xhosa.2499.joe
Amaxesha
ngamanye
IBHINQA libila lisoma emsebenzini logama umphathi walo ezipholele e-ofisini. Liyagoduka lifike lipheke libe likhalelwa nangumntwana libuzwa nonobenani yindoda etsho ngesisu esikhulu eyazi ukusel' ibhiya, ukufund' amaphepha-ndaba nokubukel' iTV.
Litshona elalo mini imbombozela into engapheliyo kuba icinga ukuba ibhinqa liyayithanda loo nto.
Lifumana ntoni ke ibhinqa emva kwayo yonke loo nkxwaleko" Umvuzo ongephi kumqeshi walo nokuqhwatywa ngempama ngumyeni ongenambulelo ngento elimenzela yona.
Noko kwanele, mntakwethu! Ngoku lixesha lokuba amadoda avuke azenzele!
Ungacingi ukuba andibhadlanga ngokutsho loo nto. Kuhoye endikutshoyo yaye wazi ukuba nam ndibanawo amaxesha okungxola ngokungathi ndilibhinqa elidelelwayo.
Lixesha lokuba amadoda ayeke ukuba ngamavila, ancedise emisebenzini yekhaya.
Makalahle inkolelo anayo yokuba afanele kukwenzelwa. Kaloku ukhe uweve esithi: "Ndim indoda yalo mzi, wena nabantwana niza kwenza into endiyitshoyo."
Loo ntetho ke yayithetha ukuba ibhinqa alinaxesha lokuba kuthiwe liyagula kuba kufuneka livuke kumpondo-zankomo lipheke, litshayele ibala ukuze indoda ivuke isidlo sakusasa sesilungile, nehempe nebhulukhwe yayo i-ayiniwe.
Ngaphezu kokwenza loo msebenzi, libeleke nomntwana emqolo.
Xa likhe lagula imbinqa, indoda ibalugcwabevu ngumsindo ikhabe kwanto ephambi kwayo kuba ukutya kwayo akulunganga ngexesha, kwaye njengendoda ety' inyama ayicingi nento engaziphekela yona.
Endaweni yokuziphekela iya kulithethela ibhinqa de livuk' ebhedini liye kuyiphekela ekhitshini kuba kulapho ukhoyo umsebenzi walo.
Lingade licinge nokukukhaba esiswini esikhulu kuba alinako ukukukhama kuba umqala wakho mkhulu.
Loo ndoda ifanele ibulele izithixo zayo ngokuba ibhinqa ladalwa langumntu othanda uxolo.
Loo nto asiyongxaki ebangelwe nguwe, mntakwethu. Siphila kuluntu olunezo nkolelo yaye nomama wakho wayengakufundisi imisebenzi yasekhitshini kuba uyinkwenkwe.
Wayesithi ufanele ungapheki, ungacoci yaye ungavasi kuba leyo yimisebenzi yoodadewenu.
Xa ubonwe ngutata wakho usenza imisebenzi yasekhitshini wayeba lugcwabevu ngumsindo yaye nawe ubeyintlekisa nakubahlobo bakho.
Mna andiboni ukuba yintoni eyoyisa umntu ozibona engoyena ukrele-krele ekuqhotseni iqanda.
Ufika uzigwagwisa ngokuba abaqeshi bakho abanakusebenza ngaphandle kwakho nangokuba nguwe othwele inkampani, kodwa wakungena emzini wakho uyinto engathi ayinazandla. Yintoni ke leyo"
Oko kwakusenziwa ngoko, ngoku amaxesha ngamanye kwaye amabhinqa akasakuthandi ukuthwal' iqhiya nokunxiba iilokhwe ezinde ukuze athandwe ngabantu bakulomyeni.
Kule mihla ahamba ngeemoto eziphambili yaye asezikhundleni eziphezulu kwiinkampani aphangela kuzo. Aphuma emsebenzini aye kujonga impahla yefashoni entsha. Asela ahambe aphele amadoda ebharini, aze agoduke xa kusayo.
Lixesha lokuba ungalonqeni ikhitshi, upheke nawe uve nokuba iziciko zeembiza zitshisa kanjani.
Uya kubona indlela oya kufaneleka ngayo xa unxibe ipinifa uthwele neqhiya! [x]
BONA XHOSA November 2008
Akukho kujikel' emva kwendlu, madoda - amaxesha ngamanye kwaye abasetyhini badiniwe kukuba ngamakhoboka amadoda...
INTETHO YASELOKISHINI
kubhale uJoe Khumalo
"Lixesha lokuba amadoda ayeke ubuvila, ancedise emisebenzini yekhaya"
