xhosa.100.beauty
Nonophela ulusu lwakho ukuze ulukhusele lungabi neminyama
Indlela yokunyanga iminyama
APHA ekukhuleni sivelelwa ziingozi ezonzakalisa ulusu lwethu zilushiye luneziva - ukanti uninzi lwethu luneminyama neziva.
Abantu abaninzi bakholelwa ekubeni iminyama yenziwa kukutyeba yaye kuba njalo maxa wambi. Le minyama ibizwa ngokuba yistriae gravidarum yaye ivela xa ulusu lunwebeka ngaphezulu komlinganiselo.
Ulusu lwethu lunoomaleko abathathu: ongaphandle (epidermis), ophakathi (dermis), nonzulu (subcutaneous stratum). Iminyama ivela kulo maleko ophakathi kuba wona uyanwebeka yaye nguwo owenza ulusu lukwazi ukugcina indlela olumi ngayo. Ngokuhamba kwexesha ulusu lunwebeka kancinci nto leyo yenza kuvele iminyama.
Iingcali zolusu zithi iminyama ixhaphake kakhulu kumabhinqa akhulelweyo kodwa iyavela naxa utyeba okanye unciphe emzimbeni ngephanyazo, umzekelo xa ufikisa kuba umzimba wakho ukhula ngamandla. Iyavela nasebantwini abakha imizimba nabatya isteroids.
Omnye unobangela weminyama ziihomoni yaye amanqanaba e-oestrogen achaphazela ukuvela kweeseli zolusu nenkangeleko kunye nokumila kolusu.
Iminyama iqala ivele ibomvu bupinki ngebala, imdaka okanye imdaka bubomvu ize itshintshe ibe nebala elimsobo eliqaqambileyo ize ilitshintsh' ibala ikhanye ngaphezulu kolusu lwakho. Ithanda ukuvela kwezi ndawo zigcina amafutha - emabeleni, ezimpundu nasesiswini.
Ukukhulelwa
Ngama-50 ukusa kuma-90 eephesenti zamabhinqa akhulelweyo avela iminyama, ingakumbi xa sele kusondele iinyanga zokubeleka. Ukuvela kwayo kuxhomekeke ekubeni lunwebeka kangakanani na ulusu lwakho.
Ezinye zezinto ezenza iminyama
n Xa umama okanye udadewenu eneminyama nawe ungabanayo.
n Ukutyeba okanye ukuncipha kakhulu komzimba ngokukhawuleza kuyayibangela iminyama.
n Indlela otya ngayo - ulusu olunamanzi oneleyo nolusempilweni lunwebeka lula.
n Ibala lolusu - amabhinqa amnyama ngebala ayathandwa yiminyama.
n Xa ikhe yavela xa ubukhulelwe ngaphambili, iza kuphinda ivele.
Ukuyithintela
Kubhetele kakhulu ukuyithintela kunokuyinyanga iminyama yaye nanga amanyathelo alula angakunceda athintele ukuvela kweminyama.
n Qinisekisa ukuba ulusu lwakho lunamanzi oneleyo. Sela ubuncinane iilitha ezimbini zamanzi ngemini - ingakumbi xa usel' utywala okanye icaffeine.
n Yitya ukutya okondla ulusu okufana nokutya okunoVitamin C, E, izinc nesilica.
n Yenz' imithambo qho (ukuhambis' igazi kuze kuphume nenkovu).
n Phulula ulusu lwakho ngebrashi okanye iglavu ukuhambis' igazi.
n Lugcine luthambil' ulusu ngokuluthambis' imoisturiser qho.
Ukuyinyanga
Akukho nto ingako ungayenza kwaye incinci into ongayenza ukuyithintela ukuba ivele kwasekuqaleni. Iminyama ayipheli kodwa nangona kunjalo ungakwazi ukuyithintela ukuze ingacaci kakhulu yaye kubalulekile ukuba uqale kwangoko ukuyinyanga. Ayibonakali xa uyithintela yaye uyinyanga kuba iyayeka ukuvela.
Kukho izinto zokuthambisa ezithengiswayo ezinoVitamin E noA, okanye itretinoin cream, okanye iimveliso ezineglycolic acid okanye i-onion extract ekuthiwa ziyayiphelisa iminyama kwabanye abantu. Kodwa noxa kunjalo azifikeleli kulo maleko uphakathi nto leyo ithetha ukuba zenza ulusu lwakho lube luhle, aziyiphelisi iminyama.
Iindlela zonyango ezisebenzayo yimicrodermabrasion nelaser resurfacing yaye zixhomile ngexabiso kunjalonje kufuneka usebenzise iindlela ezininzi zolu nyango ukuze iphele iminyama.
Zikho izinto zokuthambis' umzimba ezithile ezigcina umzimba uqinile ingakumbi xa ukhulelwe okanye xa usebenzisa izinto zokunciphis' umzimba.
Iikhrim zeAHA (alpha hydroxy acids) zivela kwizityalo neziqhamo ezithile yaye nazo ziyayidlal' indima ekuthinteleni iminyama. Zona "zitshisa" umaleko ongaphezulu wolusu ukuze kuvele ulusu olusempilweni. Ngaloo ndlela luyatshintsha ulusu lube neliny' ibala yaye lugude. Luqala lome yaye luxobuke ulusu lwakho lo gama kusuka ulusu oludala kodwa emva nje kweeveki ezimbalwa luyaphucuka lube mpuluswa.
Buza kugqirha ukuba ufanele uzisebenzise kangakanani ikhrim zeRetin-A (okanye itretinoin) okanye ezeAHA. Iikhrim zeRetin-A azisetyenziswa xa ukhulelwe okanye xa ukhulis' usana yaye xa uzisebenzisa akufuneki utye izongezi zeVitamin A kuba ziyakhabana ezi zinto zombini. [x]
BONA XHOSA - March 2007
Ezobuhle
EKUNENE: Iimveliso zokuthambisa ezithile ezithenjwayo ziyayithomalalisa iminyama.
kubhale uCHRISTINE HAMMANN
kufote uSALLY BLACKMAN
imodeli nguANCHEN wakwaModels International
BONA XHOSA - March 2007
