XHOSA.2461.sis sarah
buza usis sarah
Isithandwa sam sifuna ukundibulala!
MNA nendoda endincuma nayo sinama-32 eminyaka. Sineminyaka eli-11 sihlala kunye, sinabantwana ababini kodwa asitshatanga.
Akafuni ndihambe kodwa akandenzeli kwanto.
Akandincedisi nganto ekhaya nokuba ndiyagula. Siphila ngemali yesondlo sabantwana sikarhulumente ukanti yena eyakhe imali uyinika abazali bakhe.
Akafuni ndiphangele yaye uthi ufuna ukuthenga umpu, ndiyacinga ukuba uza kundibulala ngawo.
Ndicinga ukumshiya kodwa ixhala lam ngabantwana bam abaza kuthi xa sele bekhulile bandityhole ngokulahla uyise. Ndithini"
nguMAH, eFrankfort
Iyandothusa into yokuba unyamezele iimeko ezimbi kangaka iminyaka emininzi ngolu hlobo.
Ndibona ngathi uzibona ubophelelekile kule ndoda kuba unabantwana bayo... Kunzima ukuhlala nomntu ongafuniyo ufune umsebenzi okanye uhambe ezindaweni zakho.
Akutsho nokuba le ndoda ikukhathalele, ayikuniki nemali le.
Le ndoda iyakulibazisa!
Ukhe wayibuza ukuba kungani ikuphethe kakubi ngolu hlobo"
Unaso isizathu sokuyishiya le ndoda kodwa kufuneka uthethe nenkokheli ecaweni uyazise imeko yakho mhlawumbi iza kukuxhasa kwisigqibo oza kusenza.
Asikho lula isigqibo oza kusithatha ingakumbi njengokuba unabantwana nale ndoda kodwa iza kugqitha loo nto wonwabe ebomini bakho xa wahlukene nale ndoda.
Awuyixelanga iminyaka yabantwana kodwa ukuba sele bekhulile ungathetha nabo ubachazele imeko yakho.
Akukho lula ukwenza izigqibo ezilolu hlobo xa unabantwana kodwa ndiqinisekile ukuba ngokuhamba kwexesha baza kuyiqonda imeko.
108 BONA XHOSA - July 2007
Ingaba usandithanda"
Ndinama-38, umyeni wam unama-34 eminyaka. Sinabantwana abane.
Ingxaki yam andiyazi nokuba iyandithanda na le ndoda kuba maxa wambi ayibuyi ekhaya ize maxa wambi ihlale kowayo ingandixelelanga.
Ayifuni xa ndiyicela ukuba sityelele abazali bam.
Ukususela ngoSeptemba wanyakenye ihlala nabazali bayo kunye nabantwana bethu ababini. Xa indifowunela iyandingxolisa. Ndithini kuba ndisayithanda le ndoda"
Okhathazekileyo, eRooikoppie-Rayton
Unelungelo lokuyazi into eqhubeka emtshatweni wakho.
Ngathi akakuthembi umyeni wakho. Ikho into embhidisayo yaye ngathi uyoyika ukukuxelela.
Mhlawumbi kufuneka ucele abazali bakhe bakucebise futhi bazame ukufumanisa ukuba iphi na ingxaki yomtshato wenu.
Ndiqinisekile banolwazi ngokwenzekayo emtshatweni wenu njengoko sele ehlala nabo.
Xa bengakuncedi nganto kuza kufuneka ucele abantu abadala bosapho okanye basecaweni ukuba banincede nisombulule ingxaki yenu.
Kutheni ungamxeleli umyeni wakho ukuba ufuna ukuthetha naye ngengxaki yenu" Xa uphazamile unelungelo lokwazi yaye xa kukho iinguqu ekufuneka nizenze, unelungelo lokwazi ngoko makakuxelele. Xa ethule asoze zilunge izinto.
Ndadlwengulwa libhinqa!
Ndinama-34 eminyaka yaye ndadlwengulwa libhinqa elinama-50 eminyaka. Ndifuna undicebise ukuba ndingamelana njani na nale meko kuba ndaba yintlekisa emapoliseni xa ndiyixela. Ndithini"
nguRM, eMaf Residensia
Akuxhaphakanga ukudlwengulwa kwamadoda ngamabhinqa!
Kungenzeka ukuba amapolisa ayecinga ukuba uyaqhula ngoko angakunanza.
Mhlawumbi ayecinga ukuba ube "nethamsanqa."
Xa uzimisele ukuqhubeka uvule ityala, xela ingxaki yakho kumphathi wamapolisa.
Mxelele ukuba wayixela ingxaki yakho emapoliseni kodwa akakuhoya nokuba ufuna lo mba unikwe ingqalelo.
Indoda endincuma nayo ithandana namany' amadoda
Ndinomntwana oneminyaka emithathu nendoda endincuma nayo kodwa kowabo abakholwa ukuba ngowayo lo mntwana. Ayizange yamondla lo mntwana.
Ndisandul' ukuva ukuba le ndoda ithandana namany' amadoda, kodwa andikholwa. Sisathandana nayo kodwa ayithethi tu ngokuthandana namany' amadoda.
Ndithini"
Ndifuna yondle umntwana wayo kungenjalo ndiza kumshiya nayo lo mntwana"
Anonymous
Ingaba le ndoda iyavuma ukuba umntwana ngowayo" Yenza uvavanyo lwegazi ukuba ufuna ukubaqinisekisa ukuba umntwana ngowale ndoda ngenene.
Akuvakali ngathi usayithanda le ndoda ngoko ke mhlawumbi lixesha lokuba wahlukane nayo uqhubeke nobomi bakho.
Xa enguyise womntwana ngokwenene kufuneka amondle. Umthetho uthi kufanele ahlawule iindleko zomntwana eziquka ezokutya, ezemfundo, ezeempahla zokunxiba, ezempilo nezendawo yokuhlala.
Luxanduva lwakhe olu.
Ngumntwana wakho lo ngoko uya kuzisola xa ungamshiya ukuze akhuliswe yile ndoda.
Andiqondi ukuba le ndoda iyayazi into eyifunayo njengoko ithandana nawe kodwa ibe ithandana namanye amadoda... ucinga ukuba ingakwazi ukukhulisa umntwana ke"
Andifuni ukulala nale ndoda
Ndinama-32 eminyaka ubudala, umyeni wam uneminyaka engama-44 yaye sinabantwana ababini. Ingxaki yam kukuba akasavukelwa yaye uthi nokuba evukelwe kube yinto nje yemizuzwana.
Ndiphelelwe ngumdla wokwabelana naye ngesondo yaye loo nto iyasixabanisa kuba uthi naxa efuna ukuzama ndibe ndingafuni.
Enjalonje uyathandana apha phandle. Ndizamile ukubonisana naye ngobungozi bale nto ayenzayo kodwa wandixelela ukuba mandimshiye xa ndithanda. Ndicinga ukuzifumanela mntu wumbi endiza kumthanda.
nguME, eMiddelburg
Andiyazi into oyihlalele nale ndoda! Awusafuni ukwabelana nayo ngesondo, nihlala nixabana, iyathandana ngaphandle yaye ikuxelele ukuba uhambe uyishiye xa uthanda.
Uthando lwaphela kudala kobu budlelwane benu.
Xa ungasenamdla wokwabelana ngesondo nale ndoda yaye ucinga ukufuna umntu omtsha oza kuthandana naye, kuyacaca ukuba awusayithandi le ndoda.
Kodwa ke xa usayithanda ingxabano yenu isuswa kukungavukelwa kwayo. Le yingxaki efuna unyango loogqirha kwaye kufuneka ibonane nogqirha ukuze ifumane uncedo. Xa ufuna ukuqhubeka nothando lwenu yinike inkxaso le ndoda uyincedise xa ifuna uncedo.
Enye into efuna ingqwalasela yile yokuba iyathandana. Mhlawumbi ingavukelwa nje xa inawe yenziwa kukuba ingasakuthandi.
Kufuneka uthethe nayo le ndoda ukuze ikucacisele ukuba iphezu kwantoni na kanye.
Uza kuthini umntwana wam"
Ndineminyaka engama-33, intombi endincuma nayo inama-29 eminyaka. Saqala ukuthandana ikhulelwe umntwana wenye indoda ngo-2003. Ngoku sinowethu umntwana oneminyaka emibini.
NgoJanuwari 2006 ndifumanise ukuba isathandana noyise womntwana wayo wokuqala. Ndicinga ukwahlukana nayo kodwa ndicingela umntwana wam. Ndicela uncedo.
nguAIB, eVaalulater
Okokuqala nje kufuneka uqiniseke ukuba kwenzeka ntoni phakathi kwentombi oncuma nayo noyise womntwana wayo.
Kungenzeka ukuba akukho nto iqhubekayo phakathi kwabo okanye uza kufumanisa ukuba le ntombi ayisakuthandi sele ifuna ukwahlukana nawe ukuze iqhubeke ithandane nale ndoda.
Malunga nomntwana wakho ungafumana iingcebiso zomthetho ukuze uwazi amalungelo akho.
Uvakala ukhathazekile ngomntwana wakho kwaye xa kunjalo ungazama ukumthatha umkhulise ngokusemthethweni. [x]
Qaphelani:
USis Sarah akakwazi ukunicebisa ngeengxaki zempilo. Xa unengxaki yempilo efun' unyango yiya kucel' uncedo eklinikhi okanye kugqirha.
Ngaba unengxaki yendibano yesondo, eyothando, okanye ngxaki yimbi ebomini" Yibhale uyithumele kum Sis Sarah, ndiza kuzama ukukucebisa indlela yokuyisombulula. Ngelishwa andinakukuce-
bisa ngokukubhalela wena ngqo, kubhetele impendulo uyijonge kula makhasi.
Khumbula, xa uyivula intliziyo yakho, ndikholo ukukunceda!Idilesi yam ithi:
Sis Sarah, Box 32083, Mobeni 4060
BONA XHOSA - July 2007 109
