xhosa.2472.yourman_coaching
'UKUHEDA'
ibhola
UJoshua Malebana nonyana wakhe oneminyak' esixhenxe, uTshepo.
XA kuthethwa 'ngokuheda' ibhola (ukuyibetha ngentloko), uMike "Sporo" Mangena uyenye yeenkcutshe kuko. Kumanqaku angama-25 awafaka edlalel' iDurban Bush Bucks, ali-16 awawafaka ngentloko.
UMike uthi abaqeqeshi abakuhoyi ukufundisa abadlali ukufak' amanqaku ngentloko, singasathethi ke ngootata abafundisa oonyana ukudlal' ibhola.
Oko ke akunciphisi indlela angazisebenzisa ukufak' amanqaku nje kuphela, koko kungamenza angakwazi 'ukuheda' ibhola ngendlela.
Kufuneka umfundise oku eselula kuba kaloku kuthiwa umthi ugotywa usemtsha.
Akukho namfuneko yokuba utata abenendawo enkulu xa efundisa unyana wakhe 'ukuheda', kufuneka isithuba esimalunga neemitha ezimbini.
Qala ngokumphosela ibhola ngokucothayo iphakamele ukuba akwazi 'ukuyiheda'.
Mphosele kaninzi de akwazi ukuyibetha ngentloko ibuyele kuwe ibhola engakhange acinge ngako, utsho uMike. [x]
Umbhali: Force Khashane
Umfoti: Peter Whitfield
UQEQESHO LWEBHOLA
Indlela yokungacimeli nokufak' amanqaku
IZISEKO
1KWENZE KUHLE OKU. UJoshua Malebana ufundis' uTshepo iziseko zokuheda ibhola ngokumphosela ibhola ngokucothayo ukuze akwazi ukuyibetha ngentloko. Jonga indlela eme ngayo uTshepo. Kuhle ukubeth' ibhola ngentloko usiya phambili.
2YIBETHE NGEBUNZI. Ibhola 'uyiheda' kakuhle xa uyibetha ngebunzi. UJoshua ufundise uTshepo ukusebenzisa ibunzi 'ukuhedela' ibhola kwicala afuna iye kulo, nokuyibetha ifike isenamandla apho uyisa khona.
3UNGACIMELI XA UHEDA. Ukucimela xa ubeth' ibhola ngentloko yimpazamo eyenziwa nangabadlali abanamava - mqwalasele ke unyana wakho angacimeli xa ebeth' ibhola ngentloko.
Apha uTshepo usibonisa indlela ENGALUNGANGA 'yokuheda' ibhola. Nokuba uyibetha ngebunzi uya kuyisa apho ubungafuni iyekhona xa ucimela xa 'uheda' - oko kungenza uphoswe ngamathuba okufak' inqaku.
ICEBISO
