XHOSA.2453.yourlifeguide_heaven
UNCEDO LOMPHEFUMLO
UMfundisi George unika iingcebiso kwiingxaki zakho zomphefumlo
Ukuthandana nendoda etshatileyo
Kutheni kungalunganga ukuba nendibano yesondo nendoda etshatileyo?
Ongatshatanga, ePitoli
Bhota Mfundi: Okokuqala, akulunganga kuba iLizwi likaThixo lisitsho (1 AbaseKorinte 6:19). Okwesibini, oko kugxobhagxobha ubomi babantu, kone imiphefumlo yabo yaye kutshabalalisa imitshato neentsapho. Nawe ungagqibela uzivise intlungu nokungonwabi. Okwesithathu, okwenza kwabany' abantu kuya kwenziwa nakuwe - kaloku ivili liyajikeleza.
Balawula umyeni wam
Abantu basemzini balawula ubomi bomyeni wam. Ndingathini ukuze eve mna, ingakumbi xa ndibona ukuba bamfuna izinto angenamandla azo?
Okhathazekileyo, ePort Shepstone
Bhota Nkosikazi: Uze ungabonwa ungumntu ozama ukwahlukanisa umyeni wakho nosapho lwakowabo. Ngamaxesha onke kufuneka (a) ubonise ukumhlonipha umyeni wakho phambi kosapho lwakowabo, kwaye (b) ubonise ukuba uluxabisile yaye uyaluhlonipha usapho lwakowabo. Emva koko ke ungakuvakalisa ukungaxoli kwakho zizinto ezithile - kodwa ungatyholi mntu, koko ufune iimpendulo zeengxaki onazo. Yenza kubonakale ngathi ufuna ukubaqonda, awubaboni bengunobangela wengxaki.
Ndimxelele?
Xa ndisazi ukuba umyeni womhlobo wam uyakrexeza, ndifanele ndimxelele?
nguCynthia, eSoweto
Bhota Cynthia: Unengxaki enkulu. Awufuni ukukhathaza umhlobo wakho, kwaye awufuni nokuxabana nomyeni wakhe. Ndiyacinga kuxhomekeke ekubeni buqine kangakanani ubuhlobo benu. Ukuba ningabahlobo abasenyongweni, uya kuba uyamngcatsha xa ungamxeleli. Xa umxelela, uza kucaphuka aphinde amxolele umyeni igqithe naloo nto, kodwa yenza umyeni uya kukuxhiba. Mhlawumbi kuhle uthule ukuze ungazifaki engxakini.
Abandithandi emzini
Ndithandana nomfana ondithandayo kodwa abantu bakowabo abathandi anditshate. Bathi makatshate nebhinqa elithile abalibona limfanele. Ungumntu othanda izinto zesintu, ngoko kuye ibalulekile imbono yabazali bakhe yaye akafuni ukubaphoxa. Ndiqhubeke nokuthandana naye? Ndingathini ukuze bandithande abantu basemzini?
Okhathazekileyo, eBloemfontein
Bhota Mfundi okhathazekileyo: Kuhle ukuthandwa ngabantu basemzini. Ukubenza bakuthande okanye bangakuthandi kuxhomekeke kwizizathu ezenza bangakuthandi utshate nonyana wabo. Kuhle uluphonononge uthando lwenu uze uthabathe isigqibo, ingakumbi xa umfana engathath' icala.
Abahlobo ngabahlobo
Sithandana kakhulu nomfana endincuma naye. Kulungile ukuba ndibe nabahlobo abangabafana?
Intombi enobuhlobo, eJoburg
Bhota ntombi: Akunangxaki ukuba nabahlobo besinye isini. Kodwa ukuze kungabikho ngxaki nomntu wakho, kuhle babengumhlobo wakhe naye. Kufanele kubenjalo naxa naye enabahlobo basetyhini. [x]
Iinkolo ezahlukeneyo
Ndilibhinqa elingumKrestu ozinikeleyo. Angathini ngam uThixo xa nditshata nendoda enenkolo yama-Islam?
nguGrace, ePietermaritzburg
Bhota Grace: Ngokutsho kweBhayibhile, zizinto ezingadibaniyo ezo (2 AbaseKorinte 6:14). Kaloku ukukhanya akudibani nobumnyama. Xa nobabini ningenako ukushiya iinkolo zenu ziza kubethana ethubeni kuze oko kuvule iintanda emtshatweni wenu. Kuza kufuneka kuni kubekho oyincamayo inkolo yakhe aye kweyomnye. Umzekelo, kwinkolo yakhe uvumelekile ukutshata isithembu, ukanti kweyakho asivunyelwa isithembu (u-Amos 3:3). Uya kuvuma ke wena ukulahla inkolo yakho?
UNYANGO LOMPHEFUMLO
Ivili liyaji-keleza
Bhalela uMfundisi George: Uncedo Lomphefumlo, Box 473014, Parklands, 2121
