XHOSA.2470.sis sarah
BONA XHOSA - February 2007
Akafuni ndibon' umntwana wam
Mna nomfazi wam sasikelelwa ngomntwana ngo-2005. Emva koko wathi asizukwabelana ngesondo ixesha elithile.
Yaba ziinyanga ezintandathu elo xesha ndaza ndakhalaza ngelithi noko selilide eli xesha singabelani ngesondo sibe sitshatile.
Waqalisa wenz' izinto ezitenxileyo, ebuya ekhaya ezinzulwini zobusuku.
Wasuka wathatha konk' okwakhe wagoduka.
Akafuni nokuba ndibon' umntwana wam.
Ndisamthand' umfazi wam yaye ndifuna babuye nomntwana wam kodwa andazi ukuba ndithini. Ndicela uncedo!
nguSS, eNkuna
Kufuneka ufumane ingcambu yale ngxaki.
Xa ibhinqa likhulelwe liyatshintsha ngenxa yeenguqu kwiihomoni kodwa yinto yethutyana leyo.
Umfazi wakho wazimela ngokubeleka xa efuna ukuyek' ukulala nawe.
Ngaba uthandana neny' indoda bethu" Okanye akasakuthandi" Fumanisa unobangela woko.
Xa engasakuthandi asoze uyijike ingqondo yakhe ngoko yamkele le meko noxa nje ibuhlungu.
Kodwa unalo ilungelo lokumbon' umntwana wakho.
Ndikucebisa ukuba ufune iingcebiso zomthetho.
Akayifuni intombi yam
Ndineminyaka eli-13 nditshatile nomyeni wam yaye sinabantwana ababini. Sineentombi ezine-15 leminyaka esazifumana kwabanye abantu sobabini.
Umyeni wam uba nengcwangu xa esele utywala yaye uyayicaphukela intombi yam.
Andiyazi ukuba iphi ingxaki yakhe kuba eyakhe intombi isityelela nanini na yaye ndiyiphatha kakuhle kuba ndiyayithanda.
Ndikhe ndacing' ukumshiya kodwa ingxaki yam ngabantwana aba bethu.
Ndicel' uncedo!
nguNCX, eWorcester
Kufuneka ninomyeni wakho niye kumcebisi oqeqeshiweyo.
Amadoda akakwazi ukuvakalis' iimvakalelo zawo kodwa umcebisi oqeqeshiweyo uyakwazi ukumelana neengxaki ezilolo hlobo yaye uyayazi imibuzo ekumele ayibuze.
Umyeni wakho unengxaki yaye kufuneka afumane umntu aza kuyandlala kuye.
Qala umnike ithuba afumane uncedo ukuze ayisombulule le ngxaki yakhe mhlawumbi angatshintsha.
Khumbula ukuba ukufikelela kwingcambu yengxaki kuthath' ixesha ngoko ke ungalindeli imimangaliso ekhawulezayo.
Xa engafuni ukufumana uncedo kubhetele uthathe abantwana bakho umshiye.
Ndililolo
Ndagwetywa iminyaka eli-12 entolongweni yaye intombi endincuma nayo ekwangumama womntwana wam ayindityeleli tu. Ayindibhaleli nokundibhalela oku nangona yayindithembisile.
Ndiyayithanda nomntwana wam yaye andifuni kuphulukana nabo.
nguFLJ, eMiddledrift
Amabanjwa amaninzi anale ngxaki yakho yaye njengoko ndihlala ndisitsho kulula ukuthembis' umntu ukuba uza kumtyelela yaye umbhalele ngoxa esentolongweni kodwa kunzima ukuzifezekisa ezo zithembiso.
Kubuhlungu ke kulowo uvalelweyo kuba akukho nto angayenza kwaye uxhomekeke kwintembeko yabantu abathandayo abangaphandle.
Amatyeli amaninzi intombi iye ibone kubhetele ilibale ngendoda ebanjiweyo iqhubele phambili nobomi bayo. Maxa wambi ungafumanisa ukuba ayifuni kuphoxeka ebantwini ngokulinda isaphuli-mthetho esisentolongweni.
Ndiyayiqonda imeko okuyo njengoko usayithanda yaye uyikhumbula intombi oncuma nayo ufuna nokubon' umntwana wakho.
Kodwa ke xa usentolongweni awunandlela yokumnyanzela okanye umcenge unina womntwana ukuba akuzisele umntwana uzombona.
Ndikucebisa ukuba ucele isalamane sakho sicenge le ntombi ukuba ikuzisele umntwana wakho uzombona nokuba kukanye ngenyanga.
Xa engafuni kwanto enokwenza nawe mhlawumbi angamvumela umntwana ukuba akutyelele.
Ndinesinyama"
Ndiswelekelwe yindoda ebendithandana nayo nyakenye ngoku abantu bandicebisa ukuba ndilale nendoda ngaphandle kwekhondom kuba kaloku thina sikholelwa ekubeni xa kusweleka umntu othandana naye kufuneka ukhuphe isinyama ngokulala nenye indoda.
Emva koko ke ndingakwazi ukuthandana nomny' umntu endimthandayo.
Kodwa ndiyoyika ukufuman' izifo ezosulela ngesondo xa ndilala nendoda ngaphandle kwekhondom.
Ndithini"
nguPL, eVolksrust
Ngamampunge odwa la owaxelelwayo!
Liyanda inani labantu abosulelwa yintsholongwane kagawulayo ngoko ke ufanele ukoyika ukwabelana ngesondo elingakhuselekanga.
Ungabeki ubomi bakho esichengeni ngokwabelana ngesondo elingakhuselekanga nendoda ongayithandiyo.
Zicingele wena kuqala... ungavumeli abantu bakutyhalele ekulaleni nendoda ongayithandiyo.
Andiyithandi le ntombi
Kwisithuba sonyaka bendithandana namantombazana angaphaya kwamahlanu. Lwaphel' uthando lwam kuwo onke kuba ayengeyiyo le nto ndiyifunayo.
Ngelishwa enye yawo yakhulelwa kwaza kwathiwa ekhaya mandiyitshate kodwa abazi bona ukuba andiyithandi.
Ndagqiba ekubeni ndihlawule umonakalo yaye ndiyamondla umntwana wam kodwa andizimiselanga ukuphil' ubomi bam nayo le ntombazana.
Asoze ndonwabe xa ndingatshata nomntu endingamthandiyo. Ndithini"
nguAP, eJozini
Khawuphonononge indlela ophila ngayo kuqala.
Ubuthandana namantombazana angaphezulu kwesihlanu... yaye ngathi ubulala nawo onke.
Ukuba uyaqhubeka nokwabelana ngesondo elingakhuselekanga unciphisa iintsuku zakho zokuphila.
Phaphama! Awukeva na ngogawulayo" Kule mihla akufanelanga ulale nabantu abaninzi ungazikhuseli. Ungazenzi isibhanxa ke esizixelela ukuba asinakosulelwa yiAIDS.
Ndiyayiqonda into eyenziwa ngabakowenu xa befuna uyitshate le ntombazana kodwa wena xa ungamthandi umama womntwana wakho kubhetele ungamtshati kuba uza kuqhawuka kungekudala loo mtshato ungenasiseko.
Ndicinga ukuba wenza into entle ngokuhlawula umonakalo nokondla umntwana wakho.
Zikis' ukucinga mfondini ngoku kungenjalo uza kuzibona sele ulandelwa lukrozo lwabantwana ekufuneka ubondle. Xa ucinga uza kuyifumana phi intombi ezawuvuma ukutshata nomntu owondla abantwana abaninzi noza kuhlala engenamali"
Lungis' iindlela zakho mfondini!
Ndiyamcaphukela!
Ndilibhinqa elinama-43 eminyaka ubudala elithandana nendoda enama-57 eminyaka ehlala eJoburg nebhinqa elinama-36 eminyaka ubudala.
Le ndoda inobukhwele injalonje kwaye ayifuni ndithethe namany' amadoda. Mna kodwa andinangxaki nokuhlalisana kwakhe.
Sathi ngeny' imini sisabelana ngesondo yabiz' igama leli bhinqa ehlalisana nalo. Ndiyayicaphukela le ndoda.
Ekhaya bathi mandiyilahle ndiqhubeke nobomi. Ndithini"
nguAT, eMaseru
Abantu abathandana behlala kude omnye komnye abathandani xesha lide. Banyanisile xa besithi yilahle le ndoda yaye ndiqinisekile ukuba baza kukunik' inkxaso usakohlukana nayo.
Kwayinto yokokuba uthi uyayicaphukela le ndoda intama ukuba uyakucinga ukuyilahla kwaye awuyithandi indlela ekuphethe ngayo.
Awuphazami - kungokuba kutheni le nto uza kwabelana nayo neliny' ibhinqa" Yilahle ngoku le ndoda. Akho amany' amadoda aza kukuphatha kakuhle phandl' apha. [x]
Buza uSis Sarah
Qaphelani: USis Sarah akakwazi ukunicebisa ngeengxaki zempilo. Xa unengxaki yempilo efun' unyango yiya kucel' uncedo eklinikhi okanye kugqirha.
BONA XHOSA - February 2007
Ngaba unengxaki yendibano yesondo, eyothando, okanye ngxaki yimbi ebomini" Yibhale uyithumele kum Sis Sarah, ndiza kuzama ukukucebisa indlela yokuyisombulula. Ngelishwa andinakukuce-
bisa ngokukubhalela wena ngqo, kubhetele impendulo uyijonge kula makhasi.
Khumbula, xa uyivula intliziyo yakho, ndikholo ukukunceda!
Idilesi yam ithi:
Sis Sarah,
Box 32083,
Mobeni 4060
