUKUKO
Siyamncoma lo mfundi ngokugcina iikopi zeerisithi. Le yinto ekufanele sonke siyenze. Kwaye kwezi ntsuku zempucuko apho kugcinwa iinkcukacha ezikhompyutheni, kubaluleke kakhulu kunakuqala ukugcina amaphepha.
Yicele rhoqo irisithi okanye naliphi iphepha elibalulekileyo! Musa ukucinga ukuba "ukhuselekile" xa ugcine iinkcukacha kwidiskhi.
Okunye ke ungaze unikise ngeempepha ongenakopi yazo!
Thumela ingxaki yakho yomthetho ku-BONA Legal Advice, Box 32083, Mobeni, 4060 - uya kufumana ithuba lokuxoxa negqwetha imizuzu engama- 30 ngaphandle kokuhlawula, kwi-ofisi zalo naphi na kweli okanye emnxebeni.
Sizamile ukuqinisekisa ukuba ufumana iingcebiso ezizizo. Kodwa ityala netyala lifuna ukuphandisiswa kwaye abeScorpion Legal Protection (Pty) Ltd, igqiza labacebisi neBONA nabashicileli bayo abanakubekwa tyala ngelahleko engafunyanwa ngumntu osebenzise iingcebiso zalo mhlathi.
BONA XHOSA August 2008
