XHOSA.2494.legalmar
BONA XHOSA - March 2006
Ingxaki yomntu orentayo
Ndirentisa indlu emzini wam. Uphelil' unyaka umntu orentayo eyihlawula kakuhle irenti. Ngoku kuphele iinyanga ezintathu engayihlawuli. Ndiyazi ukuba kufuneka ndilandel' inkqubo esemthethweni xa ndimgxotha endlwini yam. Ndicel' uncedo.
nguAS, eSoweto
lXa urentisa ngendlu wenza isivumelwano sokurentisa nomntu lowo ufuna ukurenta.
Esi sivumelwano kufuneka sibe sesibhaliweyo okanye ekuvunyelwene ngaso ngomlomo. Zozibini ezi zivumelwano zivumelekile yaye ziyabophelela xa bobabini abantu bekulungele ukwenz' isivumelwano ngokusemthethweni. Sibaluleke kakhulu isivumelwano kuba umntu ongaphantsi kweminyaka engama-21 akanakusenza isivumelwano engancedwa ngumzali okanye ummeli wakhe.
Xa umntu efuna ukuxhomekeka kwisivumelwano sokuqeshisa kufuneka abonis' ubungqina bokuba sibekho isivumelwano sokurenta phakathi kwakhe nomninimzi, sivumelwano eso kufuneka sibe nezi zinto zilandelayo:
mUkuzibophelela komninimzi ukuba uza "kunikezela into" kumntu lowo uza kurenta. Kule meko yakho ke "into" le sithetha ngayo yindlu. Inikezelwa ngokuthi umninimzi anike izitshixo zendlu yakhe umntu lowo oza kurenta emnika ulawulo lwendlu.
mIsivumelwano phakathi komntu orentayo nomninimzi apho kuvunyelwana ukuba umntu orentayo uza kuhlala ithutyana elithile apho endlwini. Eli gama lithi "ithutyana" libonisa ukuba lowo orentayo akanguye umninimzi.
mUkuzibophelela ekuhlawuleni irenti komntu lowo oza kurenta.
Zininzi iindlela ongayisombulula ngayo le ngxaki yakho nalo mntu urenta endlwini yakho. Xa ufuna ahlawule imali akutyala yona mthumelele ileta emnyanzelisa ukuba akuhlawule aze athi xa engakuhlawuli umkhuphele iisamani.
Xa esithi uyihlawule irenti makaveze ubungqina bentlawulo.
Xa ufuna ukumhlawulisa ngokwaphula isivumelwano sokurenta kuza kufuneka uveze ubungqina bokuba ngenene akayihlawulanga irenti kwanokuba wena unalo ilungelo lokusiphelisa isivumelwano senu.
Kwisivumelwano somlomo awukho umhlathi "wokuphelisa isivumelwano." Into ekufuneka uyenze kukuba usibekele imigqaliselo isivumelwano senu.
Oko kukuthi ubeke umhla wokuhlawulwa kwerenti. Xa engayihlawuli ngomhla obekiweyo kufuneka umbhalele ileta uphelise isivumelwano senu.
Kufuneka ubungqina bokuba umntu orentayo uzifumene iileta ombhalele zona. Loo nto ithetha ukuba xa engenako ukusayina xa ezifumene ileta kufuneka uzithumele ngeposi erejistiweyo uze ugcine izatifikethi zeposi erejistiweyo.
Le nkqubo siyixela apha ngasentla ivakala ngathi inzima kanti ilula yaye kufuneka uwenze ngokwakho lo msebenzi. Kodwa kuza kufuneka ucel' uncedo lwegqwetha xa ukhupha
iisamani. [x]
Niziphathelwe yiBONA nabeScorpion Legal Protection
Sizamile ukuqinisekisa ukuba iingcebiso esikunika zona zifanelekile. Kodwa ke imeko yengxaki nganye ifuna ukuphandisiswa. AbakwaScorpion Legal Protection (Pty) Ltd, amalungu eengcali ezicebisayo, iBONA nabashicileli bale magazini abanakubekwa tyala nguye nabani na osebenzisa ezi ngcebiso.
Iingxaki Zomthetho
Thumel' ingxaki yakho kule dilesi: BONA Legally Yours, Box 32083, Mobeni 4060. AbakwaScorpion baza kunika wonk' umntu ofake isikhalazo sakhe ivawutsha yemizuzu engama-30 yokuncokola negqwetha e-ofisini yabo naphi na kweli okanye ngomnxeba.
